2022
UEliya kunye neLizwi eliZolileyo, eliNcinane
EyeKhala 2022


“UEliya kunye neLizwi eliZolileyo, eliNcinane” UMyalezo weNyanga Umhlobo, EyeKhala 2022

“UEliya kunye neLizwi eliZolileyo, eliNcinane”

UMyalezo weNyanga Umhlobo, EyeKhala 2022

UEliya kunye neLizwi eliZolileyo, eliNcinane

Umfanekiso
UEliya ngasentabeni

Imizobo nguApryl Stott

UEliya wayengumprofeti. Yena wayefuna ukuva ilizwi likaThixo. Waya entabeni ukuze ave ilizwi likaThixo ngcono.

Umfanekiso
UEliya ebona umoya onamandla

Kwakukho umoya onamandla. Wawunamandla kakhulu wade wophula namatye. Umoya wawungxola. Kodwa yayingelilo ilizwi likaThixo.

Umfanekiso
UEliya ebona inyikima kunye nomlilo

Okulandelayo kwabakho inyikima. Umhlaba washukuma. Kwakukho nomlilo ngokunjalo. Wawunamadangatye amakhulu. Kodwa inyikima kunye nomlilo yayingelilo ilizwi likaThixo.

Umfanekiso
UEliya esiva ilizwi elizolileyo, elincinane

Emva koko kwathi cwaka. UEliya wava ilizwi likaThixo. Lalizolile kwaye lalilincinane. Kodwa lalicacile.

Umfanekiso
abantu ebandleni

Ndingaliva ilizwi likaThixo ngokumamela uMoya oyiNgcwele. Yena uthetha nam ngeendlela ezincinane nezilula.

Iphepha lokufakela Imibala

Ndingawuva uMoya oyiNgcwele

Umfanekiso
abantwana becula amaculo

Cofa kumfanekiso ukuze ukhuphele.

Umzobo nguApryl Stott

Yintoni ekunceda uve uMoya oyiNgcwele?

Shicilela