2013
Mamela iimpembelelo.
Janyuwari 2013


ulutsha

Lalela iimpembelelo

Ngobunye ubusuku umzala wam osemncinci wabaleka ekhaya, mna ndakhawuleza ndayomfuna. Xa ndiqhuba, ndathandaza ukuba uMoya andincede. Bendisazi ukuba uThixo Uzakundiphendula kwaye andiphe indlela ekufanele ndiyilandele, kwaye ndazama ukumamela impembelelo yoMoya. Kodwa xa ndingeva nto, ndaqala ndabamangxangxa kwaye ndeva ukuba impembelelo kaMoya ibingekho.

Nangoko ndandinqwenela ukuba ndiye phambili ndiyomfuna, Ndeva ukuba kufuneka ndihlale kulendawo ndandikuyo eyayiseduzane nase khaya lomzala wam. Ke ndathatha isigqibo sokuba ndiqhube kulondawo kwakunye. Xa ndima apho iindlela zidibana khona, ndabona isithunzi somntu oyintombazana ehambayo. Ndandimfumene umzala wam!

Xa ndiphuma emotweni ndabaleka ndaya kuye, ndabona ukuba uMoya wawundibonisa indlela ngalo lonke ixesha ngokundinceda ukuva ukuba kufuneka ndihlale kuleyo ndawo. Ngokuba ndandimamela ilizwi elizolileyo, ndaphantse andahoya impembelelo yoMoya. Ke ngoko ndaqonda ukuba ngamanye amaxesha andizoliva ilizwi, kodwa uzakuva impembelelo eentlizweni zethu.

Ndandi nombulelo ngenkokhelo yoMoya. Ngokwenene Uhlala ekhona! Njengoba imibhalo isitsho,” uMoya oyiNgcwele uzakuhlala engumhlobo wakho” (Imfundiso neMinqophiso 121:46).

Xa siyilungele inkokhelo yoMoya kwaye silumkile, singakwazi ukuba zizixhobo ezandleni zikaThixo ukwenza okuhle ebantwini abaninzi. Sihlala njalo sinobuhlobo noMoya, singayazi indlela ekufuneka sihambe ngayo.

Shicilela