2020
Ukulungiselela ngeNkonzo yeTempile
EyoKwindla 2020


IMigaqo Yokulungiselela, EyoKwindla 2020

UKULUNGISELELA NGENKONZO YETEMPILE

Xa sinceda abanye ukuba bonwabele iintsikelelo zetempile, siyalungiselela.

Umfanekiso
ministering

Imvelaphi evela kwiGetty Images; umfanekiso weTegucigalpa Honduras Temple

Ukuzimasa itempile kuwufanele lo mgudu. UMongameli u-Russell M. Nelson wafundisa ukuba “itempile ibalulekile kusindiso lwethu nokuphakanyiswa kwethu nakwiintsapho zethu.

“… Omnye nomnye wethu ufuna ukomelezwa ngokomoya okuqhubekayo kunye nokufundiswa okunokwenzeka kuphela endlwini yeNkosi.”1

Ukuzimasa itempile kufuna ukulawula ixesha lethu, uxanduva, kunye nezixhobo zethu, kwakunye nokulungiselela ngokomoya. Siyalungiselela xa siqaphela izithintelo ezibamba abazalwana noodade bethu ekuyeni etempileni kwaye sibanceda ukuba bafumane izisombululo.

ITempile yiNtsikelelo Nabani na anokuyoNwabela

Umfundisi wevangeli osandula ukubuya, uMeg, wayesiya ngakwiminyango yeTempile yaseKona Hawaii xa waye wabona owasetyhini oselula ehleli yedwa esitulweni esingaphandle. UMeg waziva kufanelekile ukuba athethe nalo wasetyhini oselula, kodwa wayengaqinisekanga ukuba makathini. Ngoko ke waye wabuza ngentsingiselo yomvambo owawuseqatheni lowasetyhini oselula. Oko kwaye kwaqala incoko eyathi yavumela lowo wasetyhini oselula, uLani, ukuba abelane ngebali lakhe.

ULani waxelela uMeg ngomzabalazo wakhe wokubuyela ekuthabatheni inxaxheba ngokuzeleyo eBandleni, ngamalungu anobubele amncedayo, kwaye nangethemba lakhe lokuba ngenye imini uya kutywinwa kumntwana wakhe oyintombazana.

UMeg waye wamema uLani ukuba aze kuhlala naye kwigumbi lokulinda etempileni. Babengazokwazi ukuya etempelini okwangoku, kodwa babenokwazi ukuwela umqobo. ULani waye wavuma, kwaye bahamba kunye kwiingcango ezingaphambili. Umsebenzi wasetempileni wababonisa isitulo esiphantsi komzobo woMsindisi.

Njengoko babehleli kunye, uLani wasebeza, “Bendifuna ngokwenene ukuza etempileni namhlanje, kodwa bendinexhala.” Ngenxa yokuba uMeg walandela uMoya, waye wanceda ukuphendula umthandazo othulileyo kaLani.

Iingcinga Ngokunceda Abo bangenayo iMvume Yokungena

Nkqu nabo bangenayo imvume yokungena etempileni okwangoku basenako ukusikelelwa yitempile.

  • Yabelana ngeemvakalelo zakho malunga nendlela iNkosi ekusikelele ngayo kumsebenzi wasetempileni.

  • Mema ubani ukuba azimase indlu yovulo lwetempile okanye iziko labatyeleli. Fumana izindlu zovulo ezizayo ku temples.ChurchofJesusChrist.org.

  • Jonga imifanekiso kwaye ufunde ngakumbi malunga netempile ku temples.ChurchofJesusChrist.org.

Yenza Uzimaso lweTempile Lubelula kwaBanye

Nkqu nakumalungu anemvume yokungena etempileni, ukuzimasa itempile kunokuba ngumngeni. Abanye banokudinga ukuhamba imigama emide. Abanye banokuba nabantwana abancinane okanye amalungu osapho amadala afuna ukukhathalelwa. Singasebenzisana kunye ukwenza inkonzo yasetempileni ibe nakho ukwenzeka kuye wonke umntu.

ULeola Chandler waziva egutyungelwe kukukhathalela umyeni wakhe ogulayo nabantwana babo abane. Waye wagqiba kwelokuba abeke ixesha bucala rhoqo ngolwesiBini ukuzimasa itempile ekufuphi. Kwaye kwaba ngumthombo woxolo namandla ebomini bakhe.

Ngenye imini weva ukuba abanye oodade abadala kwisebe lakhe babelangazelela befuna ukuya etempileni, kodwa babengenandlela yezothutho. ULeola wazinikela ngokuba uza kubakhwelisa. Kwiminyaka engama-40 elandelayo, kwanqaba ukuba aye etempileni eyedwa.2

ULeola wasikelelwa, kwaye wabasikelela abanye xa wathi wazinikela ngokubathatha aye nabo etempileni.

Iingcinga Zokunceda Abanye ukuba Bazimase iTempile

Ungabanceda njani abanye ukuba baye etempileni rhoqo? Unokufumanisa ukuba kwa ezi ngcinga zifanayo zingakunceda nawe.

  • Hambani kunye. Zinikele ngokubonelela okanye ukulungiselela ukuthutha omnye umntu. Oku kunokukhuthaza omnye umntu ukuba naye azimase itempile.

  • Cela amalungu osapho lwakho okanye wesebe ukuba akuncede wenze imimiselo yezinyanya zakho, ngakumbi xa unamagama osapho amaninzi alungele imimiselo.

  • Nikela ngokugcina abantwana ukuze abazali bazimase itempile. Okanye cwangcisani ukuthatha amathuba wokutshintshana ukugadelana abantwana.

Xa iTempile Ikude

UChandradas “Roshan” noSheron Antony baseColombo, eSri Lanka, bagqiba kwelokuba batywinwe etempileni. Abahlobo babo uAnn noAnton Kumarasamy babenemincili ngabo. Kodwa babesazi ukuba ukufikelela kwiTempile yaseManila Philippines kwakungekho lula okanye kungeloxabiso liphantsi.

URoshan noSheron babonge imali yabo kwaye babesele cwangcise uhambo ngomoya kwiinyanga ezingaphambili ukuze babenokufumana uhambo lwangomoya abanokufikelela kulo. Ekugqibeleni, yaye yafika imini. Nangona kunjalo, ngexesha labo lokugqitha eMalaysia, baye bafumanisa ukuba ukuze baqhubeke ukuya ePhilippines, babedinga iphepha-mvume lokundwendwela okanye babedinga ukubhabha ngenqwelomoya eyohlukileyo. Kwakungenzeki ukuba bafumane iphepha-mvume lokundwendwela, kwaye babengenakho ukuthenga amatikiti kwenye inqwelomoya. Kodwa babenganakuyithwala ingcinga yokubuyela ekhaya bengatywinwanga.

Engaqinisekanga ukuba angenza ntoni, uRoshan waye watsalela umnxeba uAnton. UAnton noAnn babekulangazelela befuna ukunceda. Bona babengabanye babalingane abambalwa eSri Lanka ababetywinwe etempileni, kwaye babeyazi ukuba kwakuyintsikelelo enjani leyo. Kodwa babesandulʼ ukugqibʼ ukusebenzisa imali yabo eyongiweyo ukunceda ilungu losapho elalinemfuno, kwaye babengenayo imali eyaneleyo yokunceda uRoshan noSheron ukuba bathenge amatikiti ohambo lomoya olutsha.

ESri Lanka kulisiko ukuba umkhwenyana athengele umtshakazi umgaxo wegolide ukuze abenemali ukuba umyeni wakhe uyasweleka. U-Ann wathatha isigqibo sokuthengisa umgaxo wakhe ukuze ancede ekuthengeni amatikiti amatsha. Isipho sakhe sesisa saye sakwazi ukwenza ukuba uRoshan noSheron baligcine idinga labo lasetempileni eManila.

“Ndiyalazi ixabiso lokutywinwa etempileni,” watsho uAnn. “Ndandisazi ukuba uSheron noRoshan babeya kuba ngamandla amakhulu kwisebe. Ndandingafuni ukuba baphoswe leli thuba.”3

Iingcinga Zokunceda Abo Bangakwaziyo Ukutyelela iTempile

Ungabizelwa ukuba ulungiselele kwabo bangakwaziyo ukufikelela etempileni rhoqo okanye abangakwaziyo ngenxa yomgama okanye iindleko. Kodwa usenokufumana iindlela zokubanceda ukuba bonwabele iintsikelelo zetempile.

  • Fundisa okanye uthathe inxaxheba kunye kulungiselelo lwetempile okanye kwigumbi lokufundela imbali yosapho.

  • Banike umfanekiso wetempile wokuba bawuxhome ekhayeni labo.

  • Ukuba ubusowuyile etempileni, yabelana ngeemvakalelo zakho malunga namava akho kunye nangobungqina bakho bemimiselo yasetempileni.

  • Bancede bafunde ngakumbi ngeminqophiso abayenzileyo kunye nendlela yokuyigcina. Cingisisa ngokusebenzisa “Understanding Our Covenants with God: An Overview of Our Most Important Promises,” kweyeKhala 2012 Liyahona.

Izikhumbuzo

  1. Russell M. Nelson, “Becoming Exemplary Latter-day Saints,” Liyahona, EyeNkanga 2018, 114.

  2. Bona LeRene Gaunt, “Finding Joy in Temple Service,” Ensign, Dwarha 1994, 8.

  3. UAnn noAnton baye bakwazi ukufumana umgaxo wabo emva kokuba babebuyiselwe imali yabo yiGeneral Temple Patron Assistance Fund, ethi inike uncedo-mali kanye kumalungu eBandla awangenakukwazi ukufikelela etempileni.

Shicilela