2019
Singayakha Njani Inkcubeko Yokubandakanya eNkonzweni?
EyeKhala 2019


Umfanekiso
ministering

Imigaqo Yokulungiselela, EyeKhala 2019

Singayakha Njani Inkcubeko Yoku bandakanya eNkonzweni?

Xa sijonga jikelele kumabandla nakumasebe ethu, sibona abantu abangathi bangenelela lula. Oku singakuqapheliyo kokokuba kwakunye naphakathi kwabo ingathi bajongeka ngathi bangenelela lula, kukhona abaninzi abaziva beshiyekela. Esinye isifundo, ngoko mzekelo, sakamva nje sifumanise okokuba phantse isiqingatha sabantu abadala eMelika benze ingxelo yokuba baziva bebodwa, beshiyekela ngaphandle, okanye behlukanisiwe kwabanye.1

Kubalulekile ukuziva ubandakanywa. Kusisidingo esibalulekileyo soluntu, kwaye xa siziva sikhutshelwa ngaphandle, kubuhlungu. Ukushiywa ngaphandle kungavelisa izimvo zokukhathazeka okanye umsindo.2 Xa singazivi ngathi singabakabani, siye sikhangele indawo apho singaziva sikhululeke kuyo ngakumbi. Kufuneka sincede wonke umntu azive engowasenkonzweni.

Ukubandakanya njengoMsindisi

UMsindisi wayengumzekelo ogqibeleleyo wokuxabisa kunye nokubandakanya abanye. Ngexa Yena wayekhetha abaPostile baKhe, wayengaqwalaselanga simo, butyebi, okanye misebenzi ephakamileyo. Yena waxabisa ibhinqa loMsamariya equleni, emngqinela ngobuthixo baKhe nangaphandle kokuba amaYuda awayewajongela phantsi kangakanani aMasamariya (bona Yohane 4). Yena ujonga entliziyweni kwaye akangomhloniphi wabantu (bona 1 Samuweli 16:7; Imfundiso Neminqophiso 38:16, 26).

INkosi yathi:

“Ndiniwisela umthetho omtsha, wokuba nithandane; njengoko ndinithandileyo nina, ukuze nani nithandane.

“Ngayo le nto baya kwazi bonke, ukuba ningabafundi bam, ukuba nithe nathandana”(Yohane 13:34–35).

Yintoni Esingayenza?

Ngamanye amaxesha kunzima ukubona ukuba omnye umntu uziva ngathi ungaphandle. Uninzi lwabantu alukutsho oku— hayi ngokucace gca. Kodwa ngentliziyo enothando, ngokukhokelwa nguMoya Oyingcwele, kunye nenzame yokuqaphela, singaqaphela xa umntu engaziva ebandakanywa kwiintlanganiso kunye nemisebenzi yeBandla.

Iimpawu Ezinokwenzeka Zokuba Omnye Uziva Engabandakanywa:

  • Ulwimi lomzimba ovaliweyo, okufana neengalo ezisongwe ngokuqinileyo okanye amehlo adandathekileyo.

  • Ukuhlala ngasemva egumbini okanye ukuhlala yedwa.

  • Akayi enkonzweni okanye uza manqaphanqapha.

  • Ushiya imihlangano okanye imisebenzi ngaphambili kwexesha.

  • Akathathi nxaxheba kwiincoko okanye kwizifundo.

Oku kungabaziimpawu zezinye izimvo kwananjalo, ezinjengokuba neentloni, inkxalabo, okanye ukungakhululeki. Amalungu angaziva “ehlukile” xa engamalungu amatsha eNkonzo, esuka kwelinye ilizwe okanye inkcubeko, okanye esandula ukuvelelwa sisehlo esibuhlungu esitshintsha ubomi, esifana noqhawuko lomtshato, ukusweleka kwelungu losapho, okanye ukubuya ngaphambi kwethuba emsebenzini wobuvangeli.

Nangaphandle kwesizathu, akufuneki sithandabuze ekufikeleleni ngothando. Into esiyithethayo kunye nento esiyenzayo ingadala izimvo zokuba wonke ubani wamkelekile kwaye wonke ubani uyadingwa.

Ezinye Iindlela Zokubandakanya kunye Nolwamkelo:

  • Musa ukusoloko uhleli nabantu abanye enkonzweni.

  • Jonga ngaphaya kwendlela abantu babukeka ngayo ngaphandle kuze ubone ubuqu bomntu. (Ngokuthe vetshe ngelinqaku, bona “Ukulungiselela Kukubona Abanye Ngohlobo uMsindisi ababona Ngalo,” Liyahona, Silimela 2019, 8–11.)

  • Quka nabanye kwiincoko.

  • Mema abanye babe yinxalenye yobomi bakho. Ungabaquka kwimisebenzi osele uyicwangcisile.

  • Fumanisa kwaye wakhe kwimidla efanayo.

  • Musa ukuthintela ubuhlobo nje ngenxa yokuba omnye akahlangabezani noko ukulindeleyo.

  • Xa ubona into engaqhelekanga ngomnye umntu, yiba nomdla kuyo endaweni yokungayihoyi okanye uyiphephe.

  • Vakalisa uthando kwaye uncome ngokunyanisekileyo.

  • Thatha ixesha ucinge okokuba kuthetha ukuthini na xa kusithiwa iBandla lelomntu wonke, kungakhathalisekanga ukwahluka kwabo. Singakwenza njani na oku kube yinyaniso?

Akusoloko kulula ukuziva ukhululekile phakathi kwabantu abahlukileyo kuthi. Kodwa ngokwenza, singabangcono ekufumaneni ixabiso ekwahlukeni kwethu kwaye sixabise amagalelo akhethekileyo umntu ngamnye athi aze nawo. Njengoko uMdala Dieter F. Uchtdorf wabaPostile Abalishumi Nambini wafundisa, ukwahluka kwethu kungasinceda ekusenzeni sibe ngabantu abangcono, abonwabileyo: “Yiza, sincedise ukwakha nokomeleza inkcubeko yokuphilisa, yobubele, kunye neyenceba kubo bonke abantwana bakaThixo.”3

Ukusikelelwa Ngokubandakanywa

UChristl Fechter wafudukela kwelinye ilizwe emveni kokuba imfazwe yayiqhekeze ilizwe lakhe. Yena wayengalithethi ulwimi kakuhle kwaye wayengazi mntu ebumelwaneni bakhe obutsha, ngoko ke ekuqaleni waye waziva eyedwa kwaye engenamntu.

Njengelungu leBandla, waye waqinisa isibindi sakhe waza waqalisa ukuya kwi-wadi yakhe entsha. Wayekhathazekile okokuba indlela wayethetha ngayo yayingabangela abantu bangafuni kuthetha naye okanye wayezakugwetywelwa ukuba libhinqa elingatshatanga.

Kodwa wadibana nabanye abangazange banake kwahluka kwakhe kwaye bamamkela kuluntu lwabo lwabahlobo. Baye babonisa uthando, kwaye naye kungekudala wazifumana exakekile encedisa ukufundisa kwiklasi yabantwana abancinane. Abantwana babeyimizekelo emikhulu yokwamkela, kwaye nezimvo zokuziva ethandwa kwaye edingwa zomeleza ukholo lwakhe kwaye zamnceda wavuselela kwakhona ukuzinikela kwakhe kobomi bakhe bonke eNkosini.

Izikhumbuzo

  1. Bona Alexa Lardieri, “Study: Many Americans Report Feeling Lonely, Younger Generations More So,” U.S. News, uCanzibe 1, 2018, usnews.com.

  2. Bona Carly K. Peterson, Laura C. Gravens, and Eddie Harmon-Jones, “Asymmetric Frontal Cortical Activity and Negative Affective Responses to Ostracism,” Social Cognitive and Affective Neuroscience, vol. 6, no. 3 (Silimela 2011), 277–85.

  3. Dieter F. Uchtdorf, “Believe, Love, Do,” Liyahona, eyeNkanga 2018, 48.

Shicilela