“Iintsuku eziSixhenxe Zokwabelana,” Kwenzelwe Ukomelezwa uLutsha, EyeKhala 2023.
UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyeKhala 2023
EziSixhenxe iiNtsuku Zokwabelana
Ungabelana ngevangeli ngeendlela eziqhelekileyo nezendalo. Ingaba uwulungele umngeni?
Xa sithetha ngokwabelana ngobugqina bethu, sihlala sicinga ngokunikezela ubungqina kumhlangano womthendeleko okanye esinye isicwangciso esisesikweni. Kodwa siye sakhuthazwa ukuba “sikhangele amathuba okuza nokholo lwethu ngeendlela eziqhelekileyo nezendalo.”1
Kumngeni weentsuku ezisixhenxe ngezantsi, unako ukwabelana ngobakho ubungqina ngendlela eyahlukileyo yonke imihla yeveki. Ungazenza ezi zinto nangalo naluphi ulandelelwano, okanye unako nokuza nezakho iingcinga! Ingaba uwulungele umngeni?
Usuku 1: IBandla
Cinga ngokunika ubungqina bakho kumhlangano wozilo kutya nobungqina ebandleni ukuba leyo yinto okhululekileyo ngayo. Ukuba akunjalo, unako kananjalo ukwabelana ngobungqina bakho kwibandla ngokuthi uthathe inxaxheba kwiiklasi zakho ngeCawa nakwiSeminari. Izimvo owabelana ngazo phaya zinokuphakamisa abanye zize zomeleze ubungqina babo nobakho ngokunjalo
Usuku 2: Abahlobo
Ufunde ntoni ebandleni ngeCawe? Uyithandile into omnye abelane ngayo kwintetha yomhlangano womthendeleko okanye kwingxoxo yeklasi yakho? Mhlawumbi iculo lokuvula libe lelinye lamaculo owathandayo. Xelela umhlobo ngalo! Emveni koko buza ngempelaveki yabo.
Usuku 3: Amakhasi Onxibelelwano
Amakhasi onxibelelwano yindawo enkulu yokwabelana ngezinto zomoya ngokuqhelekileyo nangendalo. Kule mini yomngeni, cinga ngokwabelana ngeposi malunga:
-
Enye yeevesi ozithandayo yezibhalo
-
Inqaku eliphakamisayo elivela kwinkomfa yajikelele.
-
Ingcinga yokomoya okanye amava.
-
Into oyithandayo okanye oyibulelayo ngoMsindisi.
-
Indlela Yena akuncede ngayo kutsha nje okanye umgangatho owuthandayo kuYe kwaye nokuba kutheni.
Usuku 4: Umbhalo okanye Umboniso bhanya-bhanya
Thumela umyalezo ophakamisayo kumhlobo ngombhalo okanye umboniso bhanya-bhanya. Unokwabelana ngentetha yenkomfa ocinga ukuba bangayithanda, baxelele into oyibulelayo ngabo, okanye wabelane ngokholo lwakho kuYesu Kresru. Umzekelo, banako ukudinga ukwazi ngothando lukaYise Osezulwini analo ngabo. Unako ukubaxelela nangobuqu!
Usuku 5: Inkonzo
Usenokuzibuza ukuba ukukhonza abanye kunokuba yindlela njani na yokwabelana ngobungqina bakho. UMpostile uPawulosi waxelela uTimoti, “Ube ngumzekelo wabakholwayo ngentetho, ngehambo, ngothando, ngokholo, ngobunyulu” (1 Timoti 4:12). Ngoko unako ukubonisa iinkolelo zakho ngemizekelo yakho ngokuthi uncede abanye njengoko uMsindisi enokubanceda.
Usuku 6: Ubugcisa
Ngamanye amaxesha abantu basebenzisa ubugcisa njengendlela eyahlukileyo yokwabelana ngeengcinga neemvakalelo zabo. Unako ukusebenzisa imizobo, imifanekiso eqingqiweyo, umbongo, umculo, okanye naluphi na uhlobo lobugcisa ukwabelana ngendlela oziva ngayo ngoYesu Krestu nevangeli Yakhe.
Usuku 7: Iincoko Eziqhelekileyo
Sukoyika ukukhankanya iinkolelo zakho kwiizicwangciso eziqhelekileyo, njengoko ubuya kwabelana ngezinye iingcinga onazo malunga nesihloko esinikiweyo.
Ungakwazi, kanjalo, ukuthetha ngemisebenzi yeBandla okanye isibhalo osifundileyo kutshanje, kodwa ingakwazi ukukhululeka ngakumbi kunoko. Umzekelo:
-
Ukuba uziva uphefumlelwe yindalo, bonisa umbulelo wakho ngendalo kaThixo komnye umntu.
-
Mhlawumbi uye wanamava ngokwasemoyeni anikeza umdla kutshanje. Xelela isihlobo ngawo ukuba awasondelanga kakhulu kuwe.
-
Fumana imizekelo yevangeli kwincwadi okanye umboniso bhanyabhanya owuthandayo, kwaye wabelane ngeengcinga zakho.
Eqhelekileyo kunye neNdalo
Njengoko ufumana iindlela ezahlukeneyo zokwabelana ngeenkolelo zakho, izakuba yinto yendalo ngakumbi nangakumbi kuwe into yokwenza njalo. Iqathalala ekuqalekeni, kodwa kulungile! Khumbula, ubungqina bakho ngokwabo sele buyindalo kuwe—buyinxalenye bomntu onguye. Ukwabelana ngabo kungayindalo nako. Konke okufunekayo kukuyibonakalisa ngakumbi usuku ngalunye.
Ingaba uzokwabelana njani ngobungqina bakho namhlanje?
© 2023 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eUSA. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly For the Strength of Youth Message, July 2023. Language. 19026 774