2019
Injongo Eyakutshintsha Ukulungiselela Kwethu
EyoMqungu 2019


Umfanekiso
ministering

Imigaqo Yokulungiselela, EyoMqungu 2019

Injongo Eyakutshintsha Ukulungiselela Kwethu

Nangona zininzi iinjongo zokulungiselela, iinzame zethu zokulungiselela kumele zikhokelwe ngumnqweno wokunceda abanye bafumane inguquko enzulu kwaye bafane noMsindisi ngakumbi.

Xa sithanda abanye ngokohlobo loMsindisi, sifuna ukubanceda ngokohlobo lwakhe. NjengoMalusi Olungileyo, Yena ungumzekelo ongundoqo wokulungiselela okunentsingiselo.

Xa silinganisa ukulungiselela kwethu emveni kwaKhe, kubalulekile ukuba sikhumbule iinzame zakhe zokuthanda, zokuphakamisa, zokunceda, kunye nokusikelela zazinembono ephakamileyo kunokuhlangana nemfuno yethutyana. Ngokuqinisekileyo, Yena wayezazi iimfuno zabo zemihla ngemihla kwaye wayenemfesane kwintlupheko yabo yelooxesha. Ngoko ke Yena waphilisa, wondla, waxolela, kwaye wafundisa. Kodwa Yena wayefuna ukwenza okungaphaya kunokunakekela unxano lwanamhlanje kuphela(bona Yohane 14:13–14). Yena wayefuna abo babemngqongile bamlandele (bona Luka 18:22; Yohane 21:22), bamazi( bonaYohane 10:14; Imfundiso neMinqophiso 132:22–24), kwaye bafikelele kwizinga lobuthixo eliphezulu (bona Mateyu 5:48). Oko kufanayo kuyinyani nanamhlanje (bonaImfundiso neMinqophiso 67:13).

Kuneendlela ezingenakubalwa esinokunceda sisikelele abanye ngazo, kodwa xa eyona njongo isisiphumo sokulungiselela ikukunceda abanye bamazi uMsindisi kwaye babenjengaye ngakumbi, thina siya kube sisebenzela loo mini ekuyakuthi kunganyanzeleki ngayo ukuba sifundise ummelwane wethu ngokwazi iNkosi kuba siya kumazi xa sisonke (bona Yeremiya 31:34).

Injongo yoMsindisi Yogqitha Iimfuno Zethutyana

  • Abantu abaliqela benza okungaphaya ukuzisa umhlobo wabo kuYesu ukuze aphiliswe kwidumbe. Ekugqibeleni uMsindisi wayiphilisa loo ndoda, kodwa wayenomdla ngakumbi yokumxolela izono zakhe (bonaLuka 5:18–26 ).

  • Xa abantu babezisa kuMsindisi umfazi owayefunyenwe ekrexeza, ukubamba ukuba angagwetywa kwasindisa ubomi bakhe basenyameni. Kodwa wayefuna ukumsindisa nasemoyeni, emxelela ukuba ’hamba, kwaye ungoni kwakhona” (bona Yohane 8:2–11).

  • UMariya noMarta bathumela ilizwi kuYesu bemcela ukuba aze kuphilisa umhlobo waKhe, uLazaro. UYesu, owayephilise abanye amatyeli angabalekiyo, walibaziseka ukufika kwaKhe wade wasweleka uLazaro. UYesu wayeyazi into eyayifunwa lusapho elo, kodwa ngokuvusa uLazaro ekufeni, womeleza ubungqina babo bobuthixo baKhe (bona Yohane 11:21–27).

Yeyiphi eminye imizekelo onokuyongeza koluluhlu?

Yintoni Esingayenza?

Ukuba injongo yethu kukunceda abanye babe njengo Msindisi ngokungakumbi, iyakutshintsha indlela esilungiselela ngayo. Nazi ezinye iindlela oku kuqiqa kunokukhokela ngazo iinzame zethu zokulungiselela.

Ingcinga 1: Nxulumanisa Ukunceda kunye noMsindisi

Zonke iinzame zethu zokwenza okulungileyo zibalulekile, kodwa singakhangela amathuba okuphucula ukunceda kwethu ngokukunxulumanisa noMsindisi. Umzekelo, ukuba usapho olulungiselelayo luyagula, isidlo singaba luncedo, kodwa imbonakaliso yakho elula yothando ingaphinda-phindwa bubungqina bakho bothando loMsindisi kubo. Uncedo lwakho kwiyadi lungaxabiseka, kodwa lungenziwa lubenentsingiselo engaphaya ngomnikelo wentsikilelo yobubingeleli.

UMdala Neil L. Andersen weQumrhu labaPostile abalishumi elinambini wafundisa: “Umntu onentliziyo elungileyo anganceda omnye umntu alungise ivili, ahambise agxamesa naye kwagqirha, abenesidlo sasemini nomntu ongonwabanga, okanye ancume kwaye athi molo ukuze aqaqambise usuku.

“Kodwa umlandeli womyalelo wokuqala uyakongeza kwezizenzo zibalulekileyo zokunceda.” 1

Ingcinga 2: Qwalasela Kwindlela Yomnqophiso

Ekuthetheni kwakhe namalungu kwityeli lokuqala njengoMongameli weBandla, uMongameli Russell M. Nelson, wathi “Hlala kwindlela yomnqophiso.” Ukwenza nokugcina iminqophiso “kuya kuvula umnyango kuyo yonke intsikelelo yomoya kunye nenyhweba efumanekayo.”2

NjengabaNgcwele bemihla yamva, thina siyabhaptizwa, siqinisekiswe, kwaye sifumane isipho soMoya oyiNgcwele. Amalungu angamaduna abulungeleyo afumana ububingeleli. Siya etempileni ukuze sifumane isipho samazulu kwaye sitywinwe neentsapho zethu ngonaphakade. Le mimiselo isindisayo kunye neminqophiso ehamba nayo ibalulekile ukuze sibe nokuba njengaYe ukuze sibe naYe.

Singaba nendima ebaluleke kakhulu esinokuyidlala ekuncedeni abanye kuloondlela njengoko sibanceda bagcine iminqophiso kwaye balungiselele ukwenza iminqophiso kwixesha elizayo.3 Ungabanceda njani abantu okanye iintsapho ozincedayo ukuba bafumane imimiselo elandelayo abayidingayo? Oku kusenokuthetha ukuba uncede utata alungiselele ukubhaptiza intombi yakhe, ukuchaza iintsikelelo zomnqophiso olandelayo okusafuneka wenziwe, okanye ukwabelana ngeendlela zokubanamava anentsingiselo egqithisileyo okuhlaziya iminqophiso yethu xa sithabatha umthendeleko.

Ingcinga 3: Mema kwaye Khuthaza

Xa kufanelekile, cebisana nabo ubakhathaleleyo malunga nenguquko yabo kunye neenzame zabo zokuba njengoKrestu ngokungakumbi. Bazise ngamandla owabona kwaye nowathandayo kubo. Fumanisa ukuba baziva bengaphucula phi kwaye uthethe ngokuba unganceda njani. (Ngokuthe vetshe ekucebisaneni kunye nabo ubalungiselelyo, bona “Cebisana Ngeemfuno Zabo.”Liyahona EyoMsintsi 2018, 6–9.)

Ungoyiki ukubamema ukuba balandele uMsindisi kwaye bamvumele ukuba abancede bafikelele kumandla wabo wobuthixo. Esi simemo singatshintsha ubomi, xa sidityaniswe nembobakaliso yokuzithemba kwakho kubo kunye nokholo lwakho kuYe.

Iindlela EziNtandathu Esinokunceda Abanye Baqhubekele kuKrestu

Okulandelayo ziingcebiso zokuxhasa abanye ekwenzeni iinguqu kunye nenkqubela phambili endleleni yomnqophiso. (bona Preach My Gospel, isahluko 11, ngeengcinga ezithe vetshe)

  1. Yabalena. Nyaniseka kwaye ukhaliphe xa usaba ngendlela uMsindisi awathi wakunceda ngayo njengoko ukusondela kuYe ngokuphila imigaqo yevangeli nangona kukho imiceli-mngeni.

  2. Thembisa iintsikelelo. Abantu bafuna isizathu sokuba batshintshe esinyanzelisa ngakumbi kunezizathu zokuba bangatshintshi. Ukuchaza iintsikelelo ezinxulumene nesenzo kungabonelela ngenkuthazo enamandla (bona Imfundiso neMinqophiso 130:20–21).

  3. Mema. Ukuphila umgaqo wevangeli kuzisa ubungqina bokuba uyinyani (bona Yohane 7:17 kwaye ukhokelela kwinguquko enzulu. 4 Phantse yonke intsebenziswano ibingaquka isimemo esilula sokwenza into enokubanceda baqhubele phambili.

  4. Cebani ndawonye. Yintoni ekumele yenzeke kubo ukwenzela ukuba bagcine ngempumelelo isicwangciso sabo sokutshintsha? Unganceda njani wena? Ingaba kukhona umda kwixesha elibandakanyekayo?

  5. Xhasa. Xa unceda, phuhlisa umnatha wenkxaso yabantu abanokunceda umntu ahlale ekhuthazekile kwaye aphumelele. Sonke sidinga umomelezi.

  6. Landelela. Yabelana ngenkqubela phambili rhoqo. Hlala uqwalasele kwicebo kodwa ulicolisise ukuba kuyadingeka. Yiba nomonde, zingisa, kwaye ukhuthaze. Utshintsho lusenokuthatha ixesha.

Isimemo Sokwenza

Cingisisa ngeendlela iinzame zakho zokulungiselela—ezinkulu nezincinci—ezinokunceda ngayo abanye bantsokothise inguquko yabo kwaye babe njengoMsindisi ngakumbi.

Izikhumbuzo

  1. Neil L. Andersen, “A Holier Approach to Ministering” (Brigham Young University devotional, Tshazimpunzi 10, 2018), 3, speeches.byu.edu.

  2. Russell M. Nelson, “As We Go Forward Together,”Liyahona, Tshazimpunzi 2018, 7.

  3. Bona Henry B. Eyring, “Daughters in the Covenant,” Liyahona, Canzibe 2014, 125–28.

  4. Bona David A. Bednar, “Converted unto the Lord,”Liyahona,Nkanga 2012, 106–109.

Shicilela