2020
Ukulungiselela ngo Uze, Undilandele
EyoMsintsi 2020


“Ukulungiselela ngo Uze, Undilandele,” Liyahona, EyoMsintsi 2020

Umfanekiso
ukulungiselela

Imigaqo Yokulungiselela, EyoMsintsi 2020

Ukulungiselela ngo Uze, Undilandele

Ukulungiselela ngo Uze, Undilandele kugakunceda njani wenze umahluko kubomi babanye?

Nokuba unosapho lwakho, ukwigumbi lokufundela lweSikolo seCawa njengotitshala okanye umfundi, okanye esikolweni, emsebenzini, okanye kwenye indawo, ukufunda izibhalo ngo Uze, Undilandele kunikeza ngamathuba amaninzi okulungiselela kwabanye. Ukufundisa, emva kwakho konke, “kungaphaya kokukhokela ingxoxo ngeCawa; iquka ukulungiselela ngothando kunye nokusikelela abanye ngevangeli.”1

Ukunxibelelana nabaFundi

Xa uOfelia Trejo de Cárdenas wabizwa ukuba afundise abantu abadala abancinci kwisebe lakhe kwidolophu yaseMexico, waziva okokuba ukuba nobudlelwane obuhle nomfundi ngamnye wabafundi beSikolo seCawa kungaqinisa isakhono sakhe sokufundisa kunye nokubomeleza.

“Ukuba andinabudlelwane buhle nabafundi bam kwaye ukuba abaluva uthando lwam, basenokungandikholelwa xa ndifundisa iklasi okanye ndinikela ubungqina bam,” utsho yena. “Banokuziva ngathi ukuba mna ndingumfundisi nje weSikolo seCawa.”

Kodwa uDade Cárdenas angabuphuhlisa njani obubudlelwane ukuba ufundisa nje kube kanye qho kwiveki ezimbini? Yena wafumana impendulo kubuxhakaxhaka. Esebenzisa uWhatsApp kwifowuni, yena nabafundi bakhe kungekudala babenxibelelana mihla le ngombhalo kunye nemiyalezo yelizwi. Ngoku, ntsuku zonke phambi kweCawa elandelayo, ivolontiya leklasi lithumela kwamanye amalungu eklasi umqolo wesibhalo osuka kwesosifundo silandelayo nengcinga yakhe enxibelelana nawo. Emva kokufunda umqolo kunye nengcinga leyo, amalungu eklasi aphendula ngeengcinga zawo.

“Xa besifundile isibhalo, bathumela ubuso obonwabileyo ukuze ndazi ukuba basifundile okanye basiphononongile esosibhalo kwaye baye bacinga malunga naso,” utsho uDade Cárdenas. Xa ilixesha lesifundo seCawa esilandelayo, abafundi bakulungele ukuthatha inxaxheba.

Olu nxibelelwano lwemihla ngemihla kutsha nje lusikelele omnye umntu omdala omncinci owayenabazali abangasayiyo eBandleni.

“Ndiyayithanda into yokumbona esiza ecaweni kuba ndiyazi ukufikelela apho, kwakunyanzeleke aphumelele kwimiceli mingeni emininzi,” utsho uDade Cárdenas. “Ndiqinisekile ukuba izibhalo kunye neengcinga ezithunyelwa ngoogxa bakhe baseklasini kunye nezibhalo neengcinga awaye wazithumela xa kwakulityeli lakhe zamomeleza kakhulu.”

UDade Cárdenas uthi ukulungiselela ngezibhalo akupheli ngesifundo sakhe sangeCawa kunye nobudlelwane bakhe besibhalo sabo semihla ngemihla.

“Okwam ukuzilungiselela kuquka ukuthandazela abafundi bam,” yena utsho. “Mna andibacingi ngeCawa kuphela kodwa ngeentsuku zonke zeveki ngokunjalo. Ngamnye kubo uneemfuno ezithile nezingafaniyo. Ngamnye ungumntwana kaThixo. Ndicinga ngabo xa ndilungiselela izifundo zam.”

Kwaye xa efundisa, yena uyamamela—kubafundi bakhe nakuMoya oyiNgcwele.

“Umfundisi nguMoya,” ahlala ewuva kumazwi abafundi bakhe. “Mna kufuneka ndimamelisise ngokuba into abayithethayo sisityhilelo uMoya abanika sona.”

Iklasi yethu “Injengokuhlwa Kwasekhaya”

UCarla Gutiérrez Ortega Córdoba uziva esikelelekile kukuba lilungu leklasi kaDade Cárdenas yeSikolo seCawe ngenxa yokuba kuyindawo yokukhulisa nokulungiselela. UCarla ukunxulumanisa nezinto eziliqela oku, eziquka:

  • Ukuzilungiselela: uKwabelana ngezibhalo neengcinga kunceda abafundi balungiselele iklasi elandelayo. “Izibhalo zamihla le ziyasondla kwaye zikhulisa ulwazi lwethu,” yena uyacacisa.

  • Ukuthatha inxaxheba: “Sonke siyathetha. Oku kundenza ndibazi oogxa bam baseklasini nzulu ngakumbi, njengabahlobo kwanjengabazalwane noodade,”

  • Uthando: “uDade Cárdenas ukubamba ngesandla. Iklasi yethu ivala ingathi yeyangangokuhlwa ekhaya, kunye nabazalwana noodade abaliqela. Yona ikhethekile kakhulu.”

  • UMoya Oyingcwele: “Sinomoya omnandi, omyoli kwiklasi yethu ngoba sikwiphepha elinye noMoya.”

  • UBungqina: “Uze, Undilandele undifundise ukuba ndilungele ukwabelana ngobungqina bam. Ndinolwazi olunzulu lweNcwadi kaMormoni kunye neBhayibhile. Oku kundenza ndabelane oko ndikufundayo noogxa bam baseklasini esikolweni nasemsebenzini.”

Ukulungiselela kwiziDingo zoMphefumlo

Xa uGreg noNicky Christensen, baseKentucky, e-USA, bafunda ngomnqophiso ka-Abraham kwizibhalo kunye noonyana babo abathathu, bakufumanisa kunzima ukubacacisela. Baye bagqiba njengosapho ukuba omnye ngamnye wabo uya kufunda ngokwakhe umnqophiso ka-Abraham kwaye babelane ngoko bakufumanayo.

“Sifumene amagqabantshintshi abangela umdla,” uGreg utsho. “Umntwana wethu oneminyaka esibhozo ufundile ukuba igama lika-Abraham lalidla ngokuba nguAbram. Igama lakhe latshintshwa waba ngu-Abraham kuba wenza isithembiso kwiNkosi sokuguquka esonweni kwaye aphile ubomi obulungileyo. Ndothuka ngokwenene ukuba yena wakwazi ukuza nayoo nto.”

Bonke bafunda into entsha kwaye baba nengxoxo emnandi malunga nokuba uyintoni umnqophiso kaAbraham kwaye uthetha ntoni kwabaNgcwele beMihla yokuGqibela banamhlanje.

“Sasiqhele ukujikeleza igumbi kwaye sithathe amathuba okufunda imiqolo yesibhalo kufundo lwezibhalo kosapho,” uNicky utsho. “Uze, Undilandele ulungiselelwe ngakumbi ngokufundisa ngoMoya. Ngoku xa sifunda sonke, Mna ndiva ukuqhutywa okuncinci okusuka kuMoya kuthabathela ingxoxo yethu kumacala ahlukileyo ngokuxhomekeke kwizidingo zosapho.”

Ukusebenzisa Uze, Undilandele akuncedanga kuphela usapho lwabo luzibandakanye ngakumbi kwaye libe nomdla ekufundeni ivangeli, kodwa likwancede uGreg kunye noNicky ukulungiselela kwizidingo zokomoya zabantwana babo.

Uze, Undilandele undinceda ndifundise abantwana bam,” utsho uNicky. “Iyandinceda ukujongana nemiceli mngeni endinayo ngamanye amaxesha nabantwana bam. Ndiziva ndihambelana noMoya, ndimamela ngokusondeleyo, kwaye ndifumene iingcebiso ngendlela endinokumnceda ngayo umntwana ngamnye.”

UGreg uyazonwabela iingxoxo zevangeli ezinobude u-Uze, Undilandele anceda ukuzivelisa kusapho. “Oonyana bethu bahluke bonke ngokwalapho bakhoyo ngokolwazi lwabo lwevangeli,” utsho yena. “Uze, Undilandele unikezele ngendlela yokuba sincede umntwana ngamnye afunde ngokwezidingo zakhe. Ukubabona bekhula kuthando lwabo lwevangeli kunye nokubabukela bezama ukufumana oko banokusebenzisa ulwazi lwabo lwevangeli kuko kubomi babo kube yintsikelelo emangalisayo.”

Isikhumbuzo

  1. Come, Follow Me—for Sunday School: Book of Mormon 2020 (2019), 19.

Shicilela