Umhlobo
Amagatyana Oonyana Angamagorha
EyeThupha 2024


“Amagatyana Oonyana Angamagorha,” uMhlobo, EyeThupha 2024, 26-27

Umyalezo woMhlobo weNyanga, EyeThupha 2024

Amagatyana Oonyana Angamagorha

Umfanekiso
Abantu bengcwaba izixhobo zabo emhadini

Imizobo ngu-Andrew Bosley

Abantu ababefundiswa ngu-Amon nabazalwana bakhe babefuna ukulandela uYesu Krestu. Bangcwaba izixhobo zabo baza bathembisa uThixo ukuba abasayi kuphinda balwe.

Umfanekiso
Iqela labafana lisondela kwindlu enabantu abadala abancokolayo

Kodwa kungekudala kwafuneka bakhusele iintsapho zabo. Ootata abangcwaba izixhobo zabo abazange bafune ukwaphula isithembiso sabo noThixo. Ngoko oonyana babo bazilungiselela ukulwa esikhundleni sabo. Babebizwa ngokuba ngamagatyana oonyana angamagorha abangamawaka amabini. Gatyana uthetha “mncinci.”

Umfanekiso
Umfana ethandaza nonina ngelixa abanye abafana behlanganisana bephethe izixhobo

Amagatyana angamagorha ayengazange alwe emfazweni ngaphambili. Kodwa oomama babo banceda ekubalungiseleleni kwaye babafundisa ukuthembela kuThixo.

Umfanekiso
UHilamani ekhokela amagatyana angamagorha kumngcelele; umfana uncedisa omnye umfana owenzakeleyo ukuhamba

Bakhetha uHilamani ukuba abe yinkokeli yabo. Babekhaliphile, yaye uThixo wabanceda. Bonke babebuhlungu, kodwa bancedisana. UThixo waluhlonela ukholo lwabo, yaye bonke baphila!

Iphepha lokufakela Imibala

IZibhalo Zinokundinceda Mna Yonke Imihla

Umfanekiso
Iphepha lemibala yeNcwadi kaMormoni yeziqu eziphuma kumaphepha encwadi evuliweyo

Umfanekiso ngu-Adam Koford

Leliphi ibali lesibhalo olithandayo?

Shicilela