2020
Mveni Yena
UCanzibe 2020


Umfanekiso
ukulungiselela

Ifoto nguMason Coberly

UMyalezo woBongameli bokuQala, uCanzibe 2020

Mveni Yena

UBawo wethu uyazi ukuba xa singqongwe kukungaqiniseki kunye noloyiko, into eya kusinceda nangakumbi kukuva uNyana waKhe.

Bazalwane noodade bam abathandekayo, indlela endinombulelo ngayo yokuba ngokusebenzisa ubuxhakaxhaka sikwazile ukuba sidibane sonke kwaye sinqule ngale ntsasa yangeCawa. Indlela esisikeleleke ngayo ukwazi ukuba ivangeli kaYesu Krestu ibuyiselwe emhlabeni!

Kwezi veki zimbalwa zigqithileyo, uninzi lwethu luye lwajongana nokuphazamiseka ebomini bethu. Iinyikima, imililo, izikhukula, izibetho, kunye neziphumo yezo ntshukumo zithe zaphazamisa indlela esenza ngayo izinto kwaye zabangela ukunqongophala kokutya, izidlo zesiqhelo, kunye nokonga.

Phakathi kwayo yonke le nto, siyanincoma kwaye sinibulela ngokuba nikhethe ukumamela izwi leNkosi ngeli xesha lesi siphithiphithi ngokudibana nathi kwinkomfa yajikelele. Ukwanda kobumnyama obukhapha imbandezelo benza ukukhanya kukaYesu Krestu kukhazimle nangakumbi. Cinga nje ngokulungileyo omnye nomnye wethu angakwenza ngeli xesha lokudodobala kumhlaba jikelele. Uthando lwenu kunye nokholo lwenu kuMsindisi zinokuba yeyona nto ibalulekileyo ebangela ukuba omnye umntu afumanise ngokuBuyiselwa kwevangeli epheleleyo kaYesu Krestu.

Kule minyaka emibini igqithileyo, mna noDade Nelson siye sadibana namawaka ngamawaka enu emhlabeni jikelele. Sidibene nani kumabala aphandle kunye nakumagumbi wee-hotele. Kwindawo nganye, ndiye ndaziva ukuba ndiphakathi kwabanyulwa beNkosi kwaye bendibona ukuhlanganiswa kukaSirayeli kusenzeka phambi kwamehlo am.

Siphila kumhla lowo “oobawo bethu babelulundele ngolangazelelo oluxhalabileyo.”1 Sinezihlalo kumqolo ongaphambili ukuzozibonela kusenzeka oko umprofeti uNifayi wakubonayo embonweni qha, okokuba “amandla eMvana kaThixo” awaya kwehla “phezu kwabantu bomnqophiso weNkosi, ababesasazwe phezu kwabo bonke ubuso; kwaye babexhotyiswe ngobulungisa nangamandla kaThixo ngobuqaqawuli obukhulu.”2

Nina, bazalwane noodade bam, niphakathi kwaloo madoda, nabo bafazi, kunye nabo bantwana uNifayi wababonayo. Cinga ngoko!

Nokuba nihlala phina okanye iimeko zenu zinjanina, iNkosi uYesu Krestu inguMsindisi wenu, kunye nomprefethi kaThixo uJoseph Smith ngumprofeti wenu. Yena wayenyulwe kwangaphambili phambi kwesiseko somhlaba ukuba abe ngumprofeti weli xesha lokuhlanganisela lokugqibela, xa “ekungekho nto iya kufihlwa”3 kwabo baNgcwele. Isityhilelo siyaqhubeka ukuphuphuma eNkosini ngeli lixa lembuyiselo eqhubekayo.

Kuthetha ukuthini kuni ukuba ivangeli kaYesu Krestu ibuyiselwe emhlabeni?

Kuthetha ukuba wena nosapho lwakho ningantywinwa kunye ngonaphakade! Kuthetha ukuba njengoko nibhaptiziwe ngulowo onegunya elivela kuYesu Krestu kwaye niqinisekisiwe njengelungu leBandla laKhe, ningonwabela ubudlelwane barhoqo boMoya oyiNgwele. Wona uya kunikhokela kwaye unikhusele. Kuthetha ukuba anisokuze nishiyeke ningathuthuzelekanga okanye ningenakufikelela emandleni kaThixo ukuninceda. Kuthetha ukuba amandla obubingeleli anganisikelela njengoko nifumana imimiselo ebalulekileyo kwaye nisenza iminqophiso noThixo kwaye niyigcina. Ezi nyaniso ziyi-ankile emiphefumlweni yethu, ingakumbi kula maxesha xa isaqhwithi sivuthu-vuthuza.

INcwadi kaMormoni ichaza-gca ngokwenyuka kunye nokuwa kwezizwe ezikhulu ezimbini. Imbali yazo ibonisa ukuba kulula kangakanani ukuba uninzi lwabantu ukuba lulibale uThixo, lugatye izilumkiso zabaprofeti beNkosi, lufune amandla, udumo, kunye noyolo lwenyama.4 Ngokuphinda-phindeneyo, abaprofeti bangaphambili baye babhengeza “izinto ezinkulu nezimangalisayo kubo abantu, abangazanga bazikholelwa.”5

Oko akwehlukanga kulomhla wethu. Ngokuhamba kweminyaka, izinto ezinkulu nezimangalisayo zikhe zaviwa kumaqonga angcwalisiweyo emhlabeni jikelele. Kanti abantu abaninzi abazamkeli ezi nyaniso—mhlawumbi ngenxa yokuba abazi ukuba bazikhangele phina6 okanye ngenxa yokuba bamamela abo bangenanyaniso yonke okanye ngenxa yokuba beyalile inyaniso bekholelwa ekuleqeni izinto zomhlaba.

Utshaba lukrelekrele. Ukusesela kumawakawaka eminyaka oko esenza okulungileyo kubukeke kungcolile kwaye okungcolileyo kubukeke kulungile. 7 Imiyalezo yalo idla ngokukhwaza, igqame, kwaye ibe nokuqhayisa.

Nokuba kunjalo, imiyalezo esuka kuBawo wethu oseZulwini yahluke ngokubonakalyo. Yena unxibelelana ngokulula, ngokuthulileyo, kwaye nangokucaca okumangalisayo esingenakungamqondi Yena.8

Ngokomzekelo, naninina xa Yena esazisa uNyana waKhe oKuphela kwaMzeleyo ebantwini basemhlabeni, Yena ukwenze oko ngamazwi ambalwa ngokumangalisayo. KwiNtaba yoKwenziwa kuMila kuMbi kuPetros, Yakobi, noYohane, uThixo wathi, “Lo nguNyana wam oyintanda: mveni yena.”9 Amazwi waKhe kumaNifayithi kwilizwe lamandulo iNdyebo ayesithi “Mboneni uNyana wam oyiNtanda, endikholiweyo nguye, endilizukisileyo ngaye igama lam—mveni yena.”10 Kwaye nakuJoseph Smith, kwesa sibhengezo sinzulu esavula eli xesha lokuhlanganisela, uThixo ngokulula wathi, “Lo nguNyana Wam oyiNtanda. Mveni Yena!11

Ngoku, bazalwane noodade bam abathandekayo, cingisisa ngenyaniso yokuba kwezi zihlandlo zintathu ezikhankanyiweyo, nje ngaphambili kokuba uBawo azise uNyana, abantu ababandakanywayo babekwisimo soloyiko kwaye, ukuya kuthi ga kwinqanaba elithile, babekwisimo sokuphelelwa lithemba.

AbaPostile babesoyika xa babebona uYesu Krestu erhangqwe lilifu kwiNtaba yoKwenziwa kuMila kuMbi.

AmaNifayithi ayesoyika kuba ayekhe agqitha kwintshabalalo kunye nobumnyama iintsuku eziliqela.

UJoseph Smith wayebanjwe ngamandla obumnyama nje ngaphambili kokuba amazulu avuleke.

UBawo wethu uyazi ukuba xa singqongwe kukungaqiniseki kunye noloyiko, into eya kusinceda nangakumbi kukuva uNyana waKhe.

Kuba xa sifuna ukuva—sive ngenyaniso ngokwenene—uNyana waKhe, siya kukhokelwa ekwazini oko kumele sikwenze nakweyiphina imeko.

Elona gama lokuqala kwiMfundiso neMinqophiso lithi phulaphulani.12 Lithetha ukuthi “ukumamela ngenjongo yokuthobela.”13 Ukuphulaphula kuthetha ukuba “mveni Yena”—nive oko uMsindisi akutshoyo ukuze ngoko ke nimamele imiyalo yaKhe. Ngaloo mazwi mabini—“Mveni Yena”—uThixo usinika indlela yempumelelo, yolonwabo, kunye neyovuyo kobu bomi. Thina kumele sive amazwi eNkosi, siwaphulaphule , kwaye simamele oko Yona isixelele kona!

Njengoko sifuna ukuba ngabafundi bakaYesu Krestu, iinzame zethu zokuMva Yena kufuneka zibe neenjongo engakumbi. Kuthatha ukuqiqa kunye nomzamo ongaguquguqukiyo ukugcwalisa ubomi bethu bemihla ngemihla ngamazwi aKhe, ngeemfundiso zaKhe, nangeenyaniso zaKhe.

Ngokulula asinakuthembela kulwazi esidibana nalo emaqongeni onxibelelano loluntu. Kwizigidi zezigidi zamagama akwi-intanethi nakwihlabathi eligcwele amaphulo eentengiso awahleli engenelelwa ziinzame ezingxolayo nezingcolileyo zotshaba, singaya phi na ukuze simve Yena?

Singaya kwizibhalo ezingcwele. Zona zisifundisa malunga noYesu Krestu kunye nangevangeli yaKhe, ngobuzaza beNtlawulelo yaKhe, kunye nangecebo elikhulu likaBawo wethu lolonwabo kunye nenkululo. Ukuntywila imihla-ngemihla eliizwini likaThixo kubalulekile ekuphileni ngokwasemoyeni, ngakumbi kwezii ntsuku zokudodobala okwandayo. Njengoko sizondla ngamazwi kaKrestu imihla-ngemihla, amazwi kaKrestu aya kusichazela ukuba siphendula njani ebunzimeni esingazange sacinga ukuba siya kuze sijongane nabo.

Sinako ukumva Yena etempileni. Indlu yeNkosi iyindlu yokufunda. Apho iNkosi ifundisa ngendlela yaYo. Apho ummiselo ngamnye ufundisa ngoMsindisi. Apho sifunda ukuba silivula njani ikhuselo kwaye sinxibelelane nangakumbi ngokucacileyo nezulu. Apho sifunda ukuba sikhalimela njani utshaba kunye nokusebenzisa amandla wobubingeleli weNkosi ukusomeleza kunye nabo sibathandayo. Omnye nomye wethu kumele alangazelela ukufuna ikhusi apho kuyo.

Xa ezi zithintelo zethutyana ze–COVID-19 ziphakanyisiwe, nceda wenze ixesha lokunqula kunye nokukhonza etempileni. Yonke imizuzu yeloo xesha iya kukusikelela kunye nosapho lwakho ngeendlela ekungekho nto iyenye enokwenza oko ngazo. Thatha ixesha lokucingisisa nzulu ngoko ukuvayo noziva ngako xa ulapho. Cela iNkosi ukuba ikufundise indlela yokuvula amazulu ukuba asikelele ubomi bakho kunye nobomi babo ubathandayo kwaye ubancedayo.

Xeshikweni ukunqula etempileni okwangoku kungenzeki, ndiyakumema ukuba wandise intatho-nxaxheba yakho kwimbali yosapho, kuquka nophando lwembali yosapho kunye nokwenza ushicilelo lwamagama. Ndiyakuthembisa ukuba njengoko usandisa ixesha lakho etempileni kunye nakumsebenzi wembali yosapho, uya kukwandisa kwaye uphucule isakhono sakho sokumva Yena.

Nathi siyamva Yena ngokucacileyo ngakumbi njengoko sicokisa amandla ethu okuqonda usebezo loMoya oyiNgcwele. Akuzange kwabaluleka kakhulu ukuba wazi ukuba uMoya uthetha njani kuwe kunangaphezu kwangoku. EbuThixweni, uMoya oyiNgcwele usisithunywa. Wona uya kuzisa iingcinga engqondweni yakho ezifunwa nguYise noNyana ukuba uzifumane. Wona unguMthuthuzeli. Uya kuzisa imvakalelo yoxolo entliziyweni yakho. Wona ungqina inyaniso kwaye uya kuqinisekisa oko kuyinyani njengoko usiva kwaye ufunda ilizwi leNkosi.

Ndivuselela isibongozo sam sokuba wenze nantoni na onako ukwandisa amandla akho asemoyeni ukuze ufumane isityhilelo sakho.

Ukwenza njalo kuya kukunceda wazi ukuba ungaqhubela phambili njani nobomi bakho, oko unokukwenza ngexesha lentlekele, kwakunye nendlela yokuqonda kunye nokuphepha izihendo kunye neenkohliso zotshaba.

Kwaye, ekugqibeleni, thina siyamva Yena njengoko simamela amazwi abaprofeti, ababoni, kunye nabatyhileli. AbaPostile bakaYesu Krestu abamiselweyo basoloko bengqina ngaYe. Bona balatha indlela njengoko sisenza indlela ukuphumela emaveni kwancwinisa-intliziyo obubomi bethu bumagad’ ahlabayo.

Yintoni eza kwenzeka njengoko usiva ngenjongo, uphulaphula, kwaye umamela oko uMsindisi akuthethileyo kunye noko akuthethayo ngoku ngabaprofeti baKhe? Ndiyakuthembisa ukuba uya kusikelelwa ngamandla ongezelelweyo okujongana nesihendo, ubunzima, kunye nobuthathaka. Ndiyakuthembisa imimangaliso emtshatweni wakho, ebudlelwaneni bosapho bakho, kunye nasemsebenzini wakho wemihla ngemihla. Kwaye ndiyakuthembisa ukuba umthamo wakho wokuziva uvuyile uya kunyuka nokuba isiphithiphithi siyanda ebomini bakho.

Shicilela