Ukuseka iBandla likaYesu Krestu,” Umhlobo, EyoKwindla 2021
UMyalezo wangeNyanga woMhlobo, EyoKwindla 2021
Ukuseka iBandla likaYesu Krestu
Imizobo ngu–Apryl Stott
KuTshazimpunzi ngomhla we-6, 1830, kwakukhona umhlangano okhethekileyo owawubanjelwe kwindlu yeenkuni. UJoseph Smith waye waseka iBandla likaYesu Krestu kwakhona emhlabeni.
UJoseph Smith no-Oliver Cowdery baye basikelela kwaye bagqithisa umthendeleko.
Emveni kokuphela komhlangano, abantu abaliqela baye babhaptizwa.
Emva kweenyanga ezimbalwa, uThixo waye wabiza u-Emma Smith ukuba ahlanganise incwadi yamaculo yeBandla. Ngaloo ndlela abantu babezakwazi ukucula amaculo ngexesha lemihlangano yeBandla.
Mna ndingoweBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela. Ndingacula amaculo kwaye ndithathe umthendeleko rhoqo ngeveki.
Iphepha lokufakela Imibala
Ndiyathanda Ukuya Enkonzweni
Yintoni oyithandayo malunga nokuya enkonzweni?
© 2021 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe e-USA. Isivumelo sesiNgesi: 6/19. Isivumelo senguqulelo: 6/19. Inguqulelo yeMonthly Friend Message, January 2021. Xhosa.17466 774