“Vula Intliziyo Yakho kuMoya oyiNgcwele,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, Tshazimpunzi 2023.
UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha Tshazimpunzi 2023
Vula Intliziyo Yakho kuMoya oyiNgcwele
Ivela kwintetho yenkomfa yajikelele kaTshazimpunzi 2018
Ngelixesha elimisiweyo lepasika, ndiyambulela uBawo wethu oseZulwini ngomnikelo woNyana waKhe oyiNtanda, oweza emhlabeni ngokuzithandela ezokubanguMhlanguli wethu. Ndiyabulela ukwazi ukuba wahlawulela izino zethu kwaye wavuka kuvuko. Yonke imihla ndisikelelekile ukwazi ukuba, ngenxa yomnikelo waKhe, ngenye imini ndisenokuvuswa ndiphile unaphakade kusapho elinothando.
Ndiyazazi ezizinto ngeyona ndlela iyodwa nabani na kuthi anokuzazi ngayo. UMoya oyiNgcwele uthethile engqondweni nasentliziyweni yam ukuba ziyinyani—hayi nje kanye kodwa rhoqo.
Sinesithembiso esinexabiso elikhulu soMoya oyiNgcwele njengomlingane. Uxanduva lwethu kukukhetha ukuvula iintliziyo zethu sifumane isalathiso ngokomoya kunye nentuthuzelo kuMoya oyiNgcwele kubomi bonke.
Isigqibo sokuqala kukuzithoba phambi koThixo.
Isigqibo sesibini kukuthandaza ngokholo kwiNkosi uYesu Krestu.
Isigqibo sesithathu kukuthobela ngokuthe ngqo.
Kwaye esesine kukuthandezela ukwazi izidingo neentliziyo zabanye nendlela yokubancedela iNkosi.
Ndithandaza ngayo yonke intliziyo yam ukuba uzakuliva ilizwi loMoya, othunyelwe kuwe ngesisa. Kwaye ndiyathandaza ukuba uzokuyivula intliziyo yakho rhoqo ufumane uMoya ukuze ube novuyo lokubanaYe nawe rhoqo njengomlingane.
© 2023 yi Intellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Ishicilelwe eUSA. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly For the Strength of Youth Message, April 2023. Language. 19006 774