2022
OoSolusapho: Babengoobani kwaye Kutheni Kubalulekile
EyoMdumba 2022


“OoSolusapho: Babengoobani kwaye Kutheni Kubalulekile,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, EyoMdumba 2022.

UMyalezo wangeNyanga Kwenzelwe Ukomelezwa KoLutsha EyoMdumba 2022

Genesis 11–50

OoSolusapho

Babengoobani kwaye Kutheni Kubalulekile

Mhlawumbi ukhe weva ngo-Abraham, no-Isake, kunye nangoYakobi. Sifunda ngabo rhoqo kwiNcwadi kaMormoni kwaye ngokuqinisekileyo uza kuva ngakumbi ngabo njengoko ufunda iTestamente eNdala kulo nyaka. Ngengqwalasela eninzi abanikwe yona, kumele ukuba babalulekile kakhulu, andithi? Kodwa mhlawumbi uyazibuza, “Kutheni amadoda amathathu awayephila kumawaka ngamawaka weminyaka eyadlulayo ebalulekile namhlanje?” Kakuhle, isitshixo kuloo mbuzo ukwiminqophiso yanaphakade nakwiintsikelelo ezazithenjisiwe uThixo awayebanike zona.

Abraham

Umfanekiso
Abraham

Imizobo nguJarom Vogel

U-Abraham wayengumprofeti omkhulu. Wayelilungisa kwaye wayethobekile kwimithetho kaThixo.

Wayebhaptiziwe, wafumana ububingeleli, kwaye watywinelwa kwinkosikazi yakhe uSara ngonaphakade.

UThixo wenza umnqophiso no-Abraham wokokuba inzala yakhe yayiya kuba nkulu kwaye ibeneentsikelelo ezifanayonezo yena awayethe wazifumana.

Babeya kuthatha inzaliseko yevangeli kaYesu Krestu bayise kwizizwe zehlabathi.

U-Isake

Umfanekiso
U-Isake

U-Isake wayengunyana ka-Abraham noSara.

UThixo waxelela u-Abraham ukuba enze idini ngo-Isake. U-Abraham wayemthanda u-Isake kodwa waye wakhetha ukuthobela uThixo. Ngaphambili nje kokuba u-Abraham enze idini ngo-Isake, ingelosi yaye yaxelela u-Abraham ukuba ame. Ulangazelelo luka-Abraham no-Isake lokuthobela uThixo lwalungumfuziselo weNtlawulelo woNyana kaThixo oKuphela koZelweyo.

U-Isake waye wathenjiswa iintsikelelo ezifanayo njengo-Abraham.

Yakobi

Umfanekiso
Yakobi

Njengokufana noyise kunye notat’ omkhulu wakhe, uYakobi wayenyanisekile kuThixo.

Ngenxa yokunyaniseka kwakhe, iNkosi yaye yaguqulela igama likaYakobi kuSirayeli “yena owoyisayo” okanye “uThixo makoyise” (bona iBible Dictionary, “Israel”).

UYakobi wayenoonyana abali-12. Aba nyana kunye neentsapho zabo baye baziwa njengezizwe zikaSirayeli.

Umnqophiso uThixo awayewenze no-Abraham waye wahlaziywa noYakobi kunye nabantwana bakhe.

OoSolusapho kunye Nawe

Njengelungu leBandla, uyinxalenye yenzala ka-Abraham, no-Isake, kunye noYakobi. Umnqophiso ababewenze noThixo uyasebenza nakuwe!

Unentsikelelo noxanduva lokuthwala ubungqina bakho boMsindisi kunye nokwabelana ngevangeli.

Kwaye ukwabizelwa ukuba umeme wonke ubani ukuba enze kwaye agcine iminqophiso kwakunye nokuba afumane imimiselo yobubingeleli. UMongameli uRussell M. Nelson uthe konke oku kuyinxalenye yokuhlanganiswa kukaSirayeli, “okona kuyeyona nto ebaluleke kakhulu eyenzeka emhlabeni namhlanje” (“Hope of Israel,” [worldwide youth devotional, June 3, 2018], 8, ChurchofJesusChrist.org).

Shicilela