“UEliya kunye neLizwi eliZolileyo, eliNcinane” UMyalezo weNyanga Umhlobo, EyeKhala 2022
“UEliya kunye neLizwi eliZolileyo, eliNcinane”
UMyalezo weNyanga Umhlobo, EyeKhala 2022
UEliya kunye neLizwi eliZolileyo, eliNcinane
Imizobo nguApryl Stott
UEliya wayengumprofeti. Yena wayefuna ukuva ilizwi likaThixo. Waya entabeni ukuze ave ilizwi likaThixo ngcono.
Kwakukho umoya onamandla. Wawunamandla kakhulu wade wophula namatye. Umoya wawungxola. Kodwa yayingelilo ilizwi likaThixo.
Okulandelayo kwabakho inyikima. Umhlaba washukuma. Kwakukho nomlilo ngokunjalo. Wawunamadangatye amakhulu. Kodwa inyikima kunye nomlilo yayingelilo ilizwi likaThixo.
Emva koko kwathi cwaka. UEliya wava ilizwi likaThixo. Lalizolile kwaye lalilincinane. Kodwa lalicacile.
Ndingaliva ilizwi likaThixo ngokumamela uMoya oyiNgcwele. Yena uthetha nam ngeendlela ezincinane nezilula.
Iphepha lokufakela Imibala
Ndingawuva uMoya oyiNgcwele
Cofa kumfanekiso ukuze ukhuphele.
Umzobo nguApryl Stott
Yintoni ekunceda uve uMoya oyiNgcwele?
© 2022 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Isivumelo sesiNgesi: 6/19. Isivumelo senguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly Friend Message, July 2022. Xhosa. 18298 774