“Ngoku uKrestu uvukile” Okwenzelwe Ukomeleza Ulutsha, EyoMsintsi 2023
UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyoMsintsi 2023
Ngoku uKrestu Uvukile
Funda oko umPostile uPawulos wakufundisayo ngovuko lukaYesu Krestu.
yintlahlela yabalele ukufa
UYesu Krestu wafa emnqamlezweni, wabekwa engcwabeni, wavuka kwabafileyo ngosuku lwesithathu.
intlahlela yabalele ukufa
Igama lesiGrike elisetyenziswe apha intlahlela lithetha isivuno sokuqala sonyaka. Yeyokuqala ukuvunwa—eyokuqala yokungakumbi okuzayo.
Ibinzana yabalele ukufa lithetha “abo bafayo.”
UYesu Krestu wayengowokuqala ukuvuswa, kwaye emva koVuko lwaKhe, bonke abantu baya kuvuswa.
ngomntu kweza ukufa
Oku kuthetha ngo-Adam. Ukuwa kwakhe kwakuthetha ukuba bonke abantu ababeza kuza ehlabathini babeza kufa. (Bona Moses 4.)
kuKrestu bonke baya kwenziwa baphile
Ngenxa yoVuko lukaYesu Krestu, abantu bonke bayakuvuswa. Oko kuthetha ukuba wonk’ ubani owakhe waphila okanye oya kuze aphile uyakuvuswa. Imimoya yethu iyakuhlangana kwakhona nemizimba yethu, kwaye imizimba yethu iyakufezeka kwaye ingabi nakufa. (Bona Alma 11:43–45.)
© 2023 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly For the Strength of Youth Message, September 2023. Language. 19047 000