2019
Ingaba Uyaphoswa Lelicandelo Libalulekileyo Lokulungiselela?
Eyedwarha 2019


Imigaqo yokulungiselela, EyeDwarha 2019

Ingaba Uyaphoswa Lelicandelo Libalulekileyo Lokulungiselela?

Ukulungiselela kuku “vuya nabo bathi bavuye” njengokuba ikuko uku “lila nabo bathi balile” (kwabaseRoma 12:15).

Umfanekiso
ministering

Imizobo ngu Augusto Zambonato

Xa sicinga ngokulungiselela, kulula ukucinga ngabo baswelweyo. Sithetha ngokwenzela igadi umhlolokazi, ukuzisa isidlo sangokuhlwa kwabagulayo, okanye ukunikezela kwabo basokolayo. Sikhumbula ingcebiso kaPawulosi “nilile nabo abalilayo”, kodwa siyigxila ngokwaneleyo indawo yokuqala yalevesi— “vuyani nabo bathi bavuye”? (KwabaseRoma 12:15). Ukuvuya nabo silungiselela kubo—noba oko kuthetha ukubhiyozela impumelelo yabo okanye ukubanceda bafumane uvuyo kumaxesha obunzima—yinxalenye ebalulekileyo yokulungiselela njengoMsindisi.

Nazi iingcebiso ezintathu ezinokunceda (kwaye enye yokuphetshwa) njengokuba sigxila kokulungileyo uThixo akufaka ebomini bethu.

1. Lumka

UBonnie H. Cordon, uMongameli jikelele wamakhosikazi amancinci, usinceda siqonde ukuba sidinga ukubona kwabo silungiselela kubo—sibone hayi iimbandezelo kwakunye nemizabalazo yabo kuphela kodwa namandla, iziphiwo, kunye neempumelelo. Uthe ukuba kumele sibe “yintshatsheli kunye nomthenjwa—umntu onolwazi ngeemeko zabo kwaye obaxhasayo kwiminqweno neenjongo zabo”1

Kumzekeliso wezimvu neebhokwe, uMsindisi wathi abo banokufunyanwa kwisandla sakhe sasekunene bangabuza: “Nkosi, sakubona nini na ulambile, sakonga? unxaniwe, sakuseza?

“Sakubona nini na ke ungowasemzini, sakungenisa endlwini, uze, sakwambesa?” (Mateyu 25:37–38).

“Bazalwana noodade, igama eliphambili ngu bona,” watsho udade uCordon. “Abalungileyo babona abo basweleyo ngoba babe jongile kwaye beqwalasele. Nathi singaliliso elijongisisileyo ukunceda kwaye sithuthuzele, ukuvuyela kwaye side siphuphe.”2

2. Khangela izizathu zokubhiyoza

Bhiyozela iimpumelelo ezinkulu okanye ezincinci. Ingaba kukudlula kwisifo somhlaza okanye ukudlula ekwahlukaneni, ukufumana umsebenzi omtsha okanye ukufumana isihlangu esilahlekileyo, ukuphila inyanga emveni kolahlekelwa ngumntu oyintandane okanye ukuphila iveki ngaphandle kweswekile.

Betha ucingo uncome, ushiye ikhadi, okanye uphemele isidlo sasemini. Ngokwabelana ngeentsikelelo zethu kunye, siphila ngombulelo, kwaye sibhiyozela iintsikelelo kwakunye neempumelelo zabanye, “sifumane imigcobo kuvuyo lwabazalwana bethu?” (Alma 30: 34).

3. Bona isandla seNkosi.

Ngamanye amaxesha ukuvuya nabanye kuthetha ukubabonisa izizathu zokuvuya—nokuba bobuphi ubunzima okanye uvuyo olungena ebomini bethu. Inyaniso elula yokuba uBawo Osezulwini uyasiqonda kwaye ulindele ukusinyusa ingangumthombo wovuyo ongummangaliso.

Unganceda abanye babone isandla seNkosi ebomini babo ngokwaba indlela osibone ngayo ebomini bakho. Ibabuthathaka ngokwaneleyo ukuba wabe indlela uBawo Osezulwini akuncede ngayo ukudlula kwimingeni. Obubungqina bunganceda abanye babone kwaye baqaphele indlela Abancede ngayo (bona Mozaya 24: 14).

4. Sukunciphisa isakhono sakho sokonwaba

Ngelishwa, sinamaxesha sinciphise izakhono zethu zokuvuya nabanye, ngakumbi xa siziva singakhuselekanga ngento esinokuyinikezela okanye apho sikhoyo ebomini. Endaweni yokufumana uvuyo kulonwabo lomnye, siwa kunoxhaka wokuthelekisa. Kwaye njengokuba uMdala uQuentin L. Cook weMqumrhu labaPostile Abalishumi elinambini wafundisa: “Ukuthelekisa iintsikelelo kuphantse kwaqinisekisa ukuqhubela ngaphandle uvuyo”. Asikwazi ukuba nombulelo kwakunye nomona ngexesha elinye.” 3

“Singawoyisa njani umkhwa oxhaphakileyo phantse kumntu wonke?” wabuza uMdala uJeffrey R. Holland weQumrhu labaPostile Abalishumi nambini. “… Singabala iintsikelelo zethu ezininzi kwaye singaqhwabela iimpumelelo zabanye. Ngokungcono kunazo zonke, singakhonza abanye, okona ukukulolonga kwentliziyo kukhe kwaboniswa.”4 Endaweni yokuthelekisa, singancoma kwabo silungiselela kubo. Ngokukhululeka yaba okubulelayo ngabo okanye amalungu osapho lwabo.

Njengokuba uPawulosi esikhumbuza, sonke singamalungu omzimba kaKristu, kwaye xa “lilungu elinye elizukiswayo, avuyisane amalungu onke.” (1 Kwabase-Efese 12:26). Ngoncedo lukaBawo oseZulwini, singazi ngamava abanye, sivuyisane nempumelelo enkulu nencinane, sibancede babone isandla seNkosi, kwaye soyise umona ukuze ngokunyanisekileyo sonwabe kunye kwiintsikelelo, iziphiwo, kwakunye nolonwabo lwabanye.

Izikhumbuzo

  1. Bonnie H. Cordon, “Ukuba nguMalusi,” Liyahona, EyeNkanga 2018, 75.

  2. Bonnie H. Cordon, “Ukuba nguMalusi,” 75.

  3. Quentin L. Cook, “Vuya!” Ensign, eyeNkanga 1996, 30.

  4. Jeffrey R. Holland, “The Other Prodigal,” Liyahona, Canzibe 2002, 64.

Shicilela