“Yizani Kuye,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyoKwindla 2023.
UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyoKwindla 2023
Yizani kuYe
UMsindisi usimema ukuba sibeke imithwalo yethu kuYe.
Yizani Kum
Singeza kuMsindisi ngokufunda ivangeli yaKhe, sikholwe kuYe, siguquke, senze kwaye sigcine iminqophiso, kwaye silandele umzekelo waKhe.
Nibulalekayo … nisindwayo ngumthwalo
Ukubulaleka ngokwasenyameni nokusindwa yimithwalo kungasidinisa, ngokukwanjalo ngokwasengqondweni, ngokweemvakalelo, nangokomoya. UMsindisi usinika uxolo lwaKhe, nokuba loluphi uhlobo lwemithwalo esinokuyithwala.
idyokhwe
Idyokhwe sisixhobo sokudibanisa izilwanyana ezimbini ukuze zikwazi ukurhuqa umthwalo kunye, njenge khuba okanye inqwelo. Idyokhwe idla ngokuba nomqadi wokhuni obekwe emagxeni esilwanyana ngasinye, owabela umthwalo ngokulinganayo.
funda
Sinokufunda ngoYesu Krestu ngokufunda iimfundiso zaKhe kunye nomzekelo waKhe—kwaye nangokuzama ukuzilandela.
uphumlo
Uphumlo loMsindisi luxolo lwaKhe, oluzolisa iingqondo zethu kunye nomoya wethu. Uyasinceda ukuba soyise amaxhala ehlabathi yaye uyasomeleza ngokomoya xa siziva sibuthathaka.
imnandi … ilula
Ukuthabathela idyokwe yoMsindisi kuthi kuthetha ukuzibophelela kwethu kuYe ngeminqophiso. Kuthetha ukunikezela iintliziyo zethu kuYe nakumsebenzi waKhe. Xa sisenza oku, imithwalo yethu ivakala lula kuba Uyasincedisa.
© 2023 ngu “Intellectual Reserve Inc.” Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly For the Strength of Youth Message, March 2023. Language. 18905 774