2023
Iindlela ezine uYesu Krestu Akomeleza Ngazo
EyoMqungu 2023


“Iindlela ezine uYesu Krestu Akomeleza Ngazo,” Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha EyoMqungu 2023.

UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha EyoMqungu 2023.

Iindlela ezine uYesu Krestu Akomeleza Ngazo

Ndinokuzenza izinto zonke ndikulowo undomelezayo uKrestu.
AbaseFilipi 4:13

Umfanekiso
Imfumba etsolo yamatye ebekwe njengesikhumbuzo

Kwihlabathi lonke, amaKrestu ayavuyiswa sesi sibhalo: “Ndinokuzenza izinto zonke ndikulowo undomelezayo uKrestu” (AbaseFilipi 4:13).

Xa abantu besiva oku, abanye babo basenokucinga ukuba kuthetha ukuba banokuphumelela kulo naluphi na uvavanyo, baphumelele nawuphi na umdlalo, kwaye wonke umnqweno ube yinyaniso. Kodwa ayikuko oko esi sibhalo sikufundisayo.

Sabhalwa ngumPostile uPawulos xa wayesentolongweni. Njengebanjwa, zininzi izinto uPawulos awayengakwazi ukuzenza, kodwa wayesazi ukuba uYesu Krestu unokumomeleza ukuze enze ezona zinto zibalulekileyo.

Okufanayo kuyinyani ngawe!

1 uKrestu Uyakomeleza Wena ukuba Wazi

UYesu Krestu ukunike iindlela ezininzi ezibalulekileyo onokwazi okuyinyani. Yena usifundise sonke ukuba sithandaze rhoqo (bona 3 Nifayi 18:18) kwaye sicele ukwazi okuyinyani (bona Moronayi 10:4–5) Kananjalo ungafumana kwaye wazi ukuba yintoni eyinyani ngokufunda kwakho izibhalo.

Umthandazo kunye nokufunda izibhalo kuzisa uMoya ebomini bakho. UMoya usenokuthetha “engqondweni yakho nasentliziyweni yakho,” (IMfundiso neMinqophiso 8:2), “uya kuzalisa umphefumlo wakho ngovuyo,” kwaye “uya kukhanyisela ingqondo yakho,” ( IMfundiso neMinqophiso 11:13 ).

Kwezi ndlela, unako “ukumva Yena”—ukuva amazwi oMsindisi kwaye ulandele oko Yena akuthethileyo. Umongameli Russell M. Nelson ufundise ukuba “lo ngumfuziselo wempumelelo, nolonwabo, kunye novuyo kobu bomi.”1

2 uKrestu Uyakomeleza Wena ukuba Wenze

Amandla aza kuwe njengokuba uzama ukugcina imiyalelo kwaye wenze ukhetho olulungileyo olukhokelela kuxolo kunye nolonwabo. UYesu Krestu uyakomeleza ukuba wenze oku nokuba kunzima ukwenza olo khetho. Ngamanye amaxesha wenza ukhetho olubi. Ngombulelo, iNtlawulelo yoMsindisi yenza ukuba uguquko lubenako ukwenzeka. Ngenxa kaYesu Krestu, ungacoceka kwaye ufumane uvuyo. Yena unako ukomeleza wena ukuba “wenze ngcono kwaye ube ngcono”2 usuku ngalunye.

3 uKrestu Uyakomeleza Wena ukuba Woyise

Ngexa wayesentologweni, uPawulos wabhala: “ Mna ndafunda ukuthi entlalweni endikuyo ndanele.”

“Ndiyazana nobuhlwemphu, ndiyazana nobutyebi: kuko konke, nasezintweni zonke ndiqhelanisiwe” (AbaseFilipi 4:11–12).

Ngamanye amazwi, uPawulos wafunda ukuba, ngoKrestu unako ukoyisa kwaye afunde kwizilingo zakhe nemingeni. UYesu Krestu angakomeleza nawe ukuze wenze ngokufanayo.

UMsindisi weva “iintlungu neembandezelo nezihendo zazo zonke iindidi.” Yena wathabathela phezu kwaKhe ubuthathaka bethu ukuze “abe nokuyazi indlela yokunceda abantu bakhe ngokobuthathaka babo” (Alma 7:11–12). Nokuba yintoni ojongene nayo, uYesu Krestu angakomeleza ukuba unyamezele kwaye ufezekise izinto obungenakuzenza ngokwakho.

4 uKrestu Uyakomeleza ukuba Ubekuko

UYesu Krestu ulwenze uvuko ekufeni lwayinto ekhoyo kuthi sonke, kwaye Yena ubenza ubomi obungunaphakade bube yinto enokwenzeka kwabo baguqukayo, bamkele imimiselo ebalulekileyo, kwaye benze bagcine iminqophiso enxulumene nayo. Ngaphandle kukaKrestu, besingenako ukuzalisekisa eyona nto uBawo waseZulwini ayifuna kakhulu—ukuba sibe njengaYe ngakumbi kunye noNyana waKhe, uYesu Krestu, kwaye sihlale naBo ngonaphakade.

Umfanekiso
UYesu Krestu

Ungafana ngakumbi noYesu Krestu njengokuba ufunda ngaYe, uthembele kuYe, kwaye ulandele umzekelo waKhe. Oku kuya kukukhokelela ekubeni uphile ngokholo ngakumbi, ithemba, uthando, umonde, ukuthobeka, ubunyulu, kunye nentobeko. Zonke ezi ziimpawu zoMsindisi.

Njengokuba uzama ukulandela uYesu Krestu, Yena uya kuba lithemba lakho kunye nokukhanya kwakho okuya kukukhokela ube kuko konke Yena akwaziyo ukuba ungaba kuko. Kwaye, kunye noPawulos, uya kuba nako ukuthi, “Ndinokuzenza izinto zonke, ndikulowo undomelezayo, uKrestu.”

Amanqaku

  1. Russell M. Nelson, “Hear Him,” Apr. 2020 general conference (Ensign okanye Liahona, Canzibe 2020, 89).

  2. See Russell M. Nelson, “We Can Do Better and Be Better,” Apr. 2019 general conference (Ensign or Liahona, Canzibe 2019, 67).

Shicilela