2021
Kwathatha iNkwenkwana ukuSindisa Ilali
Tshazimpunzi 2021


“Kwathatha iNkwenkwana ukuSindisa Ilali,” Kwenzelwe Ukomelezwa KoLutsha Tshazimpunzi 2021, 10–11.

UMyalezo wangeNyanga Kwenzelwe Ukomelezwa KoLutsha, Tshazimpunzi 2021

Kwathatha iNkwenkwana ukuSindisa ilali

UTom Fanene wayeneminyaka eli-12 kuphela ubudala, kodwa kwathi xa isifo esitshabalalisayo sabetha ilali yakhe eSamoa, waye wabizelwa ukwenza izinto ezinkulu.

Umfanekiso
Isiqithi saseSamoa sinenkwenkwe enceda umhlali ogulayo

Umfanekiso nguJames Madsen; ifoto isuka kwiGetty Images

Njengoko umxholo wolutsha kulonyaka usitsho, “nibeka isiseko somsembenzi omkhulu” (IMfundiso neMinqophiso 64:33). Kuyo yonke imbali yeBandla, abantu abatsha badlale indima ebalulekileyo kumaxesha abalulekileyo ekwakheni ubukumkani bukaThixo. Nanku omnye umzekelo.

Indyikitya yesifo esisulelayo seSiqithi

Ngaphezulu kweminyaka eli-100 eyadlulayo, kwiZiqithi zaseSamoa zoLwandlekazi iPasifiki, indodana eselula egama linguTom Fanene yayiluncedo olubalulekileyo kwixesha elaliphakathi kokufa nokuphila kumalungu eBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela.

UTom wayehlala kwilali eyayibizwa Sauniatu, eyayisekwe ngabaNgcwele beMihla yokuGqibela kulo mmandla njengendawo yabo abanokuthi bahlanganelane benze indawo yokuhlala. NjengabaNgcwele bakaThixo kwamanye amaxesha kunye nezinye iindawo, baye banamava ezilingo kwakunye nemimangaliso njengokuba babesebenza besakha ubukumkani bukaThixo kunye. Esinye isilingo seza ngo–1918, xa indyikitya yesifo esisulelayo somkhuhlane safikelela elalini.

Ngokukhawuleza kokufika kwaso isigulo, sasitshabalalisa, kwaye sanwenwa ngokukhawuleza. Phantse bonke abahlali abangama-400 ngokuqikelelweyo babeleli ebhedini ngenxa yaso. Babembalwa kubo ababephile ngokwanele ukwenza okuthile: indoda eseyindala kunye noTom oneminyaka eli-12.

Ukholo kunye Nentsebenzo Enzima

Usapho lukaTom lwalusebenzise ukholo ekujonganeni nesigulo ngaphambili kwaye lwalubone nemimangaliso njengesiphumo. Umninawa kaTom uAilama wayegula kwiminyaka engaphambili. Utata wabo, uElisala, waye wabanephupha apho waye wanikwa imiyalelo ethile yokuba enze ntoni ukukhathalela uAilama: fumana umthi we-wili-wili, ususe ixolo, uze usile kuphume incindi. UElisala wakwenza oku kwaye wazisa incindi ku-Ailama, owayiselayo waza waphila. Ngoko ke uTom wabona ukuba xa usenza ngokholo kunganceda njani ukoyisa isigulo.

Ngexesha lendyikitya yesifo esisulelayo somkhuhlane ka-1918, uTom waye wasebenzisa ukholo njengoko wayebesebenza nzima ukukhathalela abantu belali. “Rhoqo ngentsasa ndandihamba kwindlu ngendlu ndityisa kwaye ndicoca abantu kwaye ndifumanise ukuba ngubanina othe wabhubha,” waye watsho.

Waye walanda ii-emele zamanizi emthonjeni waze wazisa amanzi kuzo zonke izindlu. Waye waqabela imithi yekhokhonathi, wazincothula iikhokhonathi, wazisusa isikhumba, waza wazivula waqokelela incindi wayizisa kwabagulayo. Waye wabulala zonke iinkukhu zelali ukuze enzele usapho ngalunye isuphu.

Ukwenza Umehluko

Ngelixesha lendyikitya yesifo esisulelayo, malunga nesinye kwisine sabo bonke abantu baseSamoa babhubhiswa ngumkhuhlane. Abanye abantu kwilali kaTom babhubha nabo. UTom wancedisa ukomba amangcwaba kunye nokungcwaba ukwedlula abangama-20 wabo, kuquka kwanotata wakhe, uElisala.

Kodwa ngombulelo kumsebenzi kaTom onzima kwanothando lwenkathalo, abantu abaninzi kwilali yakhe baye baphila. Wenza umehluko omkhulu kwabo bantu kwaye nasekwakhiweni kobukumkani beNkosi eSamoa. Waye “wabeka isiseko somsebenzi omkhulu.”

Kwakunye ngendlela yakho, nawe wenza njalo.

Usenokungabizelwa ukwenza izinto ezifana nezenziwa nguTom, kodwa wena, ngokwenyaniso, usebenzisa ukholo ngeendlela ezahlukeneyo eziya kwenza umehluko omkhulu kuwe, nakwabanye, kwakunye nakumsebenzi wokwakha ubukumkani bukaThixo.

Useka umzekelo kusapho lwakho, kwizihlobo, kwakunye nabanye, ngokubonisa ubunyulu, umonde, ububele, kwakunye nothando. Unceda abanye. Uyabandakanyeka ekufundeni izibhalo ezingcwele nasemthandazweni. Uyabelana ngeenyaniso zevangeli ebuyisiweyo kaYesu Krestu.

Kulo nyaka udluleyo, abaninzi kuni bebezenza ezi zinto ngexesha benyamezele iziphumo zendyikitya yesifo esisulelayo. Mhlawumbi awuzange ulande amanzi kunye neekhokhonathi waze wonga abantu abangama-400 babuyele empilweni, kodwa wena uye wazisela abantu intuthuzelo, ithemba, uvuyo, kwakunye noxolo ngezinye iindlela ezininzi.

Iminyaka yakho inomsebenzi omncinane kunokholo lwakho kunye nokuzimisela kwakho ekusebenzeni nasekuncedeni abanye. Imizekelo esuka kwixesha elidluleyo, efana nekaTom Fanene, ingakunceda ubone ukuba uyadingeka ekondlaleni isiseko somsebenzi omkhulu kaThixo.

Shicilela