2000
UKrestu Ophilayo
uTshazimpuzi 2000


UKrestu Ophilayo

UBungqina babaPostile

Njengokuba sikhumbula ukuzalwa kukaYesu Krestu kwiminyaka engamawaka amabini adlulayo, sinika ubungqina benyaniso ngobomi baKhe obungalinganisekiyo kwaye nokulunga kwakhe okungapheliyo bokuncama ngentlawulo yaKhe enkulu. Akekho omnye oye waba nempembelelo enzulu phezu kwabo bonke abaphilileyo kwaye abasezakuphila phezu komhlaba.

WayenguYehova omkhulu weTestamente Endala, uMesiya weNtsha. Ngaphantsi kwenkokhelo kaBawo waKhe, Wayengu mdali womhlaba. “Zonke izinto zenziwa nguye; kwaye ngaphandle kwakhe kwakungekho nto yenziweyo eyenziwayo” (UYohane 1:3). Nangona wayengenaso isono, Wabhaptizwa ukuzalisekisa bonke ubulungisa. Wa “hamba - hamba esenza okulungileyo” (Izenzo 10:38), kodwa wacatshukelwa ngenxa yoko. Ivangeli laKhe yayingumyalezo woxolo namandla wobulungisa. Wacela bonke ukuba balandele umzekelo waKhe. Wahamba kwiindlela zasePalestine, ephilisa abagulayo, ebanga iimfama ukuba zibone, kwaye evusa abafileyo. Wasifundisa iinyaniso zanaphakade, ubunene bobomi bethu bangaphimbili, injongo yobomi bethu emhlabeni, kwaye namandla apheleleyo oonyana namantombazana kaThixo ebomini obuzayo.

Waqalisa umthendeleko njengesikhumbuzo seNtlawulo yaKhe enkulu engumnikelo. Wabanjwa kwaye waqalekiswa ngamatyala angekhoyo, wagwetywa ukwanelisa ibubu, kwaye wagwetywa ngokufa emnqamlezweni eKhalvari. Wanikela ngobomi baKhe ukuhlawula izono zoluntu lonke. Okwakhe yayisisipho sothunyiweyo esenzela bonke abo abayakuphila emhlabeni.

Siyangqina ngokusulungekileyo ukuba ubomi baKhe, obusesidikidikini kwembali yonke yoluntu, obungazange buqale eBhetelehem futhi abagqitywa eKhalvari. Waye ngumntana wokuqala kaBawo, Oyena Ekukuphela kwakhe okhethiweyo uNyana osenyameni, uMkhululi wehlabathi

Wavuka engcwabeni ukuze “abe ziziqhamo zokuqala zabo bonke abaleleyo” (Ⅰ KwabaseKorinte 15:20). NjengeNkosi Evukileyo, Wandwendwela phakathi kwabo Wayebathanda emhlabeni. Kwaye washumayeza phakathi kwezaKhe “ezinye iimvu” (UYohane 10:16) eMelika yamandulo. Kwihlabathi elitsha, Yena noBawo waKhe bavela enkwenkweni uJoseph Smith, esandulela isithembiso esenziwa kudala “sexesha lokuzakaliseka kwamaxesha” (Kwabase-Efese 1:10).

NgoKrestu Ophilayo, uMprofeti Joseph wabhala: “Amehlo ayo ayenjengedangatye lomlilo; iinwele zentloko yayo zazinjengekhephu elisulungekileyo; imbonakalo yayo iqaqambe ngaphezu kokuqaqamba kwelanga; nelizwi layo lalinjengesandi samanzi amaninzi, nkqu ilizwi likaYehova, lisithi:

“Ndisisiqalo nesiphelo; ndinguye lowo uphilayo, ndinguye lowo wabulawayo; ndingumthetheleli wenu kunye noBawo” (I&M 110:3–4).

Ngaye uMprofeti kwakhona wasazisa: “Kwaye ngoku, emva kobungqina obuninzi obunikiweyo ngaye, obu bubungqina bokugqibela babo bonke, esibunika ngaye: Bokokuba uyaphila!

“Kuba sambona, nkqu ekunene kukaThixo; kwaye saliva ilizwi linika ubungqina ukuba uKuphela koZelweyo kaBawo—

“Okokuba ngaye, nangaye, nangokukokwakhe, amahlabathi akho kwaye adalwa, nabemi bawo bangoonyana neentombi ezizelweyo kuThixo” (I&M 76:22–24).

Siyanazisa ngamazwi asulungekileyo ukuba ububingeleli baKhe kunye neCawa yaKhe zibuyisiwe emhlabeni—“zakhiwe phezu kwesiseko sa … bapostile kunye nabaprofeti, uYesu Krestu yena ngobuqu lilitye lekona elikhulu eliyinkosi” (Kwabase-Efese 2:20).

Siyangqina ukuba Uyakubuyela emhlabeni ngenye imini. “Kwaye uzuko lweNkosi luyakutyhilwa, kwaye yonke imizimba yenyama iyakulubona kunye” (UIsaya 40:5). Uyakulawula njengeKumkani yooKumkani kwaye aphathe njengeNkosi yeeNkosi, kwaye lonke idolo liyakugoba kwaye onke amalwimi ayakuthetha enqula phambi kwaKhe. Umntu ngamnye kuthi uyakumela ukugwetywa nguYe ngokwemisebenzi yethu kwaye neminqweno yeentliziyo zethu.

Siyangqina, njengabaPostile baKhe abamiswe nguYe—ukuba uYesu unguKrestu Ophilayo, uNyana wanaPhakade kaThixo. UnguKumkani omkhulu uImanyuwel, oma namhlanje kwisandla sasekunene sikaThixo. Ukukukhanya, ubomi, kunye nethemba lehlabathi. Indlela yaKhe yindlela ekhokelela elonwabeni kobu bomi kwaye nakubomi banaphakade kunye noThixo kwihlabathi elizayo. UThixo makabulelwe ngesiphiwo esingalinganisekiyo esinguNyana waKhe wezulu.

UBongameli bokuQala

Umfanekiso
iisayina

EyoMqungu 1,2000

IQumrhu LabaLishumi Elinambini

Umfanekiso
imisayino
Umfanekiso
imisayino

Shicilela