2019
Ukwenza Ukulungiselela Kube Luvuyo
Tshazimpuzi 2019


Umfanekiso
ministering

Imigaqo Yokulungiselela, EkaTshazimpuzi 2019

Ukwenza Ukulungiselela Kube Luvuyo

Ukunceda ngothando kuzisa uvuyo kubo bobabini umnikeli kunye nomzuzi.

Ngamanye amaxesha inkangelo yethu yolonwabo kobubomi ingabonakala ngathi kukubaleka ematshinini wokubaleka. Sibaleka sibaleke kwaye sizive ngathi khange sifikelele ndawo. Kwabanye, ingcinga yokulungiselela kwabanye ivakala ngathi kukongeza okungakumbi okunokwenziwa.

Kodwa uBawo wethu Osezulwini ufuna sibenamava wovuyo kwaye yena wasixelela “kwaye abantu bakho, ukuze bafumane uvuyo” (2 Nifayi 2:25). Kwaye uMsindisi wafundisa ukuba ukulungiselela kwabanye yinxalenye ebalulekileyo yokuba singaluzisa kanjani uvuyo ebomini bethu kwakunye nakubomi babanye.

Yintoni Uvuyo?

Uvuyo luchazwe njenge “zimvo zoyolo olukhulu kunye nolonwabo.”1 Abaprofethi bemihla yokugqibela babonelele ngengcaciso yokuba uvuyo luvela phi kwakunye nokuba lufumaneka njani. “Uvuyo esiluvayo lunento encinane yokwenza neemeko zobomi bethu kwakunye nento yonke enokwenza nengqwalaselo yobomi bethu,” watsho uMongameli Russell M. Nelson. “…Uvuyo luvela kwaye lwenzeka ngenxa [kaYesu Krestu]. Yena ungumnombo walo lonke uvuyo.” 2

Ukulungiselela Kuzisa Uvuyo

Xa uLihayi wayethabathile watya isiqhamo somthi wobomi, umphefumlo wakhe wazaliswa ngovuyokazi” (1 Nifayi 8:12). Umnqweno wakhe wokuqala yayingowokwabelana ngesi siqhamo nabo wayebathanda.

Ulangazelelo lwethu lokulungiselela kwabanye lungasizisela thina nabanye le ntlobo yovuyo. UMsindisi wafundisa abafundi baKhe ukuba isiqhamo esithi sisivelise xa siqhagamshelana naYe sinceda ngokusizisela uvuyo olupheleleyo (bona Yohane 15:1-11). Ukwenza umsebenzi waKhe ngokuncedisa kwakunye nokufuna ukuzisa abanye kuYe kungabangamava wovuyo (bona Luka 15:7; Alma 29:9; Imfundiso Neminqophiso 18:16; 50:22). Nathi singaluva oluvuyo nkqu nasebusweni benkcaso nentlupheko (bona 2 AbaseKorinte 7:4; AbaseKolose 1:11).

UMsindisi wasibonisa umzekelo ogqibeleleyo wokuba omnye weminombo emikhulu wovuyo lokwenene kobubomi bumagad’ ahlabayo ufumaneka enkonzweni. Xa silungiselela kubazalwane noodade bethu ngokufana noMsindisi, ngothando lokwenene kunye nothando ezintliziyweni zethu, nathi singaluva olovuyo olwegqitha ulonwabo olungetheni.

“Njengoko thina siwonga [ukulungiselela] ngeentliziyo ezilangazelelayo, siya… kusondela ekubeni ngabantu baseZiyoni kwaye siya kuva uvuyo olugqithisileyo nabo esithe sabanceda endleleni yobufundi,” wafundisa uNomdade Jean B. Bingham, uMongameli Jikelele Wombutho Wamanina.3

Singakwenza Kanjani Ukuba Ukulungiselela Kube Luvuyokazi?

Zininzi iindlela zokuzisa uvuyo olukhulu kulungiselelo lwethu. Nazi iingcinga ezimbalwa:

  1. Qondisisa injongo yakho kulungiselelo. Zininzi izizathu zokulungiselela. Ekugqibeleni, iinzame zethu kumele zingqamane neenjongo zikaThixo “zokwenza kubekho ukungafi nobomi obungunaphakade bomntu” (Moses 1:39). Njengoko sisamkela isimemo sikaMongameli Russell M. Nelson sokunceda abanye kwindlela yomnqophiso, nathi singafumana uvuyo ekuthatheni inxaxheba kumsebenzi kaThixo.4 (Ngokuthe vetshe malunga nenjongo yokulungiselela, bona “Imigaqo Yokulungiselela: Injongo Eyakuthi Iguqule Ukulungiselela Kwethu,” kwiLiyahona kweyoMqungu 2018.)

  2. Yenza ukulungiselela kube malunga nabantu hayi imisebenzi. UMongameli Thomas S. Monson wayehlala esikhumbuza: “ Ungaze uvumele ingxaki ekumelwe isonjululwe ukuba ibaluleke ngaphezu komntu ekumelwe ukuba athandwe.” 5 Ukulungiselela kumalunga nabantu, hayi izinto ekumelwe zenziwe. Njengoko sikhula eluthandweni njengoMsindisi wenjenjalo, siya kuvuleka ngakumbi kuvuyo oluvela ekuncediseni abanye.

  3. Yenza ukulungiselela kubelula. UMongameli M. Russell Ballard, uMongameli Obambeleyo weQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini, uyasixelela: “Izinto ezinkulu ziphunyezwa ngezinto ezilula nezincinane. … Izenzo zethu ezilula nezincinane zobubele nezenkonzo ziya kuqokeleleka ebomini obuzaliswe luthando kuBawo Osezulwini, ekuzinikeleni emsebenzini weNkosi uYesu Krestu, kwakunye noluvo loxolo novuyo ngaxesha ngalinye esithi sincedane ngalo.” 6

  4. Khupha umvandedwa ekulungiseleleni. Ayiloxanduva lwakho ukusebenzela omnye intsindiso yakhe. Oko kuphakathi komntu ngamnye neNkosi. Uxanduva lwethu kukubathanda nokubanceda baguqukele kuYesu Krestu, onguMsindisi wabo.

Musa Ukubambezela Uvuyo Lwenkonzo

Ngamanye amaxesha abantu bayathandabuza ukucela uncedo olufunekayo, ngoko ke ukunikela ngenkonzo yethu kungaba yeyona nto abayidingayo. Kodwa ukuzinyanzela ebantwini akuyompendulo nako. Ukucela imvume ngaphambili kokulungiselela kuyingcinga elungileyo.

Umdala Dieter F. Uchtdorf wabalisa ngomama owayengenamlingane owathi wafumana isifo seqhwiqhwi—kwaze nabantwana bakhe bagula nabo. Indlu leyo eyayiqheleke ngokucwebezela yaye yabayingxushu-ngxushu kwaye yabamdaka. Izitya neempahla zabayimfumba.

Ngelixa xa wayeziva ewonganyelwe ngokupheleleyo, oodade boMbutho Wamanina bankqonkqoza emnyangweni wakhe. Bona zange bathi, “Sazise ukuba singakunceda.” Xa babebona isimo, baye batsibela ekwenzeni.

Baye basusa isiphithi-phithi, bazisa ukukhanya nokucaca ekhayeni, kwaye batsalela umhlobo ukuba azise ukutya okwakudingeka ngamandla. Ekugqibeleni xa babewugqibile umsebenzi wabo kwaye sebevalelisile, baye bashiya umama omncinane entywizisa iinyembezi—iinyembezi zombulelo nothando.” 7

Bobabini umnikeli nomzuzi bayiva imfudumalo yovuyo.

Tyala Uvuyo Ebomini Bakho

Uvuyo olungakumbi, uxolo, nolwaneliseko esingathi silutyale ebomini bethu, kukhona siya kuthi sikwazi ukwabelana nabanye njengoko silungiselela. Uvuyo luza ngoMoya oyiNgcwele (bona AmaGalati 5:22 neMfundiso neMinqophiso 11:13). Lona luyinto esingathi siyithandazele (bona Imfundiso neMinqophiso 136:29) kwaye siyimemele ebomini bethu. Nazi iingcinga ezimbadlwana zokuhlakulela uvuyo ebomini bethu:

  1. Bala iintsikelelo zakho. Njengoko uhlola ubomi bakho, bhala kwincwadana yakho yembali izinto uThixo athe wakusikelela ngazo.8 Qwalasela konke okulungileyo kokukungqungileyo.9 Qaphela izinto ezingathi zikubambe ekuveni uvuyo kwaye ubhale phantsi iindlela zokusombulula okanye zokuziqonda ngokungcono. Kwelixesha lePasika, thabatha ixesha lokukhangela uqhagamshelwano olukhulu noMsindisi (bona Iimfundiso neMinqophiso 101:36).

  2. Ziqhelise ukuvelana. Uvuyo lungakufumana ngokulula kumaxa wokucinga okuzolileyo.10 Mamelisisa into ekuzisela uvuyo (bona 1 Kronike 16:15). Ixesha lokuthi qelele kwezosasazo ngamanye amaxesha lingafuneka ukwenza ukuziqhelanisa. 11

  3. Zinqande ekuzithelekiseni. Kwatshiwo okokuba ukuzithelekisa kulisela lovuyo. UPawulos walumkisa abo “ngokuzilinganisa kwabo, nokuzithelekisa kwabo, abaqondi” (2 AbaseKorinte 10:12).

  4. Funa isityhilelo. UMsindisi wafundisa:“Ukuba uya kucela, uya kufumana isityhilelo phezu kwesityhilelo, ulwazi phezu kolwazi, ukuze abenokwazi iimfihlelo nezinto zoxolo—ezo zizisa uvuyo, olo luzisa ubomi obungunaphakade” (Imfundiso neMinqophiso 42:61).

Isimemo Sokwenza Intshukumo

Ungalwandisa kanjani uvuyo olufumana ebomini bakho ngokulungiselela?

Izikhumbuzo

  1. “Joy,” en.oxforddictionaries.com

  2. Russell M. Nelson, “Joy and Spiritual Survival,” Liyahona, EyeNkanga 2016, 82.

  3. Jean B. Bingham, “Ministering as the Savior Does,” Liyahona, uCanzibe 2018, 107.

  4. Bona Russell M. Nelson, “As We Go Forward Together,” Liyahona, Tshazimpuzi 2018, 4–7.

  5. Thomas S. Monson, “Finding Joy in the Journey,” Liyahona, EyeNkanga 2008, 86.

  6. M. Russell Ballard, “Finding Joy through Loving Service,” Liyahona, uCanzibe 2011, 49.

  7. Bona Dieter F. Uchtdorf, “Living the Gospel Joyful,” Liyahona, EyeNkanga 2014, 120–123.

  8. Bona Henry B. Eyring, “O Remember, Remember,” Liyahona, EyeNkanga 2007, 67.

  9. Bona Jean B. Bingham, “That Your Joy Might Be Full,” Liyahona, EyeNkanga 2017, 87.

  10. Bona Dieter F. Uchtdorf, “Of Things That Matter Most,” Liyahona, EyeNkanga 2010, 21.

  11. Bona Gary E. Stevenson, “Spiritual Eclipse,” Liyahona, EyeNkanga 2017, 46.

Shicilela