“Ungalindi!” Yiba Njengabalusi, Okwenzelwe Ukomeleza Ulutsha EyoMnga 2022.
UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza Ulutsha, EyoMnga 2022
Ungalindi! Yiba Njengabalusi
Ngobusuku obuzolileyo kudala, abalusi babeyigade ngenkuthalo imihlambi yabo.
Abalusi babenomsebenzi obalulekileyo. Iigusha zazifuna ukutya, amanzi nokukhuselwa kwingozi.
Ngesaquphe, kwavela ingelosi!
“Musani ukoyika, kuba yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu. … Ngokuba nizalelwe namhlanje …uMsindisi, onguKrestu iNkosi.”
Ingelosi yabaxelela abalusi ukuba bayakufumana usana lusongelwe eziqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali eBhetelehem.
Ikwayara yeengelosi yasigcwalisa isibhakabhaka yangenelela ingelosi idumisa uThixo.
“Uzuko kuThixo enyangweni, uxolo emhlabeni, inkolelo ebantwini.”
“Masiye kwelase Bhetelehem siyobona oko sikwazisiweyo yiNkosi.”
Abalusi abazange balinde. Oku kwakubaluleke kakhulu! Beza “ngobungxamo” kwelase Bhetelehem.
Abalusi bamfumana uYesu esongelwe eziqhiyeni, elele emkhumbini wesitali, njengoko ibitshilo ingelosi.
Nguye lo uMesiya owathenjiswayo ukuba uyakuza abe nguMsinidisi noMkhululi wehlabathi azise uvuyo oluyinyaniso!
Abalusi babechwayitile! Babelana ngoko bakuvileyo nabakubonileyo.
“UMsindisi wehlabathi uzelwe!”
“UMesiya ude wafika!”
Abalusi beza “ngobungxamo” kuYesu. Nawe unakho!
Ungafunda ngaYe.
Unga mkhonza ngoku khonza abanye.
Ungangqina ngaYe.
© 2022 yi Intellectual Reserve, Inc. All rights reserved. Ishicilelwe eMelika. Imvume yesiNgesi: 6/19. Imvume yenguqulelo: 6/19. Inguqulelo ye Monthly For the Strength of Youth Message, December 2022. Xhosa. 18318 774