2019
Into Ibali LeKrisimesi Elisifundisa Malunga Nokulungiselela
EyoMnga 2019


Imigaqo Yokulungiselela, EyoMnga 2019

Into Ibali LeKrisimesi Elisifundisa Malunga Nokulungiselela

“Lilo eli ixesha elithandwayo enyakeni. Cula imvano; Ixesha leKrisimesi liza kukhawuleza lifike. Balisa ibali lenyani lokuzalwa kukaYesu, xa wayelusana, yena waza ehlabathini” (“The Nativity Song,”Children’s Songbook, 52).

Umfanekiso
ministering

Iinkcukacha zisuka Behold The Lamb of God, nguWalter Rane

Ixesha leKrisimesi lixesha elimyoli xa izimvu, abelusi, izitali, kunye neenkwenkwezi ngesaquphe ziye zithabathe intsingiselo entsha. Ziye zibe ngabadlali-ndima ababalulekileyo ekubaliseni esinye seziganeko esibaluleke kakhulu kwimbali yoluntu: ukuzalwa kukaYesu Krestu. Iintsapho ezininzi zibonisa umboniso wokuzalwa emakhayeni wazo. Abanye baye baqinisekise ukuba bayalifunda ibali lokuzalwa kwaKhe okanye bathathe inxaxheba kumdlalo obonisa iziganeko zembali. Njengamabali onke kaKrestu, ibali lokuzalwa kwaKhe lizele izifundo esingazifunda malunga nokulungiselela, ngokwabelana ngokukhanya kwaKhe kwihlabathi. “Ibali leKrisimesi libali lothando,” watsho uMongameli Henry B. Eyring, uMcebisi Wesibini KuBongameli Bokuqala.

“…Emabalini wokuzalwa kaKrestu, singabona kwaye sive ukuba Yena wayengubani kwaye Yena ungubani na. Oko kusiphungulela umthwalo wethu endleleni. Kwaye kuya kusikhokelela kwelokuba sizilibale thina buqu kwaye siphungule imithwalo yabanye.1

“Babengenandawo endlwini yabahambi”Luka 2:7)

Umgcini-ndlu wohlulwa kukwenzela uYesu igumbi lifumaneke, kodwa thina akunyanzelekanga ukuba senze loo mpazamo! Singamenzela uMsindisi igumbi ezintliziyweni zethu ngokuthi senzele abazalwane noodade bethu igumbi ezitafileni zethu, kumakhaya ethu, nakumasiko ethu. Amasiko amaninzi eentsapho angenziwa abemnandi kwaye abe nokukhumbuleka ngokuthi aquke nabanye abantu. UDaiana kunye nosapho lwakhe banesiko lokumema umntu azo kuchitha iKrisimesi kunye nabo. Rhoqo kweyoMnga, baye baxoxe kwaye bagqibe kwelokuba bangathanda ukumema bani na.2 Mhlawumbi usapho lwakho lungaqala isiko elifana neli. Mhlawumbi umntu enithi nimlungiselele uya kuthanda ukungenelela usapho lwakho ekuculeni amaculo eniwathandayo eKrisimesi kunye. Ungenzela omnye umntu ongenasapho ekuhlaleni igumbi kwisidlo seKrisimesi.

Yeyiphi indlela engcono yokubhiyozela uMsindisi kunokulandela umzekelo waKhe wobandakanyo? Khumbula ukuba Yena uyabamema “bonke ukuba beze kuyo baze baxhamle kuko ukulunga kwayo; kwaye ayaleli namnye oza kuyo, omnyama nomhlophe, umthinjwa kwanokhululekileyo, indoda nomfazi; kwaye iya bakhumbula abahedeni; kwaye bonke bayafana kuThixo, kunye umYuda noweNtlanga” (2-Nifayi 26:33). Yenza igumbi kwaye udale ukuquka.

“Kwaye kukho abalusi kwelo lizwe, behlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo” (Luka 2:28)

Ibonalaka ifaneleka ukuba abelusi bangaba phakathi kwabo bokuqala ukubulisa usana olunguMsindisi. Abaprofethi bamandulo babebiza uYesu Krestu njengo “Melusi kaSirayeli” (Iindumiso 80:1) kunye “noMalusi kuwo wonke umhlaba”(1 Nifayi 13:41). Kwaye uKrestu yena buqu wathi, “Ndim malusi olungileyo, kwaye ndiya zazi imvu zam”(Yohane 10:14) Ukwazi izimvu zethu nokuzigada yeyona ndima ibalulekileyo ekwaluseni nasekulungiseleleni njengoMsindisi esenza njalo.

Ngezibane eziqaqambileyo kunye neziyokoyoko ezihombisileyo, kuninzi emakujongwe ngexesha leKrisimesi. Kodwa mhlawumbi obona buhle belixesha bungafumaneka xa sikhumbula ukujika ingqwalasela yethu kwabo sithi sibalungiselele kwaye siqhubeke sigade nemihlambi yethu. Ukuqhubeka ugadile kungaba kukuqaphela izinto ezimnandi ezithandwa ngomnye okanye ukubuzisa ngezicwangciso zeeholide zomntu. Siqhubeka sigadile xa sibona kwaye sifezekisa izidingo zabanye - zombini ezicacileyo nezingacacanga.

Xa uCheryl ngesaquphe walahlekelwa ngumyeni wakhe, uMick, waye waphatheka kabuhlungu. Njengokuba iKrisimesi yakhe yokuqala ngaphandle kwakhe yayisondela, ubulolo baye bakhula. Ngombulelo, udade ongumlungiseleli wakhe uShauna waye khona. UShauna kunye nomyeni wakhe, uJim, baye bamema uCheryl ekuzikhupheni okuninzi kweeholide. Baye baqaphela idyasi kaCheryl egugileyo kwaye bagqiba kwelokuba benze okuthile malunga noko. Ezintsukwini ezimbalwa ngaphambi kweKrisimesi, uShauna kunye noJim baye bazisela uCheyl isipho seKrisimesi: idyasi entle entsha. Babesazi ngezidingo zasenyameni zikaCherlyl zedyasi efudumeleyo kodwa nezidingo zentliziyo zokufumana intuthuzelo nobuhlobo. Baye bazimisela bazalisekisa ezo zidingo kangangoko babenako kwaye babeka umzekelo omhle wokuba nathi singayigada kanjani imihlambi yethu.3

“Abalusi bathi omnye komnye, Masesihamba sisiya eBhetelehem” ( Luka 2:15)

“Masesihamba ngoku” sisimemo esinobugcobo! Abelusi zange bacingele ukuba abahlobo babo bayakube bedinwe kakhulu ukulenza olu hambo. Zange basingise ngokuthuleyo kwelaseBhetelehem bebodwa. Ngochulumanco baye bajongana baze bathi, “Masesihamba ngoku!”

Nangona kusenokwenzeka ukuba asinako ukumema abahlobo bethu ukuba bazokubona usana uMsindisi, singabamema bazokuva umoya weKrisimesi (okanye umoya kaKrestu) ngokuthi bakhonze nathi. “Indlela yokwandisa umoya weKrisimesi kukufikelela ngesisa kubo abo basingqongileyo kwaye sizinikele thina,” watsho uBonnie-,L. Oscarson owayenguMongameli Jikelele Wamantombazana Aselula.4 Yibanomfanekiso-ngqondweni ubambe ikhandlela. Abanye ngokuqinisekileyo baya kubona kwaye baya kuzuza ekukhanyeni okuphuma kwikhandlela lakho, kodwa yibanomfanekiso-ngqondweni wokufudumala abanokuva xa unokusebenzisa ikhandlela lakho ukukhanyisa awabo amakhandlela kwaye ubavumele bazibambele ukukhanya kwabo.

UKrestu Yena buqu wafundisa ukuba abo bathi bamlandele Yena baza kuba nokukhanya kobomi (bona Yohane 8:12). Ukunceda ngendlela Yena wayenceda ngayo yenye indlela esinokuthi simlandele naYe kwaye sonwabele oko kukhanya kuthenjiswayo. Ngoko ke yabelana ngokukhanya ngokumemela abanye bancede nawe! Wena nabo ubalungiselelayo ningakhonza njani nonke? Kunye ningalungisa isidlo senu enisithandayo okanye ningamangaza omnye ngesipho esincinane okanye imbalelwano. Ninonke ningakuva ukukhanya okusuka ekulandeleni umzekelo kaKrestu wenkonzo.

“Balibhengeza ilizwi elabe lithethwe kubo ngaye lo mntwana”(Luka 2:17)

Kulula ukubanomfanekiso-ngqondweni ngovuyo nochulumanco lwabelusi njengoko babesabelana ngeendaba ezimangazayo zokuzalwa kukaKrestu nabo abantu abaninzi kangangoko babenako. Okwakubhengezwe ziingelosi, uMesiya ekwakuprofethwe ngaye wayefikile! Yena wayelapha! Enyanisweni, ukwabelana ngeendaba ezilungileyo zoMsindisi kungumxholo omkhulu webali Lokuzalwa Okutsha. Iingelosi zaye zacula. Inkwenkwezi yakhomba indlela. Kwaye nabelusi bakwazisa kubo bonke jikelele.

Nathi sisenokongeza amazwi ethu kwibali leKrisimesi ngokuthi sabelane ngeendaba ezilungileyo kwakunye nokungqina ngoMsindisi. “Njengoko unelungelo lokumela uMsindisi kwiinzame zakho zokulungiselela, zibuze, ‘Ingaba ndingabelana njani ngokukhanya kwevangeli nabanye okanye nolusapho?’” wafundisa uDade Jean-B. Bingham, uMongameli Jikelele WoMbutho Wamanina. “Ingaba umoya undiphembelelela ukuba ndenze ntoni na?”5

Nazi iingcebiso ezimbalwa ongazihlola njengoko ukhangela ukwazi ukuba ungabelana njani ngolwazi lwakho loMsindisi nevangeli yaKhe:

  • Fumana isibhalo esingcwele esibamba izimvo zakho ngoMsindisi okanye esivakalisa isizathu sombulelo onawo kuYe. Yabelana ngaso kwabo othi ubalungiselele.

  • Thumela imbalelwano emfutshane okanye umyalezo kwiqonga lonxibelelwano loluntu kunye nomboniso bhanya-bhanya weKrisimesi. Zikhona ezimangazayo ku ChurchofJesusChrist.org!

  • Xelela umhlobo ngenkumbulo ekhethekileyo okanye isithethe esikukhumbuza ngoKrestu.

Yiba nokholo lokuba uMoya Oyingcwele uya kungqinela inyaniso yobungqina bakho, njengoko Wona wathi wangqinela uSimon kunye no-Ana okokuba usana uYesu wayenguye uMsindisi (bona Luka 2:26, 38).

“Ukuze sidumise ukuza [kukaYesu Krestu] ehlabathini, kufuneka senze njengoko Yena wenzayo kwaye sifikelele ngemfesane nangenceba koogxa bethu,” watsho uMdala uDieter-F. Uchdorf weQumrhu LabaPostile Abalishumi Elinambini. “Oku singakwenza yonke imihla, ngamazwi kunye nangezenzo. Oku makube lisiko lethu leKrisimesi, nokuba siphi —sibenobubele obuthe chatha, chatha ekuxoleleni, sinciphise ekugwebeni, chatha ekubeni nombulelo, kwaye nesisa ekwabeleni ngobuninzi bethu nabo badingayo.” 6

Izikhumbuzo

  1. Henry B. Eyring, “Christmas Stories” (First Presidency Christmas devotional, Dec. 6, 2009), broadcasts.ChurchofJesusChrist.org.

  2. Bona Daiana Melina Albornoz Díaz, “Sharing Christmas,” Liyahona, Dec. 2007, 17.

  3. Bona Cheryl Boyle, “He Would Have Bought It for You,” Ensign, Dec. 2001, 57.

  4. Bonnie L. Oscarson, “Christmas Is Christlike Love” (First Presidency Christmas devotional, Dec. 7, 2014), broadcasts.ChurchofJesusChrist.org.

  5. Jean B. Bingham, “Ministering as the Savior Does,” Liyahona, uCanzibe 2018, 104.

  6. Dieter F. Uchtdorf, “Scatter Your Crumbs” (First Presidency Christmas devotional, Dec. 3, 2017), broadcasts.ChurchofJesusChrist.org.

Shicilela