2000–2009
Ukuhlanganiswa kukaSirayeli Osasazekileyo
EyeDwarha 2006


Ukuhlanganiswa kukaSirayeli Osasazekileyo

Sincedisa ekuhlanganiseni abanyulwa beNkosi kuwo omabini amacala esigqubuthelo.

Bazalwane noodade bam abathandekayo, enkosi ngokholo lwenu, nangokuzinikela kwenu, kunye nangothando lwenu. Sabelana ngoxanduva olukhulu kakhulu lokuba sibe ngaba iNkosi ifuna sibe ngabo kwaye senze oko Yona ifuna sikwenze. Siyinxalenye yentshukumo enkulu—ukuhlanganiswa kukaSirayeli osasazekileyo. Ndithetha ngayo le mfundiso namhlanje ngenxa yokubaluleka okwahlukileyo kwayo kwicebo likaThixo lanaphakade.

UMnqophiso ka-Abraham

Mandulo, iNkosi yasikelela uBawo uAbraham ngesithembiso sokwenza inzala yakhe abantu abakhethekileyo.1 Okubhekise kulo mnqophiso kwenzeka kuzo zonke izibhalo ezingcwele. Okuqukiweyo yayizizithembiso zokuba uNyana kaThixo wayeya kuza ngomnombo kaAbraham, imihlaba ethile yayiya kufunyanwa njengelifa, ukuba izizwe nezalamane zaziya kusikelelwa ngembewu yakhe, kwakunye nangaphezulu.2 Xeshikweni imiba ethile yaloo mnqophiso sele yazalisekiswa, iNcwadi kaMormoni ifundisa okokuba lo mnqophiso kaAbraham uya kuzalisekiswa kuphela ngale mihla yokugqibela!3 Ikwagxininisa into yokuba siphakathi kwabantu bomnqophiso weNkosi.4. Okwethu kulilungelo elilodwa lokuthatha inxaxheba ngokwethu ekuzalisekiseni kwezi zithembiso. Elinjani lona ixesha lemincili lokuphila!

USirayeli Waye Wasasazeka

Njengenzala kaAbraham, izizwe zikaSirayeli wamandulo zazinofikelelo kwigunya lobubingeleli kunye neentsikelelo zevangeli, kodwa ekugqibeleni abantu baye bavukela. Baye babulala abaprofeti baza bohlwaywa yiNkosi. Izizwe ezilishumi zaye zathwalwa zathinjelwa eAsiriya. Ukusukela apho zaye zalahleka kwiimbali zoluntu. (Ngokucacileyo, izizwe ezilishumi azilahlekanga kuyo iNkosi.) Ezimbini eziseleyo izizwe zaqhubeka ixeshana elifutshane kwaza emveni, ngenxa yovukelo lwazo, zathatyathelwa eluthinjweni eBhabheli.5 Ngexa bebuyayo, iNkosi yayikholisiwe ngabo, kodwa baye baphinda abayizukisa Yona kwaphela. Baye bayala kwaye bayinyelisa Yona. UBawo onothando kodwa osentlungwini waye wafunga, “Ndonichithachitha phakathi kweentlanga,”6 kwaye Yena oko waye wakwenza—kwizizwe zonke.

USirayeli Uya Kuhlanganiswa

Isithembiso sikaThixo sokuhlanganisa uSirayeli osasazekileyo sasigxininiswa ngokulinganayo.7 UIsaya, ngokomzekelo, wabona kwangaphambili ukuba kwimihla yokugqibela iNkosi yayiya kuthumela “abathunywa banamendu” kubo aba bantu “ababesasazekile kwaye bagudileyo.”8

Esi sithembiso sokuhlanganisa, siphothelwe kulo lonke ilaphu lezibhalo ezingcwele, siya kuzalisekiswa nje ngokuqinisekileyo njengokufana nokuzalisekiswa kweziprofeto zokusasazeka kukaSirayeli.9

IBandla likaYesu Krestu ngeXesha loBungangamsha kunye nelokuLahleka Kwenyaniso.

Ngaphambi koBethelelo lwaKhe emnqamlezweni, iNkosi uYesu Krestu yaseka iBandla laYo. Laliquka abapostile, abaprofeti, abamashumi asixhenxe, abafundisi kunye nanjalo-njalo.10 Kwaye iNkosi yaye yathumela abafundi baYo emhlabeni ukuba bashumayele ivangeli yaYo.11

Emva kwexesha iBandla njengoko lalisekwe yiNkosi lawela ekuboleni ngokwasemoyeni. Iimfundiso zaYo zaye zatshintshwa; imimiselo yaYo yaguqulwa. Ulahleko Lwenyaniso Olukhulu lweza njengoko kwakuchaziwe kwangaphambili nguPawulos, owayesazi ukuba iNkosi yayingenakuza kwakhona “lungakhanga lufike ulahlo kuqala.”12

Olu Lahleko Lwenyaniso Olukhulu lwalandela imfuziselo eyayiphelise ixesha lokuhlanganisela ngalinye elalidlulileyo. Elokuqala ngqa kwakwilixesha likaAdam. Kwaze kwalandela amaxesha okuhlanganisela kaEnoki, Nowa, Abraham, Moses, kunye nabanye. Umprofeti ngamnye wayenogunyazo lokufundisa ngobuthixo kwakunye nemfundiso yeNkosi uYesu Krestu. Kwiqela-leminyaka ngalinye ezi mfundiso zazenzelwe ukunceda abantu. Kodwa ukungathobeli kwabo kwabaneziphumo zolahleko lwenyaniso. Ngoko ke, onke amaxesha okuhlanganisela awadlulayo ayelinganiselwe imida ngokwexesha nangokwendawo. Ayelinganiselwe imida ngokwexesha kuba onke aye aphelela kulahleko lwenyaniso. Ayelinganiselwe imida ngokwendawo kwicandelo elincinci emhlabeni.

IMbuyiselo yeZinto Zonke

Ngoko imbuyiselo epheleleyo yayifuneka. UThixo uYise kunye noYesu Krestu babiza uMprofeti uJoseph Smith ukuba abengumprofeti weli xesha lokuhlanganisela. Onke amandla obuthixo wamaxesha okuhlanganisela adlulileyo ayeya kubuyiselwa ngaye.13 Eli xesha lokuhlanganisela lenzaliseko yamaxesha lalingalinganiselwanga mida ngokwexesha okanye ngokwendawo. Lona lalingenakuphelela kulahleko lwenyaniso, kwaye laliya kuzalisa ihlabathi.14

Ukuhlanganiswa kukaSirayeli—Inxalenye Ebalulekileyo yeMbuyiselo yeZinto Zonke

Njengoko kwakuprofetiwe nguPetros kunye noPawulos, zonke izinto kumele zibuyiselwe kweli xesha lokuhlanganisela. Ngoko ke, kumele kuzile, njengenxalenye yaloo mbuyiselo, ukuhlanganiswa okwakulindwe kwakudala koSirayeli osasazekileyo.15 Kuyingabula zigcawu eyimfuneko ngaphambili kokuBuya kweSibini kweNkosi.16

Le mfundiso yokuhlanganiswa yenye yeemfundiso ezibalulekileyo zeBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela. INkosi yabhengeza: “Ndininika umqondiso… endiya kuhlanganisela ngaphakathi, ukusuka kusasazo lwabo olude, abantu bam, Owu ndlu kaSirayeli, kwaye ndiya kumisela kwakhona phakathi kwabo iZiyon yam.”17 Ukuza ngaphambili kweNcwadi kaMormoni luphawu kwihlabathi liphela lokuba iNkosi iqalile ukuhlanganisa uSirayeli kwaye izalisekise iminqophiso Yona eyayenza kuAbraham, kuIsake, kunye nakuYakobi.18 Asiyifundisi kuphela le mfundiso, kodwa sithatha inxaxheba kuyo. Senza njalo njengoko sincedisa ekuhlanganiseni abanyuliweyo beNkosi kumacala omabini esigqubuthelo.

INcwadi kaMormoni isembindini kulo msebenzi. Ibhengeza imfundiso yohlanganiso.19 Ibangela abantu bafunde malunga noYesu Krestu, bakholelwe kwivangeli yaKhe, kwaye bazimanye neBandla laKhe. Eneneni, ukuba bekungekho Ncwadi kaMormoni, ukuhlanganiswa okuthenjisiweyo kukaSirayeli bekungenokwenzeka.20

Kuthi igama elibekekileyo likaAbraham libalulekile. Likhankanywa kwimiqolo emininzi yezibhalo ezingcwele zeMbuyiselo ukwedlula yonke imiqolo yeBhayibhile.21 U–Abraham unxulunyaniswa nawo onke amalungu eBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela.22 INkosi iwuqinisekisile kwakhona umnqophiso kaAbraham kwimihla yethu kumprofeti uJoseph Smith.23 Etempile sifumana iintsikelelo zokugqibela, njengembewu kaAbraham, kaIsake, kunye nekaYakobi.24

IXesha Lokuhlanganisela kweNzaliseko yamaXesha

Eli xesha lokuhlanganisela kwenzaliseko yamaxesha yabonwa kwangaphambili nguThixo njengexesha lokuhlanganisa, konke ezulwini kunye nasemhlabeni. UPetros wayesazi ukuba emva kwexesha lolahleko lwenyaniso, imbuyiselo yenyaniso yayiya kuza. Yena, lowo ebekunye nayo iNkosi kwiNtaba Yotshintsho, wabhengeza:

“Guqukani ke ngoko, nibuye, ukuze zicinywe izono zenu; ngokokuze afike amathuba okuphumza, evela ubusweni beNkosi; …

“Lowo kumele okunene ukuba amazulu amamkele, kude kufike amaxesha okubuyiswa kweento zonke, awawathethayo uThixo ngomlomo wabo bonke abaprofeti bakhe abangcwele, ukususela ekusekweni kwehlabathi.”25

Kwixesha langoku abaPostile uPetros, Yakobi, kunye noYohane bathunyelwa yiNkosi “ngezitshixo zobukumkani [baYo], kwaye nexesha lokuzihlanganisela ivangeli yamaxesha okugqibela ; neyenzaliseko yamaxesha,” kuwo “Yena aya kuhlanganisela zonke izinto zibenye , kunye ezo zisezulwini nezo zisemhlabeni.”26

Ngonyaka ka–1830 uMprofeti uJoseph Smith wafunda ngesithunywa sezulu esigama linguEliyasi, owayenezitshixo zokuzisa “ubuyiselo lwezinto zonke.”27

Emva kweminyaka esithandathu iTempile yaseKirtland yaye yangcwaliswa. Emveni kokuba iNkosi yamkele loo ndlu ingcwele, izithunywa zezulu zeza nezitshixo zobubingeleli. UMoses wavela28 “waza wanikela izitshixo zokuhlanganisela uSirayeli kuzo zonke iimbombo zomhlaba, nokukhokela kwezizwe ezilishumi ukusuka kwilizwe lasemntla.

“Emva koku, uEliyasi wavela, waza wanikela ixesha lokuhlanganisela levangeli ka-Abraham, esithi okokuba kuthi nakwimbewu yethu zonke izizukulwana emva kwethu zimele ukusikelelwa.”29

Wandula uEliya umprofeti waza wabhengeza, “Qaphelani, ixesha lifikile ngokuzeleyo, ekwakuthethwe ngomlomo kaMalaki—engqina okokuba lowo [uEliya] umele ukuthunyelwa, phambi kokuba imini enkulu neyoyikekayo yeNkosi ize—kubuyiselwe iintliziyo zooyise kubantwana, neentliziyo zabantwana kooyise, hleze umhlaba wonke ubethwe ngesiqalekiso.”30

Ezi ziganeko zenzeka nge—3 kwekaTshazimpunzi, 1836,31 kwaye njalo kwazaliseka isiprofeto sikaMalaki.32 Izitshixo ezingcwele zeli xesha lokuhlanganisela zaye zabuyiselwa.33

Ukuhlanganiswa kweMiphefumlo Kwelinye Icala Lesigqubuthelo

Ngokuzele inceba, isimemo sokuba “yizani kuKrestu”34 singendiselwa kubo abo bafe ngaphandle kolwazi lwevangeli.35 Inxalenye yamalungiselelo abo ifuna iinzame zasemhlabeni zabanye. Siqokelela itshathi zeminombo yokuzalwa, senze amaphetshana amaqela osapho, kwaye senze umsebenzi wasetempileni ukuhlanganisela umntu ngamnye eNkosini nakwiintsapho zabo.36

Ukuthatha Inxaxheba Eluhlanganisweni: Isibophelelo ngoMnqophiso

Apha emhlabeni, umsebenzi wobuvangeli ubaluleke kakhulu ekuhlanganisweni kukaSirayeli. Ivangeli kwakumele ithatyathwe kuqala isiwe “kwizimvu ezilahlekileyo zendlu kaSirayeli.”37 Ngenxa yoko, izicaka zeNkosi ziqhubela phambili zibhengeza iMbuyiselo. Kwizizwe ezininzi abafundisi bethu bevangeli babakhangele abo basasazekileyo bakaSirayeli; baye babazingela “nasezimfanteni zeengxondorha”; kwaye baye babaloba njengeentsuku zamandulo.38

Ukhetho lokuza kuye uKrestu ayingomba wendawo okuyo; ngumba wokuzibophelela komntu. Abantu “bangaziswa kulwazi lweNkosi”39 ngaphandle kokushiya amakhaya abo. Yinyaniso, kwiintsuku zokuqala zeBandla, uguquko lwalusoloko luthetha imfuduko ngokunjalo. Kodwa ngoku uhlanganiso lwenzeka kwisizwe ngasinye. INkosi yamisela ukusekwa kweZiyon40 kummandla ngamnye apho Yona yanika abaNgcwele baYo ukuzalwa kwabo kunye nobuzwe babo. Izibhalo ezingcwele zichaza kwangaphambili abantu xa “beya kuhlanganiselwa ekhaya kumazwe elifa labo, kwaye baya kuzinziswa kuwo onke amazwe abo esithembiso.”41 “Isizwe ngasinye siyindawo yokuhlanganisela abantu baso.”42 Indawo yokuhlanganisela abaNgcwele bamaBrazil kuseBrazil; indawo yokuhlanganisela abaNgcwele bamaNayijeriya kuseNayijeriya; indawo yokuhlanganisela abaNgcwele bamaKorea kuseKorea; kwananjalo-njalo. IZiyon “ingabahlambulukileyo entliziyweni.”43 IZiyon ikho naphina apho abaNgcwele bakhoyo. Ushicilelo, unxibelelwano, kunye namabandla ngoku anje ngokuba phantse onke amalungu anofikelelo kwiimfundiso, izitshixo, imimiselo, kunye neentsikelelo zevangeli, nokuba akweyiphi na indawo.

Ukhuseleko lokomoya luya kusoloko luxhomekeke kwindlela omnye aphila ngayo, hayi apho omnye aphila khona. AbaNgcwele kumazwe onke banobango olulinganayo kuzo intsikelelo zeNkosi.

Umsebenzi kaThixo Somandla uyinyani. Yena uyaphila. UYesu unguye uKrestu. Eli lilo iBandla laKhe, labuyiselwa ukufezekisa ikamva lalo lobuthixo, kuquka nokuhlanganiselwa kukaSirayeli. UMongameli uGordon B. Hinckley ungumprofeti kaThixo namhlanje. Ndiyangqina ngokunjalo egameni likaYesu Krestu, amen.

Shicilela