Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha
Ubudlelwane Obunamandla
EyeThupha 2024


Umyalezo wangeNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyeThupha 2024

Ubudlelwane Obunamandla

Umnqophiso ungaphezu kwesivumelwano; bubudlelwane.

Umfanekiso
izitulo eziluhlaza

Ndisenawo umfanekiso wezitulo eziluhlaza ababehleli kuzo uMdala uPistone noMdala uMorasco ngelixa babefundisa usapho lwam kwikhaya lethu eArgentina. Bafundisa ngamandla okomoya kangangokuba mna nodade wethu owayeneminyaka eli-10 ubudala (iminyaka eyi-9) sasibaleka siye kubamba izitulo emva kokuba bemkile, ngethemba lokuba amandla aya kuphethukela kuthi.

Kungekudala ndafunda ukuba amandla ayengaphumi kwizitulo kodwa kukuba nobudlelwane bomnqophiso noThixo noYesu Krestu.

Amava am Obhaptizo

Ndenza umnqophiso wam wokuqala ngeyeNkanga 13, 1977. Andikhumbuli kakhulu malunga nokubhaptizwa kwam, kodwa ndikhumbula uMdala uPistone endincedisa emanzini kwaye uMdala uMorasco endiqinisekisa ngelixa iinwele zam zazisemanzi. Ndikwakhumbula uvuyo endaluvayo njengokuba abahlobo abatsha bewadi bandiwola kwaye bencamisa ngendlela yase-Argentina nomnqweno onamandla endawuvayo wokuba yintombi ethembekileyo kaBawo waseZulwini.

Umfanekiso
usapho kubhaptizo

UDade oselula uSpannaus (ophakathi) nabazali bakhe (ngasekhohlo), udade wabo uSilvina (ekunene), noMdala uMorasco.

Kamva ndaye ndabona ukuba uvuyo endaluvayo lwaluvela kwisipho soMoya oyiNgcwele. Ndafunda ukuba njengokuba ndandiyigcina ngokunyanisekileyo iminqophiso yam noThixo, uMoya uyakuba nam. UMoya oyiNgcwele uyenye yeentsikelelo ezinamandla ezivela kubudlelwane bomnqophiso noThixo noYesu Krestu.

Ngoku, kwanaxa izizathu, iingcinga, nezenzo zam zisilela, ndinethemba lokuqhubeka ndizama. Ngoba? Ngokuba ukuthatha inxhaxheba kumthendeleko kwenza ukuba ndikwazi ukuhlaziya iminqophiso yam kwaye ndenze iminqophiso emitsha qho ngeveki. Ndinombulelo ngaloo ntsikelelo.

Ubudlelwane Obufudumeleyo, boMnqophiso

Sihlala sisiva ukuba iminqophiso zizithembiso ezimbini phakathi kwethu noThixo. Ngelixa oko kuyinyani, oku akuphelelanga apho. Enyanisweni, “ukugcina umnqophiso ayiloshishini elibandayo kodwa bubudlelwane obufudumeleyo.”

Ke ubenza njani ubudlelwane bomnqophiso noBawo waseZulwini noMsindisi? Sele bekuthanda ngokugqibeleleyo kwaye bafuna ukukusikelela (bona 3 Nifayi 14:11). Kodwa nabuphi na ubudlelwane obubini buthatha ixesha nothando kumacala omabini.

Ngaba uyafuna ukuchitha ixesha elininzi kunye naBo? Xa usenza izinto Bona ebebeya kuzenza, uhamba kunye naBo! Oko kusenokuba lula njengokuphulaphula kumhlobo wakho ngexesha elinzima, ukuzenzela ixesha lokudlala nomntakwenu, okanye kuquka nomntu oziva elilolo. Kutshanje, ndiye ndachitha ixesha ndihamba noThixo ngokubhala imiyalezo yelizwi nokuthumela imiyalezo kumhlobo wase-Argentina owayeziva elilolo. Ndiye ndagqiba kananjalo ekubeni ndihlale maxesha onke ndiyigcine imvume yam yetempile isebenza ukuze ndichithe ixesha kunye neNkosi endlwini yaYo engcwele. Ungathandazela izimvo eziyakunceda ukuba uchithe ixesha noBawo waseZulwini noMsindisi wakho.

Ngaba uyafuna ukubabonisa Bona ukuba uyakhathala? Phatha imithetho onqophisene ngayo njengendlela yokubonakalisa uthando lwakho, hayi njengoluhlu lwemithetho. Umzekelo, ukuphila iLizwi loBulumko, ndafunda indlela yokupheka ukutya okunempilo. Ngoku ndifundisa iintombi zam ukuba zenze okufanayo. Njengoko ngokuzithandela ugcina imiyalelo kaThixo, uthando lwakho ngaYe noMsindisi luyakukhula.

Ubudlelwane bethu bomnqophiso noBawo waseZulwini noYesu Krestu buya kusinceda ukuba sibazi Bona ngcono kwaye sibe nokufikelela ngakumbi kumandla Abo ebomini bethu—ngaphezu kwayo nantoni na izitulo eziluhlaza ezinokusinika. Kwaye loo mandla asitshintsha ngonaphakade!

Phawula

  1. Ann M. Madsen, eTruman G. Madsen, The Temple: Where Heaven Meets Earth (2008), 69.

Shicilela