“Abafileyo Baya Kuma phambi koThixo” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyoMnga 2023.
UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza Ulutsha, EyoMnga 2023
Abafileyo Baya Kuma phambi koThixo
Kwisityhilelo sakhe, uYohane wabona uMgwebo wokuGqibela.
abafileyo, abancinane nabakhulu, bema phambi koThixo
Amandla oVuko lukaYesu Krestu azisa bonke abantu ebusweni bukaThixo ukuba bagwetywe (bona Alma 11:42–44; 33:22; 40:21; Hilamani 14:15–17; Mormoni 9:13–14).
zavulwa incwadi
Ezi ncwadi zimele iirekhodi ezigcinwe emhlabeni zento eyenziwa ngabantu emhlabeni ukulandela indlela yomnqophiso (bona IMfundiso neMinqophiso 128:7).
incwadi yobomi
“Ngendlela enye iNcwadi yoBomi iingcinga nezenzo zomntu zizonke—irekhodi yobomi bakhe. Nangona kunjalo, izibhalo zikwabonisa ukuba irekhodi yasezulwini igciniwe yabathembekileyo, kuquka namagama abo neengxelo zezenzo zabo zobulungisa” (Guide to the Scriptures, “Book of Life,” scriptures.ChurchofJesusChrist.org).
kugwetyiwe
UMgwebo wokuGqibela uza emva kokuba abantu bevusiwe. UYesu Krestu uya kuba nguMgwebi womntu ngamnye. Lo mgwebo uya kumisela uzuko olungunaphakade umntu ngamnye aya kulufumana. (See Guide to the Scriptures, “Judgment, the Last,” scriptures.ChurchofJesusChrist.org; Alma 41:3–5; IMfundiso neMinqophiso 88:26–32.)
ngokwemisebenzi yabo
Umntu ngamnye uya kugwetywa ngoko bakwenzileyo kunye noko bakunqwenelayo (bona IMfundiso neMinqophiso 137:9). Baya kugwetywa ngokuba babeyithobela na imiyalelo kaThixo baza benza ngokuvisisana nako nakuphi na ukukhanya nenyaniso abayifumana kobu bomi.
© 2023 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo yo Monthly For the Strength of Youth Message, December 2023. Language. 19049 774