2021
IGama leBandla laKhe
EyeDwarha 2021


“IGama leBandla laKhe,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, Dwarha 2021.

UMyalezo wangeNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyeDwarha 2021

IGama leBandla laKhe

Kukho intsingiselo emva kwegama uYesu Krestu alinike iBandla laKhe.

Umfanekiso
UYesu Krestu njengoMalusi Olungileyo

ibandla lam

IBandla—iqela labantu abakholelwa izinto ezifanayo kwaye banqula kunye. Eli Bandla lelikaYesu Krestu. Yena waliqala. Yena uyalikhokela. LelaKhe.

libizwe

UYesu Krestu usixelele into afuna abantu balibize ngayo iBandla laKhe. Yiyo lo nto kufuneka silibize ngayo—kwaye ekufuneka sicele abanye ngobubele balize ngayo. Eli gama lavela kuYesu Krestu.

imihla yokugqibela

Imihla yokugqibela—imihla esiphila kuyo; ixesha eliphambi kokuBuya kwesiBini kukaYesu Krestu. UYesu Krestu ubuyisele iBandla laKhe emhlabeni ngeli xesha lokugqibela. Liya kunceda ekulungiseleleni ihlabathi ukuBuya kwaKhe kweSibini.

IBandla likaYesu Krestu

(Bona “ibandla lam.”) Le yinxalenye yokuqala yegama uMsindisi awalinika iBandla laKhe. Yena ulibiza “IBandla” kuba Yena walilungiselela. Kwaye Yena ubeke igama laKhe kulo.

Umhla-wokugqibela

(Bona “imihla yokugqibela.”) Le yinxalenye elandelayo yegama leBandla. Ibonisa ngokulula ukuba eli liBandla Yena awalibuyiselayo kule mihla, hayi elo Yena wayeliqale kumaxesha angaphambili.

AbaNgcwele

AbaNgcwele—igama elithetha “abantu abangcwele.” Le yinxalenye yokugqibela yegama leBandla. Ithetha ngamalungu eBandla. UYesu Krestu unokusihlambulula kwaye asicoce. Kwaye Yena usinika uMoya oyiNgcwele ukuba usomeleze njengoko sizama ukwenza oko Yena asiyalele kona. Ukuba sinokholo kuYe kwaye siqhubeka sizama, Yena usenza ngcwele. Yena usenza abaNgcwele.

Shicilela