2020
Ukulungiselela Ngenkomfa Yajikelele
UTshazimpuzi 2020


“Ukulungiselela Ngenkomfa Yajikelele,” Liyahona, uTshazimpuzi 2020

Umfanekiso
ukulungiselela

Imigaqo Yokulungiselela, uTshazimpuzi 2020

Ukulungiselela Ngenkomfa Yajikelele

Ngazo zonke izicaphulo ezokhayo, izithethe zeentsapho, kunye neemfundiso zezicaka zeNkosi, inkomfa yajikelele isinika iindlela ezininzi zokulungiselela—ngaphambili, ngelixa, kwakunye nangasemva kwempelaveki yenkomfa yajikelele.

Njengoko abafundisi beeklasi zabo balungiselela ukuya kufundiso lwevangeli, uSusie noTom Mullen bakhuthaza rhoqo amalungu weeklasi zabo ukuba bameme umntu othile ukuba abukele inkomfa yajikelele.

“Ukumema umntu othile ukuba enze okuthile yinxalenye ebalulekileyo yomsebenzi wokufundisa ivangeli, kwaye kuyasebenza nasekulungiseleleni ngokunjalo,” yena utsho. “Abafundi bethu babuyisa ingxelo rhoqo malunga nokuba kuphumelele kakuhle kanjani kubo kwakunye nakuloo mntu bammemileyo.”

Nazi iindlela ezimbalwa abafundi abazibikayo malunga nokufikelela kubo:

  • “Silungiselela umhlobo onemiba asokola ngayo. Siye sammema ukuba amamele iimpendulo kwinkomfa yajikelele. Xa sasimtyelele emva kwenkomfa, yena wasixelela ukuba wayeve iingcinga ezininzi eza zizakunceda. ”

  • “Saye senza isibhadlalala somsitho wenkomfa yajikelele kwaye wonke ubani waye wazisa izibiliboco zokwabelana. Kwakumnandi kakhulu ngokuba saye sagqiba kwelokuba sikwenze oko kwakhona.”

  • “Ndiye ndamema umhlobo ukuba abukele inkomfa yajikelele kunye nam. Njengoko sasithetha ngayo, saye sagqiba kwelokuba siqhube siye kwindlu yokuhlanganela siyo kubona ukuba sasinokuyibukela khona na. Senza njalo, kwayo lawo yabangamava agqwesileyo ngokuba sibelapho!”

Njengoko abakwaMullens nabafundi babo bafundile, kukhona iindlela ezininzi zokulungiselela ngenkomfa yajikelele. Yindlela emangazayo yokwabelana ngezicaphulo ezokhayo, izithethe zeentsapho, iingxoxo ezinentsingiselo, kunye neemfundiso zezicaka zeNkosi!

Memela Abanye Ekhayeni Lakho

“UMsindisi wayalela abalandeli baKhe ʻukuba nithandane; njengoko ndinithandileyo ninaʼ (Yohane 13:34). Ngoko ke sikhangela ukuba Yena usithande kanjani. … Ukuba thina senza Yena isibonelo sethu, kufuneka sisoloko sizama ukufikelela ekuqukeni wonke umntu.”—uMongameli Dallin H. Oaks1

Eminyakeni eyadlulayo umfundisi wethu wasekhaya omangazayo uMike waqaphela ukuba mna nabantwana bethu abathathu sasinekhompyutha encinane esasibukela kuyo inkomfa yajikelele. Yena wasimema ngokukhawuleza ukuba siye endlwini yakhe siyo kubukela nenkosikazi yakhe, uJackie, benyanzelisa ukuba bangayithanda imbutho yethu. Abantwana bam babevuya kakhulu ukubukela inkomfa kwiTV yokwenene; nam ndayonwabela inkxaso; kwaye sonke saye salithanda ixesha lethu sikunye.

Emveni koko, ukubukela inkomfa yajikelele kunye yabasisithethe. Nangona xa sazifumanela iTV eyeyethu, saye saqhubeka sisiya sonwabile kwaMike nakwaJackie kunye nemiqamelo yethu, iincwadi zamanqaku, kunye nokutya okukhaphukhaphu siphathela inkomfa yajikelele. . Ukuva amazwi wabaprofeti kunye kwaye kwayenza yabe yekhethekileyo ngakumbi. Saye safana nosapho. UMike noJackie baye babangabanye babahlobo bethu baze babangootatomkhulu noomakhulu ebantwaneni bam. Uthando nobuhlobo babo buye bayintsikelelo emangalisayo kusapho lwam. Ndiyabulela kakhulu ngokusamkela kwabo ukusivulela ikhaya labo neentliziyo zabo.

Suzanne Erd, California, USA

IMigaqo Yokuthathelwa Ingqalelo

“Waqaphela”

UMsindisi ngothando waye wathatha ixesha ukubona iimfuno zabanye kwaye wenza intshukumo ukuhlangabezana neezo mfuno (bona Matewu 9:35–36; Yohane 6:5; 19:26–27). Nathi singenza okufana noko.

“Wasimema ngokukhawuleza”

Emva kokuba siqaphela iimfuno zabo sibalungiselelayo, inyathelo elilandelayo kukwenza intshukumo. “Ukuva amazwi abaprofeti”

Thina kumele “sihlangane kunye rhoqo” (Moronayi 6:5) ukuze sifundeni kunye, sikhuleni kunye, kwaye sithetheni ngezinto zokomoya ezibaluleke kakhulu kwimiphefumlo yethu.

“Yizani, nimamele ilizwi lomprofeti, kwaye nive ilizwi likaThixo”2 kungaba sesinye sezimemo zibalulekileyo esingazipha abo sibalungiselelayo.

“Uthando nobuhlobo”

Ukunceda ngokwenene kunye nokuphembelela abanye, kufuneka sokhe ubudlelwane ngemfesane “nangothando olungahanahanisiyo” (bona IMfundiso neMinqophiso 121:41).

Yabelana kwi-Intanethi

“Amajelo wamaqonga woluntu azizixhobo zehlabathi ezingabanefuthe lobuqu nelihle kumanani amakhulu wabantu kunye neentsapho. Kwaye ndiyakholwa ixesha lifikile kuthi njengabafundi bakaKrestu lokusebenzisa ezi zixhobo ziphenjelelweyo ngendlela efanelekileyo nesebenza nangakumbi ekungqineni ngoThixo uBawo onguNaphakade, icebo laKhe lovuyo kubantwana baKhe, kunye noNyana waKhe, uYesu Krestu, njengoMsindisi wehlabathi.” —uMdala David A. Bednar3

I-intanethi isivumela ukuba sabelane ngevangeli nehlabathi liphela. Ndiyakuthanda oko! Ndabelana ngeentshukumo ezimbalwa zenkomfa yajikelele, kodwa kaninzi ndizama ukunceda abance baqale ingxoxo ephuma kwiintetho zenkomfa yajikelele. Ukubona imibuzo evela kwabanye kungasinceda rhoqo ukuba sibone izinto ngendlela eyahlukileyo kwaye kungaba yinto ekhokelela kwimibuzo yengxoxo yethu.

Ndifumanise okokuba njengoko usebenzisa imibuzo ukuxoxa ngeentetho zenkomfa yajikelele neentsapho zakho ozilungiselelayo, kukunceda ubone amandla azo kunye neemfuno zazo. Omnye wemibuzo yam endiwuthandayo kukubuza ukuba, Yintoni oyiva ukuba ibingumxholo kwihlelo lakamvanje lenkomfa yajikelele?

Impendulo iphantse rhoqo ikuvumele ukuba uqonde oko kwenzeka ebomini babo noko kubalulekileyo kubo. Ikwenza ukuba ubengumlungiseleli okanye umlungiselelikazi ongcono kuba uye ubaqonde ngokucacileyo ngakumbi.

Camille Gillham, Colorado, USA

IMigaqo Yokuthathelwa Ingqalelo

“Sabelane ngevangeli”

Thina senze umnqophiso “wokuma njengamangqina kaThixo ngamaxesha onke nakuzo zonke izinto, nakuzo zonke iindawo” (Mozaya 18: 9).

“Baqale ingxoxo”

Imiyalezo yenkomfa yajikelele ingakhuthaza iincoko ezimangazayo, nezifanelekileyo ezikhokelwa ngokomoya. Zonke ezi ntlobo zeengxoxo zinokomeleza ubudlelwane benu, zincede ubungqina benu bukhule, kwaye zinizisele uvuyo!(bona IMfundiso neMinqophiso 50:22).

“Usebenzisa imibuzo”

“Imibuzo elungileyo iya kuninceda niqonde imidla, iinkxalabo, okanye imibuzo abanye abanayo. Yona ingaphucula ukufundisa kwenu, imeme uMoya, kwaye incede abantu bafunde.”4

Izikhumbuzo

  1. Dallin H. Oaks, “Love and the Law” (video), mormonandgay.ChurchofJesusChrist.org.

  2. “Come, Listen to a Prophet’s Voice,” Hymns, no. 21.

  3. David A. Bednar, “Flood the Earth through Social Media,” Liahona, Aug. 2015, 50.

  4. Preach My Gospel: A Guide to Missionary Service (2004), 185.

Shicilela