2020
Ukulungiselela ngeNkqubo yaBantwana neyoLutsha
EyeDwarha 2020


“Ukulungiselela ngeNkqubo yaBantwana neyoLutsha”, Liyahona EyeDwarha 2020

Umfanekiso
Imigaqo yoKulungiselela

Iifoto nguTom Garner, u-Isaac Darko-Acheampong, u-Alexander K. Boateng, noJonas Rebicki

IMigaqo yoKulungiselela, EyeDwarha 2020

Ukulungiselela ngeNkqubo yaBantwana neyoLutsha

Ukumemela abanye ukuba bakhule kwaye ubancede apha endleleni kungumongo wokulungiselela.

Amathuba maninzi ekulungiseleleni ngenkqubo yaBantwana neyoLutsha. Mhlawumbi unabo abantwana okanye ulutsha kwikhaya lakho. Mhlawumbi uyinkokheli kulenkqubo okanye ulungiselela kwiintsapho ezinabantwana kunye nolutsha. Okanye mhlawumbi kwenzeka ukuba wazi abanye abantwana nolutsha (oko kusenokusiquka thina sonke). Nokuba injani imeko yakho, zininzi iindlela zokusebenzisa inkqubo okanye imigaqo yayo yokusikelela ubomi babanye.

Ukuziphuhlisa Kwethu Kunye

Entliziyweni yaBantwana noLutsha kukugxila ekuzameni usuku ngalunye ukufana ngakumbi njengoMsindisi, owayelungiselela ngokugqibeleleyo. Uninzi lwabo oluthe lwathabatha inxaxheba kwinkqubo lufunde ukuba xa uqhubela phambili ngakumbi kwiinkalo ezahlukeneyo zobomi bakho, uzube uxhotyiswe ngokungcono ukuncedeni okanye ekulungiseleleni abanye.

Kodwa ngenkqubo yaBantwana neyoLutsha, ukusikelela abanye akufuneki ukuba kulinde de ufunde okuthile. Isenzo sokufunda ngokwaso sibonelela ngamathuba okulungiselela.

Kumfana omncinane ogama linguProphet ohlala eGhana, ukuzibekela injongo kuBantwana noLutsha yokufunda ukudlala ipiyano yayisiqalo nje. “Yinjongo yam ukunceda abanye abantu ukuba bazazi izinto endizifundayo,” utsho u-Prophet.

Nangona engenguye umqeqeshi okwangoku, injongo yakhe sele ikhule yayinto enkulu kakhulu kunokuba wayecinga. Ngoku kukho abafundi abangama-50 awathatha iiklasi zepiyano kwindlu yokuhlangana kunye noProphet. Kwaye ngubani ofundisa uProphet kunye nabanye abafundi abangama-50? Ngu-Alexander M. kunye noKelvin M., bobabini baneminyaka eli-13. “Sifuna ukubonisa izenzo zobubele kwabanye abantu,” utsho uKelvin.

Iintsuku ezintathu evekini ulutsha olubini lufundisa izifundo ezisisiseko zepiyano simahla kubo bonke abaza kufunda. Kuye kwabakhona inzuzo eyongeziweyo kwizifundo zepiyano. Uninzi lwabafundi olwaziswa kwiBandla ngezifundo zepiyano lwaye lwafunda kamva ivangeli kwaye lwagqiba ekubeni lubhaptizwe.

Njengoko sisenza iinzame zokuziphucula, sinako ukulungiselela abanye ngokubamema ukuba bazimanye nathi.

Indlela Eyimpumelelo eKulungiseleleni

NjengoMongameli weSikolo saBantwana Abancinane bengqokelela yamasebe, uSabrina Simões Deus Augusto waseCuritiba, eBrazil, uyibonile indlela amacandelo ophuhliso lobuqu ale nkqubo asikelela ngayo abantwana nolutsha kwingqokelela yamasebe yakhe. Kodwa ukwabone iindlela ezininzi zokusebenzisa izinto azifundileyo malunga nophuhliso lomntu kwisabelo sakhe njengomlungiselelikazi.

UDade Augusto uthi: “Xa ndiphuhlisa italente, ndingayisebenzisa loo talente ukusikelela umntu endilungiselela kuye.”

UDade Augusto wafundisa omnye woodade owayebelwe yena ukuba enze iitruffle zetshokholethi . Loo dade ngoku wenza kwaye athengise ii-truffle ukuncedisa ekongezeleleni kwingeniso yosapho lwakhe. “Kwiinyanga zakamva, ndaye ndasikelelwa xa omnye udade endifundisa ukwenza isonka sobusi endandinokusithengisa,” utshilo uDade Augusto. “Ukuphuhlisa nokwabelana ngeetalente zethu kungasikelela ubomi babanye kwaye kwandise ubudlelwane bethu njengabalungiselelikazi.”

Shicilela