“Utyelelo oluvela kuYohane uMbhaptizi,” Umhlobo, EyoMdumba 2021
UMyalezo wangeNyanga Umhlobo , EyoMdumba 2021
Utyelelo oluvela kuYohane uMbhaptizi
Imizobo ngu–Apryl Stott
Ngenye imini uJoseph Smith no-Oliver Cowdery babenombuzo. Yeyiphi indlela eyayilungile yokubhaptizwa? Bathandazela ukwazi impendulo.
Ingelosi yafika. YayinguYohane uMbhaptizi. Yena wayebhaptize uYesu. Wabaxelela ukuba babedinga ububingeleli ukuze babhaptize abantu.
UYohane wasikelela uJoseph no-Oliver. Wabanika ububingeleli. Ngoku babenokubhaptiza abantu ngendlela uYesu awabhaptizwa ngayo.
UJoseph wabhaptiza u-Oliver emlanjeni. Emva koko u-Oliver wabhaptiza uJoseph. Kamva, nabanye abaninzi baye babhaptizwa nabo.
Kuba uBawo oseZulwini wayephendule umthandazo kaJoseph Smith, ububingeleli bubuyile emhlabeni! Ndingabhaptizwa njengoYesu.
Iphepha lokufakela Imibala
Singabhaptizwa
Yintoni ongayenza ukuze ulandele uYesu Krestu?
© 2021 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe e-USA. Isivumelo sesiNgesi: 6/19. Isivumelo senguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Friend Message, January 2021. Xhosa 17464 774