2020
Ukulungiselela ngokusebenzisa iMbali yoSapho
EyoMdumba 2020


Imigaqo Yokulungiselela, EyoMdumba 2020

Ukulungiselela ngokusebenzisa iMbali yoSapho

Umfanekiso
ministering

Imizobo ngu Joshua Dennis; umfanekiso wangemva kunye nefoto zisuka kwaGetty Images

Ukunceda umntu ngembali yosapho lwakhe yindlela enamandla yokulungiselela. Njengoko uqhagamshelana nabanye ngezinyanya zabo ngamabali nenkcukacha zosapho, uphela uvala izikroba ezintliziyweni zabo ababengayazi ukuba zikhona (bona UMalaki 4:5–6).

Nokuba lilungu leBandla ubomi bonke okanye umntu ongazange ave ngevangeli ebuyisiweyo kaYesu Krestu, bonke abantwana bakaThixo bayalangazelela ukwazi apho bavela khona.

Kuqhele ukungathathi xesha ukushiya ukuchukumiseka okunzulu nokwexesha, njengoko kuboniswayo kulamabali alandelayo.

Ufumana uSapho kuma 30,000 feet

Kutsha nje kundizo olugodukayo, ndizifumane ndisecaleni kukaSteve, owabelane nam ngeziqwenga zebali lakhe. Wayefumene isidanga samabanga aphezulu esikolo, wangena kuMkhosi wase U.S njengencutshe yonxibelelwano eneminyaka engama18 ubudala, kwaye kungekudala waqalisa ukusebenza eWhite House, enikezela ngengxaso yonxibelelwano kuMongameli we Melika. Usukela kwiminya engama18 ukuya kweyama 26, wakhonza ooMongameli base U.S. ababini. Amabali akhe ayemangalisa!

“Steve,” ndatsho, “kufuneka uwabhale phantsi lamabali ukwenzela inzala yakho! Bayadinga ukuwafumana lamabali ngembono yakho ubuqu.” Wavuma.

Ke Umoya wandichukumisa ukuba ndimbuze yintoni ayaziyo ngezinyanya zakhe. USteve wayesazi lukhulu ngecala likamama wakhe, ukuquka ibali lwendlela usapho lwakhe lwadla isidlo sangorhatya noAbraham Lincoln ngelixa wayekhankasa phakathi kwisixeko esisecaleni ngovoto lobumongameli e U.S ngowama 1860.

Wayesazi kancinci ngecala likatata wakhe, nangona kunjalo. Wayefuna kakhulu ukwazi ngakumbi. Ndatsalela ngaphandle ifowuni kwaye ndavula i app yeFamilySearch “Steve, singalufumana usapho lwakho ngoku!”

Ndanxibelelana ne Wi-Fi yenqwelomoya. Ndangqengqisa ifowuni yam phezulu kwetafile ephambi kwam ukwenzela sibenokubona sobabinini. Sakhangela kwi FamilyTree. Kwimizuzwana nje sobabini sasijonge isatifiketi somtshato sika tatomkhulu-katamkhulu wakhe no makhulu-katamkhulu.

“Ngabo aba!” watsho. “Ndiyalikhumbula igama lakhe lokugqibelea ngoku!”

Umoya wemincili wagaleleka ngaphezulu kuthi sobabini. Sasebenza ngokwakhela izinyanya zakhe ezaziwa kancinci iprofayile imizuzu engama 45 elandelayo. Wandicela ndimthembise ukuba sazizakuqhubekeka ukukhangela kunye eColorado. Satshintshiselana ngeenkcukacha zokunxibelelana njengoko inqwelomoya yayisehla.

Naku silapho, sibhabha 30, 000 feet (9,145m) emoyeni, nesixhobo esincinci kangangesandla sam, sikhangela indoda kunye nomfazi ababetshate iminyaka engama100 eyadlulayo ababelahlekile kuye kunye nosapho lwakhe. Iyamangalisa! Kodwa sabafumana. Iintsapho zadityaniswa. Amabali akhunjulwa. Imizwa yombulelo yavelwa iteknoloji kunye nezixhobo. Yayingeyonto emfutshane kunommangaliso.

Jothan Petty, Colorado, USA

Ukungqongwa Lusapho Olutsha

UMaria wayesele engakhonzi iminyaka engama 20 edlulileyo. Iinyanga ezimbalwa ezidlulileyo, sichithe iiyure ezimbalwa naye ekhayeni lethu, siphengulula usapho lwakhe ngobalo lwabantu kunye namanye amarekhodi. Ngelinye ixesha wagqabhuka ngenyembezi ekhwaza, “Ndifunde lukhulu ngosapho lwam ngeeyure ezimbini kunokuba ndisazi ubomi bam bonke!”

Ekupheleni kwexesha lethu kunye, simazise nge Relatives Around Me yeFamilyTree app. Kwafumaniseka ukuba umnyeni wam kunye nam sasizalana kude kuMaria. Wagqabhuka ngenyembezi kwakhona, esithini wayecinga uyedwa. Wayengayazi unosapho esixekweni. Emveni kweeveki ezimbalwa uMaria wadibana noBhishophu wethu. Ngoku usebenzela ukulungiselela itempile, kwaye udibene nabazala “abatsha” ebandleni!

Carol Riner Everett, North Carolina, USA.

Iresiphi yokulungiselela

UAshley, udade endimlungiselelayo, kunye nam sinencwadi zokupheka ezivela koomakhulu bethu. Eyakhe isuka ku mama-kamakhulu wakhe, eyam yincwadi endayidibanisayo ngelixa ndafumana ibokisi yeresephi kaMakhulu uGreenwood emveni eswelekile.

UAshley kunye nam sakhetha iresiphi kwiincwadi zethu zokupheka, kwaye sadibana emveni komsebenzi ngobunye ubusuku ukuzizama. Wakhetha iresiphi yezimuncu-muncu, ngoko senza yona kuqala kwaye sayibeka eziko. Ndakhetha ichip dip—isidlo sakuwo onke amatheko osapho lwakaGreenwood. Intombi kaAshley yasinceda ukuhlola ngokungcamla oko kutya. Waza kuba uAshley wayengafuni abantwana bakhe batye zonke izimuncu-muncu, wazisa ezinye koodade awayelungiselela kubo.

Into endayithanda ngamandla ngobusuku bethu beresiphi kukuba ngoku sipheka kwaye sibhaka, sathetha ngazo zonke izihloko zesiqhelo zolungiselelo—iintsokolo zakhe kunye nezam. Kodwa sathetha ngomakhulu nomama bethu, eyayichukumisa kuthi sobabini.

Jenifer Greenwood, Utah, USA

Iindlela Ezicace gca Zokunceda

Imbali yosapho ingavula iingcango zamathuba okulungiselela xa kukhangeleka ukuba akhonto inokwenza njalo. Nazi iingcinga ezimbalwa onokuzizama.

  • Bancede bashicelele kwaye bafake amarekhodi esandi amabali embali osapho, ngakumbi lawo ahambelana nemifanekiso.

  • Yenza itshati yabaxhasi okanye amaphepha ashicelelekayo embali yosapho onokuyinikezela njengesipho.

  • Fundisa ngendlela zokushicelela imbali yabo ngokugcina ijenali ngendlela ebonwabisayo. Jenali yesandi? Jenali yemifanekiso? Ividiyo log? Luninzi ukhetho kwabo bangakhethi iifomati zomgangatho zeejenali.

  • Iyani etempileni kunye ukwenzela izinyanya imimiselo. Okanye zinikele ukwenzela imimiselo amagama osapho lwabo ukuba banokuninzi ngaphezulu kokubanako.

  • Dibanani kunye ukwenzela ukwaba amasiko osapho.

  • Thathani iklasi yembali yosapho kunye.

Shicilela