“Funa Ukuqonda,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyeThupha 2023.
Umyalezo wangeNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyeThupha 2023
Funa Ukuqonda
Ivela kwintetho yenkomfa yajikelele kaTshazimpunzi 2019
Injongo yethu njengokuba sifuna ukuqonda ivangeli kaYesu Krestu kufuneka ibe kukwandisa ukholo kuThixo nakwicebo laKhe elingcwele lolonwabo nakuYesu Krestu nedini laKhe lentlawulelo nokuzuza ehlala ihleli inguquko. Ukholo olongezelelekileyo olunjalo nenguquko iya kusinceda senze kwaye sigcine iminqophiso noThixo, ngaloo ndlela someleza umnqweno wethu wokulandela uYesu kwaye sivelise utshintsho lokwenene lokomoya kuthi. Olu tshintsho luya kusizisela ubomi obonwabisayo ngakumbi, obunemveliso, nobusempilweni ngakumbi yaye lusincede sihlale sinombono ongunaphakade.
Ukufezekisa oku, kufuneka sihlale kuYesu Krestu zintywilisela thina kwizibhalo, sizivuyele kuzo, sifunda imfundiso yaKhe, kwaye sizame ukuphila ngendlela Yena awayephila ngayo. Kungoko kuphela apho siya kuthi simazi Yena kwaye siqonde ilizwi laKhe, sisazi ukuba njengoko siza kuYe kwaye sikholelwa kuYe, asisayi kulamba okanye sinxanwe (bona Yohane 6:35).
Oko akwenzeki ngethuba Ukuvisisana nathi nezona mpembelelo ziphakamileyo zobuthixo akuyonto ilula; kufuna ukubiza uThixo kwaye sifunde indlela yokuzisa ivangeli kaYesu Krestu embindini wobomi bethu.
Ndiyangqina kuni ukuba xa ngokunyanisekileyo, ngentliziyo, ngokuqinileyo nangokunyaniseka sifuna ukuqonda ivangeli kaYesu Krestu kwaye siyifundisa omnye nomnye ngenjongo yokwenyani naphantsi kwempembelelo yoMoya, ezi mfundiso zinokutshintsha iintliziyo kwaye zivuselele umnqweno wokuphila ngokweenyaniso zikaThixo.
© 2023 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eUSA. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly For the Strength of Youth Message, July 2023. Language. 19026 774