Ithala Leencwadi
Qhubekeka Ngomonde


Qhubekeka Ngomonde

Izifundo esizifunda kumonde ziya kuhlakulela isimilo sethu, ziphakamise ubomi bethu, kwaye zinyuse ulonwabo lwethu.

Ngoo-1960, unjingalwazi kwiYunivesithi yaseStanford waqala ilinge elithozamileyo ngokuvavanya amandla omdla wabantwana abaneminyaka emine ubudala. Ubeke phambi kwabo imarshmallow enkulu kwaye ke wabaxelela ukuba banokuyitya ngoko nangoko okanye, ukuba balinde imizuzu eli-15, banokufumana ii-marshmallow ezimbini.

Uye ke wabashiya abantwana bodwa kwaye wabukela okwenzekileyo emva kwesipili esibonisa macala. Abanye babantwana bazitya ii-marshmallow kwangoko; abanye babe nokulinda nje imizuzwana embalwa ngaphambi kokunikezela esilingweni. Yayi ngaba ngama-30 ekhulwini kuphela abakwaziyo ukulinda.

Yayiluvavanyo olunomtsalane, kwaye unjingalwazi waya kwezinye iindawo zophando, kuba, ngamazwi akhe, “zininzi kakhulu nje izinto onokuthi uzenze nabantwana ukuzama ukungatyi ii-marshmallow.” Kodwa njengoko ixesha lihamba, wagcina umkhondo wababantwana kwaye waqala ukubona unxibelelwano olunomdla: abantwana ababengakwazi ukulinda batsala nzima ebomini kwaye baneengxaki zokuziphatha, ngelixa abo babelindile babebonakala benethemba kwaye bekhuthazekile, benamabanga aphezulu kunye nengeniso, kwaye banobudlelwane obunempilo.

“Okwaqala njengelinge elilula nabantwana kunye ne-marshmallow kwaba sisifundo esibalulekileyo esibonisa ukuba ukukwazi ukulinda—ukuba nomonde—luphawu oluphambili olunokuqikelela impumelelo kamva ebomini.”1

Ukulinda Kunokuba Nzima

Ukulinda kunokuba nzima. Abantwana bayayazi, ngokunjalo nabantu abadala. Siphila kwihlabathi elinikezela ngokutya okukhawulezayo, imiyalezo ekhawulezileyo, imiboniso bhanyabhanya, kunye neempendulo ezikhawulezayo kweyona ingabalulekanga okanye enzulu imibuzo. Asikuthandi ukulinda Abanye bade bazive uxinzelelo lwegazi lusonyuka xa umgca wabo kwivenkile ethengisa ukutya uhamba kancinci kunabo babangqongileyo.

Umonde—ukubanakho ukubeka iminqweno yethu okwe xeshana—yinto exabisekileyo kwaye elungileyo nenqabileyo. Sifuna le nto siyifunayo, kwaye siyifuna ngoku. Ke ngoko, lo mbono womonde unokubonakala ungathandeki kwaye, ngamanye amaxesha, ukrakra.

Nangona kunjalo, ngaphandle komonde, asinako ukumkholisa uThixo; asinako ukugqibelela Ngenene, umonde yinkqubo yokucoca ephucula ukuqonda, yenze nzulu ulonwabo, igxile kwisenzo, kunye nokunika ithemba loxolo.

Njengabazali, siyayazi indlela ekungebobulumko ngayo ukuvumela yonke iminqweno yabantwana bethu. Kodwa abantwana asingabo kuphela abafekethiswayo xa behlanjwa ngokwaneliseka kwangoko nangoko. UBawo wethu waseZulwini uyazi ukuba yintoni abazali abalungileyo abayiqondayo ngokuhamba kwexesha: ukuba abantwana baya kuhlala bekhula kwaye bafikelele kwisakhono sabo, kufuneka bafunde ukulinda.

Umonde Ayikokulinda Nje Kuphela

Xa ndandineminyaka eli-10 ubudala, usapho lwam lwaba ziimbacu kwilizwe elitsha. Ndandihleli ndingumfundi olungileyo esikolweni—yaba koko, de safika kwiNtshona Jamani. Apho, amava am emfundo ayehlukile kakhulu. IGeography esasiyifunda kwisikolo sam yayiyinto entsha kum. Imbali esasiyifunda nayo kananjalo yayohluke kakhulu. Ngaphambili, ndandifunda isiRashiya njengolwimi lwesibini; ngoku, yayisisiNgesi. Oku kwakunzima kum. Ngokwenene, akhona amaxesha apho ndandiye ndikholelwe ukuba ulwimi lwam lwalungenzelwanga ukuthetha isiNgesi.

Kuba uninzi lwekharityhulamu lalilitsha kwaye lingaqhelekanga kum, ndawa ngasemva. Okokuqala ebomini bam, ndaqala ukuzibuza ukuba ingaba andikho krelekrele ngokwaneleyo na esikolweni.

Ngethamsanqa ndandinotitshala owandifundisa ukuba nomonde. Undifundise ukuba ukusebenza ngokuzinzileyo nangokungaguqukiyo—ukuzingisa ngomonde —kuya kundinceda ukuba ndifunde.

Ukuhamba kwexesha, izifundo ezinzima zacaca ngakumbi—nkqu nesiNgesi. Kancinci kancinci ndaqala ukubona okokuba ukuba ndizisebenzisa ngokungagungqiyo, ndandifunda. Ayizange ize ngokukhawuleza, kodwa ngomonde, yeza.

Ukusuka kula mava, ndaye ndafunda ukuba umonde ungaphezulu kokulinda nje into izenzekele—umonde wawufuna ukusebenza ngenkuthalo kwiinjongo ezifanelekileyo kwaye ukungatyhafi xa iziphumo zingakhange zibonakale ngoko nangoko okanye ngaphandle komzamo.

Kukho into ebalulekileyo apha: umonde asikokuyekelela , kwaye kungekuko ukusilela ukwenza ngenxa yokoyika. Umonde uthetha ukulinda okusebenzayo kunye nokunyamezela. Kuthetha ukuhlala nento nokwenza konke esinako—ukusebenza, ukuthemba, kunye nokubonisa ukholo; sithwele ubunzima ngokuzithemba, kwanaxa iminqweno yeentliziyo zethu ilibazisekile. Umonde ayikokunyamezela kuphela; kukunyamezela kakuhle!

Ukungabi namonde, kwelinye icala, luphawu lokuzingca. Luphawu lomntu ozicingelayo Luvela kwimeko exhaphakileyo ebizwa “embindini wendalo”, ekhokelela abantu ekubeni bakholelwe ukuba ilizwe lijikeleza ngokungqonge bona kwaye bonke abanye baxhasa nje umdlalo weqonga wokufa apho banokudlala indima ebonakalayo.”

Kwahluke kanjani oku, bazalwana bam abathandekayo, kumgangatho esibekele wona iNkosi njengabaphethe ububingeleli.

Umonde, uMgaqo woBubingeleli

Njengabathwali bobubingeleli kunye nabameli beNkosi uYesu Krestu, kufuneka sincede abanye ngendlela engqinelanayo nomzekelo Wakhe. Kukho isizathu sokuba phantse sonke isifundo malunga nobunkokheli bobubingeleli ngalixa lithile sifika kwicandelo le-121 layo iMfundiso neMinqophiso. Kwimiqolo embalwa, iNkosi inikezela ngenkqubo echanekileyo kubunkokheli bobubingeleli. “Akukho gunya okanye impembelelo enako okanye emele ukugcinwa ngendlela yobubingeleli, kuphela kungokuthundeza, ngokuzeka kade umsindo, ngolulamo nobulali, nangothando olungahanahanisiyo.”2

Imikhwa kunye neendlela zokuziphatha ezichazwe kule miqolo zisisiseko somonde wobuthixo kwaye zinxibelelene ngokungahlukaniyo kububingeleli obusebenzayo kunye nenkonzo kasolusapho. Ezi mpawu ziya kukunika amandla kunye nobulumko ekwandiseni ubizo lwenu, ekushumayeleni ivangeli, kubudlelwane bamalungu equmrhu, nasekunikezeleni ngenkonzo ebaluleke kakhulu yobubingeleli—eyinkonzo yothando ngaphakathi kweendonga zamakhaya wenu.

Masisoloko sikhumbula ukuba esinye sezizathu zokuba uThixo abuphathise ububingeleli kuthi kukusinceda asilungiselele iintsikelelo zanaphakade ngokusicokisa indalo yethu ngokomonde okufunwa yinkonzo yobubingeleli.

Njengoko iNkosi inomonde kuthi, masibe nomonde kwabo sibakhonzayo. Qondani ukuba bona, njengathi, abagqibelelanga. Bona, njengathi, bayazenza iimpazamo. Bona, njengathi, bafuna abanye ukuba bacingele.

Ungaze unikezele ngaye nabani na. Kwaye oko kubandakanya ukunganikezeli kwesakho isiqu.

Ndiyakholelwa ukuba wonke umntu kuthi, ngexesha elithile okanye elinye, uyakwazi ukubonakala kwisicaka esikumzekeliso kaKrestu owayetyala imali enkosini, kwaye owayicengayo ikumkani, esithi, “Nkosi, yiba nomonde kum.”3

Indlela yeNkosi Nexesha

Abantwana bakaSirayeli balinda iminyaka engama-40 entlango ngaphambi kokuba bangene kwilizwe lesithembiso. UYakobi walinda iminyaka esi-7 emide ngoRakeli. AmaYuda alinda iminyaka engama-70 eBhabheli ngaphambi kokuba abuyele ayokwakha kwakhona itempile. AmaNifayithi ayelinde umqondiso wokuzalwa kukaKrestu, nkqu esazi ukuba lomqondiso awuzange ufike, ayeya kutshabalala. Izilingo zikaJoseph Smith entolongweni eLiberty zabangela ukuba nomprofeti kaThixo azibuze, “Kude kube nini?”4

Kwityeli ngalinye, uBawo waseZulwini wayenenjongo ngokufuna ukuba abantwana baKhe balinde.

Mntu ngamnye kuthi ubiziwe ukuba alinde ngendlela yakhe. Silindela iimpendulo kwimithandazo. Silindela izinto ezinokuthi zibonakale ngathi zichanile kwaye zilungile kuthi kangangokuba asinakucinga ukuba kutheni uBawo waseZulwini elibazisa ngempendulo.

Ndikhumbula xa ndandilungiselela ukuqeqeshwa njengomqhubi wenqwelo moya yomlo. Sachitha ixesha lethu elininzi loqeqesho lwasemkhosini lwangaphambili ngemithambo yomzimba. Andiqinisekanga ncam nangoku ukuba kutheni ukubaleka okungapheliyo kwakuthathwa njengenxalenye ebalulekileyo yokulungiselela ukuba ngumqhubi wenqwelo moya. Nangona kunjalo, sabaleka kwaye sabaleka saze sabaleka ngakumbi.

Njengoko ndandibaleka ndaqalisa ukuqaphela into eyathi, ngokucacileyo yandihlupha. Amaxesha ngamaxesha ndandidlulwa ngamadoda ayetshaya, esela, kwaye esenza zonke izinto ezichasene nevangeli kwaye, kungakumbi, kwi Lizwi loBulumko.

Ndikhumbula ndicinga, “Yima umzuzu! Andifanelanga ukuba ndikwazi ukubaleka kwaye ndingadinwa?” Kodwa nda ndi diniwe, kwaye ndandidlulwa ngabantu ababengalilandeli ngqo eli Lizwi loBulumko. Ndiyavuma, yayindikhathaza ngeloxesha. Ndazibuza, ingaba esi sithembiso siyinyani okanye akunjalo?

Impendulo azange ifike kwangoko. Kodwa ekugqibeleni ndafunda ukuba izithembiso zikaThixo azisoloko zizaliseka ngokukhawuleza okanye ngendlela esinethemba ngayo; ziza ngokwexesha laKhe, nangeendlela zaKhe. Emva kweminyaka ndabona ubungqina obucacileyo beentsikelelo zasenyameni eziza kwabo bathobela iLizwi loBulumko—ngokongezelelwe kwiintsikelelo zokomoya eziza ngokuthobela kuyo nayiphi na imithetho kaThixo. Xa ndikhangela emva, ndiyazi ngokuqinisekileyo ukuba izithembiso zeNkosi, ukuba azisoloko zikhawuleza, zihlala ziqinisekile.

Umonde Ufuna Ukholo

UBrigham Young ufundise ukuba xa kwakuvela into abe engakwazi ukuyiqonda ngokupheleleyo, wayethandaza kwiNkosi, “Ndinike umonde wokulinda de ndikwazi ukuyiqonda ngokwam.”5 Kwaye ke uBrigham wayeqhubekeka ukuthandaza ade akwazi ukuyiqonda.

Kufuneka sifunde ukuba kwicebo leNkosi, ukuqonda kwethu kuza “kumgca phezu komgca, komthetho phezu komthetho.”6 Ngamafutshane, ulwazi kunye nokuqonda kuza ngexabiso lomonde.

Rhoqo iintlambo ezinzulu zangoku ziya kuqondwa kuphela ngokujonga emva kwazo kwiintaba zamava ethu exesha elizayo. Rhoqo asikwazi ukusibona isandla seNkosi kubomi bethu kude kube kudlule izilingo. Rhoqo ngamaxesha anzima kakhulu ebomini bethu zizinto eziyimfuneko zokwakha ezenza isiseko sesimilo sethu kwaye zivule indlela eya kumathuba exesha elizayo, ukuqonda kunye nokonwaba.

Umonde, sisiqhamo soMoya

Umonde luphawu lobuthixo olunokuphilisa imiphefumlo, luvule ubutyebi bolwazi kunye nokuqonda, kwaye luguqule amadoda namabhinqa aqhelekileyo ukuba babe ngcwele kwaye babezingelosi. Umonde enyanisweni usisiqhamo soMoya.7

Umonde uthetha ukuhlala nento de kube sekupheleni. Kuthetha ukulibaziseka ngokwaneliseka kwangoko ukuze ufumane iintsikelelo ezizayo. Kuthetha ukulawula umsindo kunye nokubamba igama elingenabubele. Kuthetha ukumelana nobubi, nokuba kubonakala ngathi benza abanye babe zizityebi.

Umonde uthetha ukwamkela into engenakuguqulwa kwaye ukujongana nayo ngenkuthalo, ngobabalo, nangokholo. Kuthetha ukuba“avume ukuzinikela zonke izinto iNkosi ezo ebona kumlungele imlungise ngazo, nanjengokuba umntwana ezithoba kuyise.”8 Ekugqibeleni, umonde uthetha ukuba “ungagungqi kwaye uzinze, kwaye ungashenxi ekuyigcineni imiyalelo yeNkosi”9 ngeyure nganye, nokuba kunzima ukwenza njalo. Ngamazwi ka Yohane uMtyhileli, “Nanku umonde wabangcwele: naba aba bayigcinayo imiyalelo ka Thixo, kunye … nokholo [ku] Yesu.”10

Umonde yinkqubo yokugqibelela. UMsindisi ngokwakhe wathi kumonde wenu, ninayo imiphefumlo yenu.11 Okanye, ukusebenzisa enye inguqulelo yesicatshulwa sesiGrike, kumonde wenu nizuza impumelelo kwimiphefumlo yenu.12 Umonde uthetha ukuhlala elukholweni, usazi ukuba ngamanye amaxesha kuse kulindeni kunokwamkela apho sikhula kakhulu. Oku kwaku yinyani ngexesha loMsindisi. Kuyinyani nakweli lethu ixesha, kuba siyalelwe kule mihla yokugqibela ukuba “qhubekani nikumonde de nigqityeleliswe.”13

INkosi Iyasisikelela Ngomonde Wethu

Ukushwankathela Umdumisi wamandulo, ukuba silindela ngomonde kwiNkosi, Yona iya kusimamela. Yena uya kuziva izikhalo zethu. Yena uya kusikhupha emngxunyeni owoyikisayo, kwaye abeke iinyawo zethu kwilitye eliqinileyo. Yena uya kubeka ingoma entsha emlonyeni wethu, kwaye siya kumdumisa uThixo wethu. Abaninzi abasingqongileyo baya kuyibona, kwaye baya kukholosa ngeNkosi.14

Bazalwane bam ababekekileyo, umsebenzi womonde uxhomekeke koku: gcinani imiyalelo; kholosani ngoThixo, uBawo wethu waseZulwini; Mkhonzeni ngolulamo nothando olufana nolukaKrestu; bonisani ukholo kunye nethemba kuMsindisi; kwaye ningaze ninikezele. Izifundo esizifunda kumonde ziya kuhlakulela isimilo sethu, ziphakamise ubomi bethu, kwaye zinyuse ulonwabo lwethu. Ziya kusinceda ukuba sibe ngabathwali bobubingeleli abafaneleyo kunye nabafundi abathembekileyo beNkosi yethu, uYesu Krestu.

Kungumthandazo wam ukuba umonde uyakuba luphawu oluchazayo kuthi ababambe ububingeleli bukaThixo uSomandla; ukuba ngokukhalipha sizakuthembela kwizithembiso zeNkosi kunye nexesha laKhe; ukuba siya kwenza izinto ngomonde nangovelwano esizifunelayo kwathina; kwaye ukuba siyakuqhubeka ngomonde side sigqityeleliswe. Ngegama elingcwele likaYesu Krestu, amen.

Shicilela