2020
Ukulungiselela ngeNtlanganiso yoMthendeleko
EyeSilimela 2020


“Ukulungiselela ngeNtlanganiso yoMthendeleko,” Liyahona, EyeSilimela 2020

Umfanekiso
ukulungiselela

Imizobo nguEdward McGowan

Imigaqo Yokulungiselela, EyeSilimela 2020

Ukulungiselela ngeNtlanganiso yoMthendeleko

Intlanganiso yomthendeleko ibonelela ngamathuba okunxibelelana kunye nokulungiselela kwabanye.

Intlanganiso yomthendeleko lixesha lokondliwa ngokwasemoyeni kunye nokuzigocagoca buqu eMsindisini nakwiNtlawulelo yaKhe. Njengoko sithatha umthendeleko rhoqo ngeveki, thina sihlaziyeka kunye (bona IMfundiso neMinqophiso 84:110). Kodwa abanye kwiiwadi kunye nasemasebeni wethu beza nemithwalo enzima okanye abekho kwa ukubakho.

Nanga amathuba ambalwa endlela esinokusebenzisa ngayo layure ingcwele ekulungiseleleni kwabanye nokwenza umahluko ebomini babo.

Nceda Wenze INtlanganiso yoMthendeleko Ibe Ngcono Kwabo uLungiselela Kubo

Inyathelo lokuqala ekufundeni indlela yokulungiselela kukwazi umntu ngamnye okanye iintsapho kunye neemfuno zabo. Kusenokubakho iindlela zokwenza amava okunqula kwabo kwintlanganiso yomthendeleko abe ngcono ngokuthi ngokulula nje ufunde ngakumbi ngabo.

KuMindy, umama oselula weemveku ezingamawele, amalinge alula omlungiselelikazi wakhe enza umahluko omkhulu kumava wakhe wentlanganiso yomthendeleko rhoqo ngeveki.

“Ngenxa yexesha lomsebenzi womyeni wam, ndizizisela ecaweni amantombazana wam angamawele ngokwam qho ngeveki,” uMindy uyacacisa. “Oku kuyagubungela xa uzama ukuba uhlale kuyo yonke intlanganiso yomthendeleko namasana amancinane amabini axakekileyo, kodwa umlungiselelikazi wam ukuthabathele kuye ukuba andincede.

“Yena uhlala nathi kwaye uyandinceda ekukhathaleleni amantombazana wam qho ngeveki. Ukuba naye nje ecaleni kwam kuthetha lukhulu kum kwaye ngenene kwehlisa ixhala lam ngamaxesha okuba neengcwangu kwabo okanye ukutefa kwabo. Andiqondi ukuba uya kuze ayazi indlela izenzo zakhe eziye zabanefuthe ngayo ngeli xesha ebomini bam. Yena wabona isidingo sam njengomama oselula, ozele yinkxalabo, kwaye yena unceda enze icawa ibe yindawo yoxolo nolonwabo kuthi sonke.”

Iingcebiso Zokunceda Abo baneZidingo Ezikhethekileyo

  • Nikeza ngengxelo kwiinkokheli zequmrhu labadala kunye nezoMbutho waManina malunga nezidingo zamalungu.

  • Iinkokheli ziceba iintetho zentlanganiso yomthendeleko ukunceda ukuhlangabezana nezidingo zamalungu. Ukuba abo ulungiselela kubo bangaxhamla ngokuva umyalezo othile, yabelana ngecebo neenkokheli zakho.

  • Ukuba uyazi ukuba umntu othile onokukhubazeka okanye ukungamelani nokutya okuthile okubathintelayo ekonwabeleni iintsikelelo zomthendeleko, babuze ngeenkcukacha nokuba yintoni enokwenziwa ukuphucula amava wabo okunqula. Yabelana ngolu lwazi neenkokheli zakho.

  • Ukuba umntu olungiselela kuye okanye owaziyo ngaye ubambeke endlini, ngokusisigxina okanye okwethutyana, buza ubhishophu wakho ukuba umthendeleko bangawuphiwa na ekhaya. Ungathatha amanqaku ngexesha lentlanganiso yomthendeleko kwaye wabelane ngawo ngomnxeba, iposi ye-intanethi, okanye ngokobuqu.

  • Ukuba umntu olungiselela kuye unabantwana abancinci, unganikezela ngokubanceda ngexesha lentlanganiso yomthendeleko.

  • Ukuba abo ulungiselela kubo abezi rhoqo kwintlanganiso yomthendeleko, zama ukuqonda kwaye ucingisise ngeendlela onokunceda ngazo. Ukuba badinga ezothutho, ungabakhwelisa. Ukuba baziva bengaxhaswa lusapho lwabo, ungabamema ukuba bahlale nawe. Ungenza izimemo ezikhethekileyo ukwenzela ukubanceda ukuba bazive bamkelekile kwaye befuneka kwintlanganiso yomthendeleko.

Khumbula, iiNtshukumo Ezilula Zihamba Indlela Ende

Ethetha ngokulungiselela, uDade Jean B. Bingham, uMongameli Jikelele woMbutho waManina, wafundisa: “Ngamanye amaxesha sicinga ukuba kufuneka senze into enkulu kunye neyobuqhawe ukuze ‘ibalwe’ njengokunceda abamelwane bethu. Kanti izenzo ezilula zenkonzo zingaba nalo ifuthe elikhuku kwabanye—kwakunye nakuthi ngokunjalo.”1

Kwiwadi encinane eBelgium, uEvita uvame ukuzinikela ngokuguqulelela abatyeleli abathetha iSpanish kunye namalungu ngexesha leentlanganiso zeBandla. Kwelinye ityeli, uEvita waziswa kumntu osuka eDominican Republic owayefunda ngeBandla. Yena wayenolwazanyana lwesiNgesi, kodwa iSpanish yayilulwimi lwakhe lweenkobe. Ngoko uEvita waye wanikela ngokumguqulelela ngokuzolileyo kwintlanganiso yomthendeleko ukuze azive ekhululeke ngakumbi.

“Ukuguqulela kunako ngamanye amaxesha ukwenza iSabatha yam ibe nokuxakeka ngakumbi,” utsho uEvita. “Kodwa ukulandela iinkcukumiso zokubuza abanye ukuba badinga umguquleli na ngokucacileyo zindinika imvakalelo yovuyo kunye nemfudumalo ekwazini ukuba ndinako ukubanceda bave uMoya kwaye bazonwabele iintlanganiso zabo.”

Iingcebiso zokuNnceda ngeeNtshukumo Ezilula

  • Thetha neenkokheli zakho ukuze ubone ukuba ngubani osenukuba udinga uncedo olongezelelweyo ngexesha lentlanganiso yomthendeleko. Okanye ukuba wazi umntu onjalo, qinisekisa ukuba iinkokheli zakho ziyazi ngabo.

  • Hlala ngokuzola njengoko ulindele intlanganiso ukuba iqale. Oku kuya kunceda “ezinye ezityumkileyo iintliziyo kunye nemiphefumlo edandathekileyo engqonge thina”2 ezidinga uxolo olunokuza ngentlonelo kwindawo engcwele.

  • NgeCawe yokuzila, cingisisa ngokunikela ukuzila kwakho nemithandazo yakho kwabo ulungiselela kubo abasenokudinga intuthuzelo ethe xhaxhe.

  • Thandazela ukwazi ukuba ukhona umntu onokuxhamla xa unokuhlala ecaleni kwakhe okanye kufutshane naye ngexesha lentlanganiso yomthendeleko okanye ukuba ikhona enye indlela onokunceda ngayo.

INtlanganiso yoMthendeleko iNgaba yiNdawo yoLwamkelo kubo Bonke

UMongameli Joseph Fielding Smith (1876–1972) wafundisa, ‘Intlanganiso yomthendeleko yeyona inyulu, eyona ingcwele, kunazo zonke iintlanganiso zeBandla.”3 Kungoko ke, kubalulekile ukuqinisekisa ukuba bonke abazimasa intlanganiso yomthendeleko baziva bamkelekile kwaye bondliwe ngokwasemoyeni—ingakumbi amalungu asematsha okanye awanexesha engasezi.

UMerania osuka eNew South Wales, eAustralia, waye wahlobana nebhinqa elalifunda malunga neBandla kwiwadi yakhe. “Yena ungomnye wabahlobo bam ababekekileyo kum ngoku,” utsho uMerania. “IMna ndiyakuthanda ukuhlala naye kwintlanganiso yomthendeleko qho ngeveki, kwaye ndisoloko ndimbuza ukuba uqhuba njani kwaye nokuba ikhona into endinokuyenza ukumnceda.” Emva kwethuba, umhlobo kaMerania waye wabhaptizwa. Imizamo yamalungu ewadi, kunye nomoya wokwamkeleka kwintlanganiso yomthendeleko, kwaye kwadlala indima enkulu kwisigqibo sakhe.

Iingcebiso zokuLungiselela kuMalungu aBuyelayo okanye awaseMatsha

  • Xa uza kuthetha kwintlanganiso yomthendeleko, ungamema abahlobo, usapho, kunye nabanye ukuba bazokuva umyalezo wakho.

  • Wena ungakhangela kwaye wamkele abo babodwa okanye abasenokuba badinga uncedo. Buza ukuba ungahlala ngakubo okanye ubameme bahlale nawe.

  • Xa intlanganiso iphela, ungabamema abo ulungiselela kubo kunye nabanye kwiziganeko zeBandla ezisezayo, etempileni, okanye kwisiganeko soluntu.

  • Ukuba umntu olungiselela kuye uzimasa intlanganiso yomthendeleko kodwa sele enethuba egqibele ukuza, ungambuza ukuba unayo na imibuzo malunga nezinto ezifundisiweyo. Baxelele basoloko bamkelekile ukuba beze kuwe ukuba bekuthe kwabakho igama, ibali, okanye iqhekeza lemfundiso abangayiqondanga. Ningazijonga kunye iimpendulo ukuba kuyimfuneko.

Izikhumbuzo

  1. Jean B. Bingham, “Ministering as the Savior Does,” Liyahona, Canzibe 2018, 104.

  2. Jeffrey R. Holland, “Behold the Lamb of God,” Liyahona, Canzibe 2019, 46.

  3. Joseph Fielding Smith, in Conference Report, EyeDwarha. 1929, 60–61.

Shicilela