“Yiva, Phulaphula, kwaye Nyamakela,” Kwenzelwe Ukomelezwa KoLutsha, Mqungu. 2021, 32.
UMyalezo weNyanga neNyanga oweKwenzelwe Ukomelezwa KoLutsha, EyoMqungu 2021.
Yiva, Phulaphula, kwaye Nyamekela
Uphuma kwintetho yenkomfa yajikelele kaTshazimpunzi 2020.
Elona gama lokuqala kwiMfundiso neMinqophiso lithi phulaphulani (bona IMfundiso neMinqophiso 1:1). Lithetha “ukumamela ngenjongo yokuthobela.” Ukuphulaphula kuthetha ukuba “mveni Yena”— ukuva oko uMsindisi akutshoyo ukuze ngoko ke nimamele ingcebiso yaKhe. Ngaloo mazwi mabini—“Mveni Yena”—uThixo usinika indlela yempumelelo, yolonwabo, kunye neyovuyo kobu bomi. Thina kumele sive amazwi eNkosi, siphulaphule kuwo, kwaye simamele oko Yona isixelele kona!
Singaya phi ukuze simve Yena?
Singaya kwizibhalo ezingcwele. Sinako ukumva Yena etempileni. Thina sikwamva Yena ngokucacileyo ngakumbi njengoko siphucula amandla ethu okuqonda usebezo loMoya oyiNgcwele. Kwaye, ekugqibeleni, thina siyamva Yena njengoko simamela amazwi abaprofeti, weemboni, kunye nawabatyhileli.
Yintoni eza kwenzeka njengoko usiva ngenjongo, uphulaphula, kwaye umamela oko uMsindisi akuthethileyo kunye noko Yena akuthethayo ngoku ngabaprofeti baKhe? Ndiyakuthembisa ukuba uya kusikelelwa ngamandla ongezelelweyo okujongana nesihendo, nobunzima, kunye nobuthathaka. Ndikuthembisa imimangaliso kubudlelwane bakho bosapho, kunye nasemsebenzini wakho wemihla ngemihla. Kwaye ndiyakuthembisa ukuba umthamo wakho wokuva uvuyo uya kwanda nokuba isiphithiphithi siyanda ebomini bakho.
© 2020 ngu Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe e-USA. Isivumelo sesiNgesi: 6/19. Isivumelo senguqulelo: 6/19. Inguqulelo yeMonthly For the Strength of Youth Message, January 2021. Xhosa. 17463 774