“Getsemane,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, Tshazimpuzi 2023.
Iindawo ukusuka kwiziBhalo
Getsemane
Funda ngakumbi ngendawo apho iimbandezelo zoMsindisi ngenxa yethu zaqala khona.
Iphi?
Kwithambeka leNtaba yemiNquma, kwimpuma yeYerusalem (ekunene kulo mzekeliso, kuphawulwe ngomthi omkhulu kakhulu).
Yintoni Eyayilapho?
Igcume lemithi yomnquma mhlawumbi nesixovulelo sokufumana i-oli kwiminquma.
Kwenzeka Ntoni Apha?
Emva kweSidlo sangokuhlwa sokuGqibela, uYesu Krestu wahamba nabaPostile baKhe abalishumi elinanye ukuya eGetsemane. Yena emveni koko waya ecaleni eyokuthandaza kwaye wathatha uPetros noYakobi noYohane kunye naYe.
“Waqalisa ukukhwankqiswa kakhulu, kunye nokuba nzima kakhulu.” Wathi, “Umphefumlo wam ubuhlungu ngokunzulu, ngokokude ube sekufeni” (Marko 14:33–34).
Yena wathandaza, “Bawo, ukuba uyavuma, mayidlule le ndebe kum: kodwa makungabi kukuthanda kwam, kodwa okwakho okwenzekayo.
“Yaye kwabonakala ke kuye isithunywa esivela ezulwini, simomeleza.
“Uthe ke, eneminzunzu, kwaba kukhona athandaza enyamekile; yaye ukubila kwakhe kwaba njengamathontsi egazi esiwa emhlabeni.” (Luke 22:42–44).
Emva koku kubandezeleka kabukhali koMsindisi, Wangcatshwa nguYudas waza wabanjwa ngamagosa angamaYuda kunye neqela lamajoni aseRoma.
Gethsemane [Getsemane], nguMichael Malm
© 2023 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eUSA. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly For the Strength of Youth Message, June 2023. Language. 19026 773