2020
Ukulungiselela ngokuXhomekeka Kuwe
EyeThupha 2020


“Ukulungiselela ngokuXhomekeka Kuwe,” Liyahona, EyeThupha 2020

Umfanekiso
ukulungiselela

Imigaqo Yokulungiselela, EyeThupha 2020

Ukulungiselela ngokuXhomekeka Kuwe

Ukunceda abanye baxhomekeke kubo kukubonelela kunye nokulungiselela ngendlela yeNkosi.

Uninzi lwamalungu osapho lwethu, nabahlobo, kunye nabammelwane banomdla wokuxhomekeka kubo ngakumbi. Ngokusebenzisa amanyathelo okuxhomekeka kuwe eBandla, amalungu eBandla afumana amathuba okunceda, okukhathala, kunye nokulungiselela njengoko esikelela abanye ngeemfundiso ezizisa “ithemba elingakumbi, uxolo, kunye nenkqubela phambili.” 1

“Ndandisekhaya”

Ngu Chrissy Kepler, eArizona, USA.

Ndandisokola ngokwezemali emveni koqhawulo-mtshato, ndizama ukufumana indlela yam ebuyela kwimbumba yabasebenzi emveni kokuba ngumama ohleli ekhaya iminyaka esibhozo. Ndandisokola ngokwasemphefumlweni, ndifuna inyaniso kunye nokholo, nangona ndingazange ndalibeka inyawo kwisakhiwo senkonzo ukususela ndisemtsha.

Ngenye iCawa ndandihlamba impahla kwikhaya likadade wethu omdala, uPriscilla, ilungu elizimiseleyo leBandla. Xeshikweni ndiphaya, uPriscilla wandimema ukuba ndiye enkonzweni nosapho lwakhe—isimemo sam sokuqala kwiminyaka engapha kwe-15.

Ndandithandabuza ekuqaleni, kodwa ngobusuku obungaphambili, ndamcenga uThixo andibonise ukuba ndingasondela njani kuYe. Emveni kokuva ngaphakathi ukuba mandiye, ndagqiba, “Kungokuba kutheni ungahambi uyokuva kwaye ubone ngokunokwakho njengomntu omdala ngentliziyo namehlo akho?”

Xeshikweni sikwintlanganiso yomthendeleko, ndaqaphela iphepha kwizaziso zeBandla zangeCawe lisazisa ngesifundo sokuxhomekeka kuwe kwezezimali zakho. Ndandingekakulungeli ukubuyela ebandleni, kodwa ndeva nditsalelwe kwisifundo seveki ezi-12. Ngenkuthazo evela kudadewethu kunye nomkhwenyana, ndabhalisa, ndilindele ukufunda ngokwenza uhlalo-lwabiwo mali kunye nokubhatala ityala kuphela. Ezi zifundo, kananjalo, zanditshintsha ngokwasemphefumlweni.

Ndandimangazwe yimiyalezo yomoya kwiiveki zokuqala zeklasi, kodwa ngexesha leklasi yesithathu, ndandigubungelwe yimvakalelo yesiqinisekiso sokuba ndandisekhaya kwaye ndandisiva iinyaniso ezintsha kodwa eziqhelekileyo. Ndayishiya iklasi kwaye ndaqhuba ngqo ukuyokubona uPriscilla. Ndisezinyembezini, Ndambuza, “Ndiyifumana njani imvakalelo enje ngokongezelelekileyo ebomini bam?” Walungiselelela abavangeli baqalise ukundifundisa.

Amalungu eklasi yokuxhomekeka kuwe eza kwiifundo zovangelo kwaye bandixhasa. Benza igalelo elingenasiphelo ngokwasemphefumlweni kum kwaye bandinceda ndaphuhlisa ubungqina bevangeli kunye nabaprofeti balemihla.

Kwixesha elandithathayo ukugqiba esisifundo, Ndenza utshintsho oluninzi ngokwexeshana nangokwasemphefumlweni. Ndaqalisa umsebenzi omtsha nenkampani elungileyo, kwaye ndabhatala amatyala aliqela.

Kodwa ezinzulu, ezinobumnandi iintsikelelo ezaphuma kwisifundo zaziqulathe ukudala ubuhlobo obuhle, ukuphuhlisa ubudlelwane obulungileyo noBishophu okhuthazayo, ukufumana ubungqina besishumi, ukufumana ilungelo lokungena itempile, ukubanesiphiwo, nokubona abantwana bam ababini abadala bebhaptizwa.

Indlela yam eya kukuxhomekeka kuwe isatyhileka, kodwa kuhambo olusaseleyo, ndiyazithanda ngokwenene iimfundiso endizifundileyo kunye nobuhlobo endibenzileyo.

Ndandiyishiya iKlasi Nganye Ndiziva Ndithandwa”

Xa wayetyelele eTemple Square eSalt Lake City, eUtah, nonyana wakhe oneminyaka eli-10 ubudala, uVincent, kweyoMnga ngowama 2016, uKatie Funk wazicingela njengo “khululekileyo oko engakholelwa kubukho bukaThixo.” Wayishiya iCawa kwiminyaka eli-16, wabangumama ongatshatanga ena-17, waqala ukufumana imibhalo yomzimba, kwaye waqala ukungcamla ikofu. Kodwa ngelixa lokutyelela eTemple Square, uVincent weva uMoya Oyingcwele kwaye wabuza umama wakhe ukuba angathabatha izifundo zovangelo.

Ngaphandle kwemisebenzi emibini yakhe, yeyure ezi-80 ngeveki, uKatie wayefunda ivangeli noVincent, ephanda iimpendulo zemibuzo yakhe phakathi kotyelelo lovangelo. Ngehlobo lika-2017, waqalisa ukuhamba iintlanganiso zeBandla, apho wafunda ngezifundo zokuxhomekeka kuwe zeBandla.

“Ndaqaphela ukuba zaziyinto enako ukundinceda,” watsho yena. “Mhlawumbi andinakudinga ukusebenza imisebenzi emibini okanye ndoyame kubazali bam ubomi bam bonke.”

UKatie wabiza isifundo sakhe “ukomeleza okumangalisayo kwenyama nangokwasemphefumlweni,” hayi nje koko akufundileyo kodwa nangenxa yendlela iqela lakhe lokuxhomekeka kuwe lamamkela kwaye lalungiselela kuye.

Isikhumbuzo

  1. “Message from the First Presidency,” ku Personal Finances for Self-Reliance (2016), i.

Shicilela