Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha
Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha: UMyalezo woMsindisi Kuwe.
EyoKwindla 2024


“Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha: UMyalezo woMsindisi Kuwe,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyoKwindla 2024.

UMyalezo wangeNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyoKwindla 2024

Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha: UMyalezo woMsindisi Kuwe

Esi sikhokelo sikunceda ukuqhagamshele ukhetho lwakho kuYesu Krestu nemfundiso yaKhe.

Umfanekiso
UYesu Krestu

I Stand at the Door and Knock [Ndimi emnyango ndiNkqonkqoza], ngu J. Kirk Richards

Khawucinge ngokungathi uphila kwiGalili yamandulo, kwiminyaka engama-2000 eyadlulayo. Wena nabahlobo bakho niye wamenywa kwinkonzo yolutsha kwindlu yesikhungu yasekuhlaleni, enesithethi esikhethekileyo: uYesu waseNazarete. Kwaye kwinqanaba elithile lomyalezo waKhe, uYesu umema ulutsha olukubaphulaphuli ukuba lubuze Yena imibuzo.

Hlobo luni lwemibuzo ocinga ukuba unokuluva?

Ndicinga ukuba imibuzo ethile iya kubonisa inkcubeko neemeko zelo xesha. Kodwa ndikholwa ngokwenene ukuba uninzi lwayo luya kuvakala njengemibuzo esinayo namhlanje

Umzekelo, kwiTestamente eNtsha, abantu babuza uMsindisi imibuzo enjengale:

  • Ndidinga ntoni na ukuze ndibudle ubomi obungunaphakade?1

  • Ingaba ndamkelwe? Ingaba ndingowakhona?2

  • Ukuba umzalwana wam undona, ndomxolela kangaphi na?3

  • Kuya kwenzeka ntoni kweli hlabathi kwixesha elizayo? Ingaba ndiyakukhuseleka?4

  • Ungabaphilisa abo ndibathandayo?5

  • Yintoni na yona inyaniso?6

  • Ndazi njani ukuba ndihamba ngendlela elungileyo?7

Asimangaliswa xa sisonke yile nto inye amaxesha ngamaxesha? Ngaphezulu kwamakhulu eminyaka, imibuzo ayitshintshanga kakhulu. Kwaye nemfesane yoMsindisi ayitshintshanga ukuya kwabo bayibuzayo. Yena uyayazi indlela ubomi obukhathaza nobubhidisa ngayo. Yena uyayazi indlela ekulula ngayo ukulahlekwa yindlela yethu. Yena uyayazi ukuba siyakhathazeka ngamanye amaxesha malunga nekamva. Kwaye Yena uthi kuwe nam, njengoko watshoyo kubalandeli baKhe mandulo:

  • “Iintliziyo zenu mazinga khathazeki.”8

  • “Ndim indlela,[ kwaye] ndim inyaniso.”9

  • “Undilandele.”10

Xa unokhetho olubalulekileyo okufuneka ulwenzile, uYesu Krestu nevangeli yaKhe ebuyiselweyo lolona khetho lungcono. Xa unemibuzo, uYesu Krestu nevangeli yaKhe ebuyiselweyo lolona khetho lungcono.

Siso esisizathu ndiyithanda For the Strength of Youth: A Guide for Making Choices. Isikhombisa ingqalelo yethu kuYesu Krestu ukuze sibe nokufumana amandla aKhe. Ngalo lonke ixesha ndizigcinela ikopi epokothweni. Xa ndidibana nabantu kwihlabathi jikelele abafuna ukwazi ukuba kutheni thina, njengamalungu eBandla likaYesu Krestu sisenza le nto siyenzayo, ndabelana nabo ngesi sikhokelo.

Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha ifundisa iinyanso zanaphakade malunga noMsindisi neNdlela yaKhe Yona imema ukuba wenze ukhetho olusekelwe kwezo nyaniso. Kwaye yona yabelana ngeentsikelelo ezithenjisiweyo athi Yena azidlulisele kwabo balandela Yena Nceda funda, ucingisise, kwaye wabelane ngesi sikhokelo!

Mema Yena Ngaphakathi

UYesu Krestu ufuna ukuba yinxalenye yobomi bakho—ubukho bemihla ngemihla rhoqo, ngamaxesha alungileyo nangalunganga. Akemanga nje esiphelweni sendlela, elindele wena ude uze kufika kuYe. Yena uza kuhamba nawe kwinyathelo ngalinye lendlela. Yena uyi Ndlela!

Kodwa Yena akazi kuyinyazela indlela yaKhe ebomini bakho Nguwe ommema ukuba angene, ngokhetho lwakho. Kungoko isikhokelo sokwenza ukhetho, njengo Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, sixabiseke kangaka. Lonke ixesha usenza ukhetho olulungileyo olusekwe kwiinyaniso zanaphakade zoMsindisi, ubonisa ukuba ufuna Yena ebomini bakho. Olo khetho luvula amasango ezulu, kwaye amandla aKhe aza egalelwa ebomini bakho.11

Yenza uqhagamshelwano oluluqilima.

Usenokukhumbula ukuba uMsindisi wafanekisa abo beva kwaye bawenze amazwi akhe nendoda eyingqondi “[eyo]khelayo elulwalweni indlu yayo.” Yena wacacisa:

“Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe elulwalweni.”12

Indlu ayisindi kwisiphango ngenxa yokuba indlu yomelele. Kananjalo ayisindi ngenxa yokuba iliwa lomelele. Indlu iyasinda kwisiphango ngenxa yokuba idityaniswe ngokuqinileyo kwiliwa elomeleleyo. Kukomelela koqhagamshelwano kwiliwa okubalulekileyo.

Ngokufanayo, njengokuba sisakha ubomi bethu, kubalulekile ukwenza ukhetho olulungileyo. Kwaye kubalulekile ukuqonda inyaniso yanaphakade yoMsindisi. Kodwa amandla esiza kuwadinga ukumelana neziphango zobomi ziza xa siqhagamshela ukhetho lwethu noYesu Krestu nemfundiso yaKhe. Yinto Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha okuisinceda ukuba siyenze.

Umzekelo, abahlobo bakho banokwazi ukuba uyazama ukungasebenzisi ulwimi olukhubekisayo okanye olubi. Banokukubona ufikelela kula mntwana esikolweni abanye abaninzi bangamhoyiyo okanye bamxhaphazayo. Kodwa ingaba bayayazi na ukuba wena wenza olu khetho ngenxa yokuba uYesu Krestu wafundisa ukuba “bonke abantu bangabazalwane noodade bakho—kuquka … abantu abohlukileyo kuwe”?13

Abahlobo bakho banokwazi ukuba wena uya ecaweni zonke iiCawa. Banakho ukuqaphela xa ucima ingoma ethile okanye wale isimemo sokuya kubukela umboniso bhanya-bhanya othile. Kodwa ingaba bayayazi na ukuba wenza olu khetho ngenxa yokuba “unobudlelwane bomnqophiso wovuyo noBawo waseZulwini noYesu Krestu,” kwaye oko njenge nxalenye yesiibophelelo ekulandeleni uMsindisi unombulelo “ukuba noMoya oyiNgcwele njenge qabane elihlala lihleli nawe”?14

Abantu banokwazi ukuba awuseli okanye awutshayi okanye awusebendisi ziyobisi. Kodwa ingaba bayayazi na ukuba wena wenza olu khetho ngenxa yokuba uYesu Krestu wafundisa ukuba “umzimba wakho ungcwele” “sisipho esimangalisayo esivela kuBawo waseZulwini,” esenziwe ngokomfuziselo waKhe?15

Abahlobo bakho banokwazi ukuba akuyi kusebenzisa maqhinga okanye uxoke kwaye nokokuba uyithathela ingqalelo imfundo Kodwa bayazi ukuba oku kungenxa yokuba uYesu Krestu wafundisa ukuba “inyaniso iya kunikhulula”?16

Ngaphezu koko, ingaba abahlobo bakho bayayazi ukuba wenza olu khetho lungathandwayo ngamanye amaxesha ukuhlala enyanisweni kwimigangatho kaKrestu ngenxa yokuba uyazi ukuba “uYesu Krestu ungamandla akho”?17

Yena Ungamandla Enu

Ndininika ubungqina bam obunyanisekileyo ukuba uYesu Krestu uyindlela eya kwikamva eliqaqambileyo nelizukileyo—ikamva lenu Kwaye kananjalo Yena uyiNdlela eya kubukho obuqaqambileyo nobuzukileyo. Hambani endleleni yaKhe, kwaye Yena uyakuhamba nani. Ningayenza lento!

Bahlobo bam abaselula abathandekayo, uYesu Krestu ungamandla enu. Qhubekani nihamba naYe, kwaye Yena uyakuninceda ninyuke “ngamaphiko njengeenkozi”18 ukuya kuvuyo lanaphakade Yena anilungisele lona.

Shicilela