“Thabatha uMoya ube nguMkhokeli Wakho,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyeDwarha. 2023.
Umyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyeDwarha 2023
Thabatha uMoya ube nguMkhokeli Wakho
Ivela kwintetho yenkomfa yajikelele kaTshazimpunzi 2017.
UBawo wethu waseZulwini wayesazi ukuba kubomi basemhlabeni siyakujongana nemingeni, iimbandezelo, nezidubedube; Yena wayesazi ukuba siyakulwa nemibuzo, ukuphoxeka, izilingo nobuthathaka. Ukusinika amandla okufa nesikhokhelo sobuthixo, Yena wasinika uMoya oyiNgcwele.
Ngomsebenzi ongcwele, uMoya uyaphefumlela, uyangqina, uyafundisa, kwaye uyasichukumisa ukuba sihambe ekukhanyeni kweNkosi. Sinoxanduva olungcwele lokufunda ukuqaphela impembelelo yaKhe ebomini bethu kwaye sisabele.
Siyenza njani loo nto?
Okokuqala, sizama ukuphila ngokumfaneleyo uMoya.
Okwesibini, kufuneka sikulungele ukwamkela uMoya.
Okwesithathu, kufuneka siqonde uMoya xa ufika.
Okwesine, kufuneka sithathe Inyathelo kweyokuqala inkcukumiso.
Yanga singaluthabatha ngondileko ubizo lweNkosi , “Yomelelani, kuba ndiya kunikhokela” (IMfundiso neMinqophiso 78:18). Yena usikhokela ngoMoya oyiNgcwele. Yanga singaphila kufutshane noMoya, sithatha inyathelo ngokukhawuleza kwiinkcukumiso zethu zokuqala, sisazi ukuba zivela kuThixo. Ndinika ubungqina bamandla oMoya oyiNgcwele wokusikhokela, usikhusele, kwaye uhlale unathi.
© 2023 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly For the Strength of Youth Message, October 2023. Language. 19048 774