“IsiTyhilelo Esiqhubekayo,” Kwenzelwe Ukomelezwa KoLutsha, EyoKwindla 2021, 16.
UMyalezo weNyanga neNyanga wo-Kwenzelwe Ukomelezwa KoLutsha, EyoKwindla 2021.
IsiTyhilelo Esiqhubekayo
Iphuma kwintetho yenkomfa yajikelele kaTshazimpunzi 2020.
UMprofeti uJoseph Smith wafumana isityhilelo emva kwesityhilelo. Izityhilelo ezininzi ezafunyanwa nguMprofeti uJoseph saye sazigcinelwa kwiMfundiso neMinqophiso.
Ukongeza koko, thina sisikelelwe ngesityhilelo esiqhubekayo kubaprofeti abaphilayo “abazii-arhente ezichongiweyo zeNkosi, ezigunyaziselwe ukuthethela Yona.”1
Isityhilelo sobuqu sikwafumaneka nakubo bonke abo bafuna isikhokelo ngokuthobekileyo eNkosini. Sibaluleke ngokufanayo nesityhilelo sobuprofeti.
Isityhilelo sobuqu sisekelwe phezu kweenyaniso zokomoya ezifunyanwa kuMoya OyiNgcwele. UMoya OyiNgcwele ungumtyhileli nomngqini wayo yonke inyaniso, ngakumbi leyo yoMsindisi. Ngaphandle koMoya OyiNgcwele, thina besingenakukwazi ngokwenene ukuba uYesu unguKrestu. Indima yawo yokushumayela kukunika ubungqina ngaye uYise kunye noNyana kwakunye namagama Abo nozuko lwaBo.
Ndiyaniqinisekisa ukuba isikhokelo sesityhilelo singafunyanwa ngomnye nomnye wethu njengoko sisebenza ngokuzithoba kwisidiliya seNkosi.
Isicelo sam esithobekileyo sesokuba omnye nomnye wethu uya kufuna isityhilelo esiqhubekayo ukwenzela ukukhokela ubomi bethu kwaye silandele uMoya njengoko sinqula uThixo uYise noMsindisi, uYesu Krestu.
© 2021 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe e-USA. Isivumelo sesiNgesi: 6/19. Isivumelo senguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly For the Strength of Youth Message, March 2021. Xhosa. 17466 774