Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha
Konke Kuya kulunga Ngenxa yeMinqophiso yeTempile
UCanzibe 2024


UMyalezo weNyanga Okwenzelwe Ukomeleza uLutsha, UCanzibe 2024

Konke Kuya kulunga Ngenxa yeMinqophiso yeTempile

Izicatshulwa

Umfanekiso
alt text

USA

Bazalwane noodade, ndiyangqina ngokuzithoba ukuba njengokuba sisiya etempileni, sinokukhunjuzwa ngendalo yanaphakade yemimoya yethu, ubudlelwane bethu noBawo kunye noNyana waKhe ongcwele, kunye nomnqweno wethu wokugqibela wokubuyela kwikhaya lethu lasezulwini. …

Phantsi kobunkokeli obuphefumlelweyo bukaMongameli Nelson, iNkosi iye yakhawulezisa, kwaye iya kuqhubeka nokukhawulezisa, ukwakhiwa kweetempile kwihlabathi liphela. Oku kuyakuvumela bonke abantwana bakaThixo ithuba lokufumana imimiselo yosindiso nokuphakanyiswa nokwenza nokugcina iminqophiso engcwalisekileyo. …

Ukuthatha inxaxheba rhoqo kwimimiselo yetempile kungadala umzekelo wokuzinikela eNkosini. Xa uyigcina iminqophiso yakho yetempile kwaye uyikhumbule, umema ubuqabane boMoya oyiNgcwele ngokubini ukuba bukomeleze kwaye bukuhlambulule. …

Kusetempileni apho singafumana isiqinisekiso soqhagamshelwano lweentsapho ezithandanayo oluya kuthi luqhubeke emva kokufa kwaye luqhubeke naphakade. Ukuhlonipha iminqophiso yomtshato kunye nosapho eyenziwa ezitempileni zikaThixo kuya kunika ukhuseleko kubungendawo bokuzingca nekratshi. …

Izilingo, imimngeni, neentlungu ziya kusifikela sonke. Akukho namnye kuthi ogonyiweyo “kumeva enyameni” [bona 2 KwabaseKorinte 12:7–10]. Kodwa, njengokuba sisiya etempile kwaye sikhumbula iminqophiso yethu, singalungiselela ukufumana ulwalathiso lobuqu oluvela eNkosini. …

Bazalwane noodade bam abathandekayo, ndiyangqina ukuba akukho nto ibaluleke ngaphezu kokuhlonipha iminqophiso eniyenzileyo okanye eninokuyenza etempileni.

Shicilela