2020
Ukuhlanganisela uSirayeli Ngako Ukulungiselela
EyoMqungu 2020


Umfanekiso
ministering

Imigaqo Yokulungiselela, EyoMqungu 2020

Ukuhlanganisela uSirayeli Ngako Ukulungiselela

Ukulungiselela kulithuba lokulandela ingcebiso yomprofethi yokuhlanganisela uSirayeli.

UMongameli Russell M. Nelson usimemile ukuba sincedise ekuhlanganiseni uSirayeli—“eyona nto ibaluleke ngokubalaseleyo eyenzeka emhlabeni namhlanje.”1

Kwabo bafuna ukuba yinxalenye yalomsebenzi wokuhlanganisela uSirayeli, ukulungiselela kungaba lithuba elimangalisayo. Kona kuyindlela ephembelelweyo yokuguqula ubomi babantu. Nokuba silungiselela kumalungu angasathathi nxaxheba okanye sibamema ukuba basincede silungiselele kwabo bangaphandle kwinkolo yethu, ukulungiselela kunikezela ngamathuba wokuhlanganisa uSirayeli.

Ukuhlangula Amalungu Abuyelayo

“Ngothando luyinkuthazo, imimangaliso iya kukwenzeka, kwaye siya kufumana iindlela zokuzisa oodade nabazalwane bethu abalahlekileyo ekukwangeni okuquka konke kwevangeli kaYesu Krestu.” —Jean B. Bingham2

“Ndandingasathathi-nxaxheba kangangeminyaka emithandathu xa umyeni wam kunye nam sasifudukela kwidolophu entsha. UMongameli wam omtsha woMbutho Wamanina wandityelela, ebuza ukuba angathumela udade othile ukuba andityelele na. Ngexhala elithile, ndavuma. Lo dade wandityelela inyanga nganye, nangona zazimgulisa izinja—kwaye ndinenja enothando! Ukulungiselela kwakhe kwaqhubeka iminyaka emibini, kwaye kwaba negalelo elikhulu kum.

“Nangona utyelelo lwakhe lwalusoloko lumalunga nezentlalo, wayekhe andibuze imibuzo eyakhokelela kwiincoko zokomoya. Ezi zazindenza ndingakhululeki, kodwa zandichukumisa ukuba ndigqibe kwelokuba ndibheka phambili kwivangeli okanye ndime apho ndandikhona. Esi sigqibo sasinzima kum, kodwa ndakhetha ukutyelela nabafundisi bevangeli abangoodade.

“Ngomhla endaya kuzimasa intlanganiso yomthendeleko okokuqala eminyakeni emithandathu, ndandisoyika ukungena ngaphakathi. Xa ndandingena ecaweni, udade owayelungiselela kum wayesele endilindele, kwaye wangena nam phakathi kwisakhiwo secawa. Emva koko, wandikhapha ukubuyela kwinqwelo-mafutha yam, endibuza ukuba yayiyini anokuyenza ekundincedeni ngokungcono njengoko ndandisiya ndisondela kuMsindisi.

“Ixesha kunye nothando lomlungiselelikazi wam lwandinceda ukundikhokelela kwakhona ekuthatheni inxaxheba, kwaye iinzame zakhe ndizithatha njengesinye sezipho ezibalaseleyo endakhe ndazinikwa. Ndiyabulela wayekhona pha ecaleni kwam kuhambo lwam lokubuyela kwiBandla loMsindisi.”

Igama libanjiwe, British Columbia, Canada

Imigaqo Yokucingisiswa

“Wandityelela inyanga nganye”

Ungabonakalisa njani ukuba uyakhathala ngabo ulungiselela kubo ngaphezu kwezinye izinto? (bona Imfundiso neMinqophiso 121:44).

“Imibuzo”

Ukubuza imibuzo efanelekileyo inganceda ekuvumbululeni ukuzivavanya komntu. Khumbula ukuba ukulungiselela kwethu kunenjongo eyogqitha ukubutha.3

“Endilindele”

Wonke umntu kumele azive amkelekile (bona 3 Nifayi 18:32).

“Apho ecaleni kwam kwindlela ebuyayo”

Inkxaso yethu ingenza umahluko omkhulu kwabo baye baxinga ekubuyeleni kuMsindisi kwaye baphiliswe (bona KumaHebhere 12:12–13).

Ukulungiselela nokuHlanganisela

“Kuzo zonke iindlela ezikhangeleka izezemvelo okanye ziqhelekile kuwe, yabelana nabantu ngokuba kutheni uYesu Krestu neBandla laKhe ebalulekile kuwe. …

“… Indima yakho kukwaba oko kusentliziyweni yakho kwaye uphile ngokuhambelana neenkolelo zakho.” —Mdala Dieter F. Uchtdorf4

Ukulungiselela nokwaba ivangeli kuhambelana ndawo nye. Nazi ezinye iindlela ezithile esinokuhlanganisa abahlobo bethu kunye nabamelwane bethu ngazo xeshikweni silungiselela—okanye silungiselele xeshikweni sihlanganisela abahlobo bethu kunye nabamelwane.

  • Ncedanani kunye. Khangela amathuba okumema abahlobo okanye abamelwane bahambe nawe ekulungiseleleni kwiimfuno zabanye. Bacele bakuncede ulungiselele umdlezana isidlo, utyelele ummelwane omdala, okanye ucoce ikhaya lomntu ogulayo.

  • Fundisani kunye. Cingisisa ngokumema umhlobo okanye ummelwane ongahambi cawa rhoqo ukuba abambe isifundo sabefundisi ekhayeni lakhe esenzela umntu ohlangana nabefundisi bevangeli. Okanye umhlobo wakho angakuxhasa ekubambeni isifundo kwikhaya lakho okanye ahambe nawe ukuya kwisifundo kwikhaya lomnye umntu.

  • Fikelela kwabanye xa ubona isidingo. Zinikele ngokwenzela umntu amalungiselelo esithuthi esiya enkonzweni. Memela abantwana kwimicimbi yolutsha okanye kweyabantwana. Zeziphi ezinye iindlela onokulungiselela kwaye uhlanganisele ngazo?

  • Sebenzisa izixhobo iBandla elibonelele ngazo. IBandla libonelela ngezixhobo ezininzi ezenzelwe ukunceda amalungu ekwabeni ivangeli. Ungaphengulula kwicandelo “lobufundisi” kwi-App yeThala Leencwadi zeVangeli ComeUntoChrist.org ngeengcebiso zokuba kuhlanganiselwa njani uSirayeli eluntwini lwethu.

Izikhumbuzo

  1. Russell M. Nelson, “Hope of Israel” (worldwide youth devotional, EyeSilimela 3, 2018), HopeOfIsrael.ChurchofJesusChrist.org.

  2. Jean B. Bingham, “Ministering as the Savior Does,” Liyahona,uCanzibe 2018, 106.

  3. Bona “Ministering Principles: The Purpose That Will Change Our Ministering,” Mqungu 2019.

  4. Dieter F. Uchtdorf, “Missionary Work: Sharing What Is in Your Heart,” Liyahona, Canzibe 2019, 17.

Shicilela