2000–2009
UbuLungiseleli beeNgelosi
EyeDwarha 2008


UbuLungiseleli beeNgelosi

UThixo akasoze asishiye sodwa, akasoze asishiye singenancedo kwimingeni esijongana nayo.

Xa uAdam noEva bangenelela ngokukhulekileyo kobu bomi bumagadʼ ahlabayo, babesazi ukuba eli hlabathi lethelestiyali laliza kubandakanya ameva neenkunzana kunye neenkathazo zazo zonke iintlobo. Mhlawumbi eyona mbono yayinobunzima, nangona kunjalo, yayingezombandezelo kunye nobungozi ababeza kubunyamezela kodwa inyani yokuba ngoku babeza kubhekeliswa kuThixo, behlukeniswe kuYe ababehamba kunye bethetha naYe, owayebanike ingcebiso ubuso-ngobuso. Emveni kwesigqibo esinolwazi, njengoko kushicilelo lwendalo kusitshiwo, “baye bengamboni, ngokuba babevalelwe ebusweni bakhe.”1 Phakathi konke okwakubakhathaza, ngokuqinisekileyo oku kumele ibe kokona okwakubakhathaza kakhulu.

Kodwa uThixo wayeyazi imingeni ababeza kujongana nayo, kwaye Yena wayeyazi ngokuqinisekileyo indlela ababeza kuthi bazive bebodwa kwaye bazive bekhathazekile ngamanye amaxesha. Ngoko Yena wabukela ngaphezulu usapho lwaKhe lwasemhlabeni rhoqo, weva imithandazo yabo rhoqo, kwaye wathumela abaprofeti (kwaye kamva abapostile) ukubafundisa, ukubacebisa, kunye nokubakhokela. Kodwa ngamaxesha esidingo esikhethekileyo, Yena wayethumela iingelosi, izithunywa zaphezulu, ukusikelela abantwana baKhe, ukubaqinisekisa ukuba izulu lalisoloko likufuphi kakhulu kwaye noncedo lwaKhe lwalusoloko lusondele kakhulu. Eneneni, ngokufutshane emveni kokuba uAdam noEva bazifumana bekwilizwe lesizungu elinobubi, ingelosi yavela kubo, 2 eyabafundisa intsingiselo yedini labo kunye nendima yokuhlawulela yoMhlanguli othenjisiweyo owayeza kuza.

Xa ixesha lokuvela loMsindisi lalisondele, ingelosi yathunyelwa ukuba iyokubhengeza kuMariya ukuba wayeza kuba ngumama woNyana kaThixo.3 Ke umkhosi weengelosi wawuthunyelwe ukuba ucule ngobusuku usana olunguYesu lwaluzalwa.4 Ngokufutshane emveni koko ingelosi yayiya kubhengeza kuYosefu ukuba usana olutsha lwalusengozini kwaye olu sapho luncinane kwakumele lubalekele elukhuselekweni eYiputa.5 Xa kwakukhuselekile ukubuyela, ingelosi yayigqithisa loo nkcukacha kusapho kwaye bobathathu babuyela kumhlaba welifa lemveli yabo.6

Ukusukela ekuqaleni ukwehla ngamaxesha okuhlanganisa, uThixo usebenzise iingelosi njengezithunywa zaKhe ekuhambiseni uthando kunye nenkxalabo ngabantwana baKhe. Ixesha kwesi isimo alivumeli kwa uvavanyo lwezibhalo okanye eyethu imbali yemihla yokugqibela, ezigcwele iingxelo zeengelosi zilungiselela abo basemhlabeni, kodwa inobutyebi ngokwemfundiso kwaye inobutyebi ngokwembali.

Ngokwesiqhelo izidalwa ezinjalo azibonwa. Ngamanye amaxesha ziyabonwa. Kodwa ziyabonwa okanye azibonwa zisoloko zikufuphi. Ngamanye amaxesha imisebenzi yazo inobungangamsha kakhulu kwaye inokubaluleka ehlabathini lonke. Ngamanye amaxesha imiyalezo yeyabucala. Ngamaxesha athile injongo yengelosi kukulumkisa. Kodwa ngokuthe rhoqo ngakumbi iba kukuthuthuzela, ukubonelela ngohlobo oluthile lwengqalelo enenceba, isikhokelo emaxesheni anzima. Xa ephupheni likaLihayi ezifumana kwindawo eyoyikisayo “emnyama nenesithukuthezi engumqwebedu,” njengoko wayichaza, waye wadibana nengelosi, “indoda … yaye inxibe isambatho esimhlophe, ithethe nam,” watsho uLihayi, “kwaye indiyalele ukuba ndiyilandele.”7 ULihayi wayilandela ukuya ekhuselekweni kwaye ekugqibeleni ukuya kwindlela yosindiso.

Kwihambo yobomi sonke sichitha ixesha kwiindawo, kwiintlango, kwiimeko zosizi okanye zoloyiko okanye zokutyhafiswa “ezimnyama kwaye nezinesithukuthezi”. Umhla wethu wanamhlanje uzele luxinzelelo lwajikelele ziintlekele zezezimali, iingxaki zombane, uhlaselo ngabanqolobi, kunye neentlekele zendalo. Ezi ziguqulekela kwiinkxalabo zomntu ngamnye kunye nezosapho hayi ezamakhaya kuphela ekunokuphilwa kuwo kunye nokutya okukhoyo kokutyiwa kodwa kananjalo ngokhuseleko kunye nentlalontle yabantwana bethu kunye neziprofeto zemihla yokugqibela ngehlabathi lethu. Okunzulu ngakumbi kunezi—kwaye ngamanye amaxesha okunxibelelane nazo—yimicimbi yokuziphatha ngendlela, zesimilo kunye nokubola ngokomoya okubonakala kumanani wabantu ngobukhulu nangobuncinci, ekhaya kunye naphesheya. Kodwa ndiyangqina okokuba iingelosi zisathunyelwa ukuzokunceda thina, njengoko zazithunyelwe ukuyo kunceda uAdam noEva, nokunceda abaprofeti, kwaye kanjalo nokunceda uMsindisi wehlabathi Yena buqu. UMateyu ushicilele kwivangeli yakhe ukuba emveni kokuba uSathana wayehende uKrestu entlango “nanko kufika izithunywa zezulu zimlungiselela.”8 Nkqu noNyana kaThixo, uThixo Yena buqu, wayenesidingo sentuthuzelo yasezulwini ngexesha lohambo lwaKhe ebomini obumgadʼ ahlabayo. Kwaye olo ulungiselelo lunjalo luza kubakho kumalungisa kude kube sekupheleni kwexesha. Njengoko uMormoni watsho kunyana wakhe uMoronayi, owayeya kuthi ngenye imini abe yingelosi:

“Ingaba umhla wemimangaliso uphelile?

“Okanye ingaba iingelosi ziphezile ukubonakala kubo abantwana babantu? Okanye ingaba uwabambile amandla oMoya oyiNgcwele kubo? Okanye ingaba uya kwenza njalo, kangangokuba ilixa liya kubakho, okanye umhlaba uya kuma, okanye kuya kubakho umntu omnye phezu kobuso bawo ukuba asindiswe?

“Qaphelani ndithi kuni, Hayi;kuba … kungokholo ukuze iingelosi zibonakale kwaye zilungiselele kubo abantu. …

“Kuba qaphelani, ziphantsi kolawulo [lukaKrestu], ukuba zilungiselele ngokwelizwi lomyalelo wakhe, zizibonakalisa kwabo banokholo olomeleleyo nengqiqo ezinzileyo kulo lonke uhlobo lobuthixo.”9

Ndicela wonke umntu ova isandi selizwi lam aqine intliziyo, azale lukholo , kwaye akhumbule ukuba iNkosi yathi Yona iya “kulwa amadabi [ethu], namadabi abantwana [bethu], kwaye [namadabi] abantwana babantwana bethu.”10 Kwaye senza ntoni ukuze sifanelwe lolo khuselo? Kumele “sifunisise ngenkuthalo, sithandaze rhoqo, kwaye sikholelwe[. Ngoko ke] zonke izinto ziya kusebenzela ukulunga [kwethu], ukuba [thina] sihamba ngokuthe tye sibe sikhumbule umnqophiso esinqophisene ngawo [thina].”11 Imihla yokugqibela ayililo ixesha lokoyika kunye nokudidizela. Yona ililo ixesha lokukholelwa kwaye sikhumbule iminqophiso yethu.

Ndithethe apha ngoncedo lwasezulwini, ngeengelosi ezikhululelwe ukuba zisisikelele ngexesha lentswelo. Kodwa xa sithetha ngabo bazizixhobo esandleni sikaThixo, siyakhunjuzwa ukuba ayizizo zonke iingelosi ezisuka kweliya icala lekhuselo. Ezinye zazo sihamba nazo kwaye sithetha nazo—apha, ngoku, imihla ngemihla. Ezinye zazo zihlala ebumelwaneni bethu. Ezinye zazo zasizala, kwaye kwelam icala, enye yazo yavuma ukunditshata. Ngokwenene izulu alibonakali lisondele kunaxa sibona uthando lukaThixo lubonakaliswa ebubeleni kunye nasekuzinikeleni kwabantu abalungileyo kakhulu kwaye nabamsulwa kakhulu kwaye ubungelosi lilo kuphela igama elifika engqondweni. UMdala James Dunn, osuka kweli qonga emizuzwini embadlwana, usebenzise elo gama kumthandazo wakhe ukuchaza le kwayara yaBantwana Abancinane—kwaye kungani kungabinjalo? Ngomoya, nobuso, kunye namazwi abo bantwana ezingqondweni zethu kunye naphambi kwamehlo ethu, ndicela ukwabelana nani ngengxelo yomhlobo wam kunye nogxa wam waseBYU, ongasekhoyo uClyn D. Barrus. Ndenza njalo ngemvume yenkosikazi yakhe, uMarilyn, kunye nosapho lwabo.

Ebhekisa ebuntwaneni bakhe kwifama enkulu yaseIdaho, uMzalwane uBarrus wathetha ngesabelo sakhe sasebusuku sokuqokelela iinkomo ngexesha lokusenga. Kuba iinkomo zazidlela kwidlelo elinxuse umlambo iTeton onamaxesha okudlokova, umthetho ongqongqo kwikhaya lwakaBarrus yayikukuba ngexesha lezikhukula zentwasahlobo abantwana kwakungamelanga balandele emveni nakweziphi na iinkomo ezithe zawelela ngaphesheya komlambo. Babemele ukusoloko babuyele ekhaya kwaye bakhangele uncedo oluqolileyo.

Ngomnye uMgqibelo emveni nje kosuku lwakhe lokuzalwa lomnyaka wesixhenxe, abazali bomzalwane uBarrus bathembisa usapho ubusuku kumboniso womfanekiso bhanyabhanya ukuba imisebenzi yasekhaya yayenziwe yagqitywa kwangexesha. Kodwa xa uClyn oselula wayefika kwidlelo, iinkomo aweyezikhangela zaziwele umlambo, nangona wawubalekela kwinqanaba lesikhukula esiphezulu. Esazi ukuba ubusuku obunqabileyo bakhe kumboniso womfanekiso bhanyabhanya wawusemngciphekweni, wagqiba kwelokuba alandele emveni kweenkomo ngokwakhe, nangona wayelumkisiwe amaxesha amaninzi ukuba angaze enze oko.

Njengoko oneminyaka esixhenxe ubudala waye wacenga ihashe lakhe, uBanner, ukuba liye phantsi ngaphakathi komlambo obandayo, owawukhawuleza, intloko yehashe yayivele nje kancinci emanzini. Umntu omdala ohleli kulo ihashe wayeya kukhuseleka, kodwa okubudala obuthambileyo bomzalwane uBarrus, umsinga wamgquma wonke ngokupheleleyo ngaphandle nje xa apho ihashe lalitsibela ngaphambili amaxesha aliqela, lizisa intloko kaClyn ngaphezulu kwamanzi ngokwaneleyo nje ukwenzela ukutsala umoya.

Apha ndiguqukela kumazwi omzalwane uBarrus buqu:

“Xa uBanner wakhwela ekugqibeleni kwelinye icala, ndaqonda ukuba ubomi bam babusemngciphekweni omkhulu kwaye ndandenze into embi—ndandingamthobelanga utata wam ngabom. Ndeva ukuba ndingazihlangula ngokuthi ndibuyise ngokwam iinkomo ekhaya zikhuselekile. Mhlawumbi ngoko utata wam wayenokundixolela. Kodwa kwakusele kurhatyele, kwaye ndandingaqinisekanga ukuba ndandiphi. Ukuphelelwa lithemba kwaye kwandongamela. Ndandimanzi kwaye ndigodola, ndilahlekile kwaye ndisoyika.

“Ndehla kuBanner ogugileyo, ndawa phantsi ngasezinyaweni zakhe, kwaye ndaqalisa ukulila. Phakathi kwenyembezi ezininzana, ndazama ukunikezela ngomthandazo, ndiphindaphinda kuBawo wam oseZulwini, ‘Ndiyaxolisa. Ndixolele! Ndiyaxolisa. Ndixolele!’

“Ndaye ndathandaza ixesha elide. Xa ekugqibeleni ndandijonga phezulu, ndaye ndabona phakathi kwenyembezi zam umntu onxibe mhlophe esiza ngakum. Ebumnyameni, ndeva ngokuqiniseka ukuba ngokuqinisekileyo yingelosi ethunyelwe ukuphendula imithandazo yam. Azange ndishukume okanye ndenze isandi njengoko umntu wayesondela, ndandongamelekile kakhulu koku ndandikubona. Ingaba iNkosi ngokunyanisekileyo yayingathumela ingelosi kum, lo obengathobeli?

“Ngoko ke ilizwi eliqhelekileyo lathi, ‘Nyana, bendikukhangela.’ Ebumnyameni ndaliva ilizwi likatata wam kwaye ndabalekela kwiingalo zakhe ezivulekileyo. Wandibamba wandiqinisa, emveni koko wathi ngobunono, ‘Bendikhathazekile. Ndonwabile ndikufumene.’

“Ndazama ukumxelela indlela endandixolisa ngayo, kodwa amazwi angadibaniyo ayephuma ngaphandle kwimilebe yam engcangcazelayo—‘”Enkosi … ubumnyama … ukoyika … umlambo … ndedwa.’ Kamva kwangobo busuku ndafunda ukuba xa ndandingabuyanga edlelweni, utata wam wayesiza andikhangele. Xa mna okanye iinkomo sasingafumaneki, wayesazi ukuba ndandiwele umlambo kwaye ndandisengozini enkulu. Kuba kwakumnyama kwaye ixesha lalibalulekile, waye wakhulula iimpahla zakhe uyokutsho ezantsi kwimpahla yangaphantsi emhlophe, wabophelela izihlangu zakhe entanyeni yakhe, kwaye waqubha umlambo odlokovayo ukusindisa unyana wolahleko.”12

Bazalwane noodade bam abathandekayo, ndiyangqina ngeengelosi, ngazo zombini ezasezulwini kunye nezasebomini. Ngokwenza njalo ndiyangqina ukuba uThixo akasoze asishiye sodwa, akasoze asishiye singenancedo kwimingeni esijongana nayo. “[Okanye] ingaba uya kwenza njalo, kangangokuba ilixa liya kubakho, okanye umhlaba uya kuma, okanye kuya kubakho indoda [okanye umfazi okanye umntwana] omnye phezu kobuso bawo ukuba asindiswe.”13 Kumaxesha, jikelele okanye ebuqwini, sisenokuziva ukuba siqelele kude noThixo, sivalelwe ngaphandle ezulwini, silahlekile, sisodwa kwiindawo zobumnyama nesithukuthezi. Kumaxesha amaninzi olo xinzelelo lusenokwenziwa zizenzo zethu, kodwa nangoko uBawo wethu sonke ubukele kwaye uyancedisa. Kwaye rhoqo kukhona ezoo ngelosi ezizayo kwaye zihambe ngokusingqongileyo, zibonakalayo kunye nezingabonakaliyo, ezaziwayo kunye nezingaziwayo, ezasebomini kunye nezanaphakade.

Yanga singakholelwa ngokuzilungele kakhulu kuso, kwaye sibenombulelo ongakumbi ngaso, isithembiso seNkosi njengoko siqulathwe kwesinye semiqolo ethandwa nguMongameli uMonson: “Ndiya kuhamba phambi kobuso benu. Ndiya kuba sekunene kwenu nasekhohlo kwenu, … uMoya wam uya kuba [sentliziyweni] yenu, neengelosi zam ziningqonge, zinixhase.”14 Kwinkqubo yokuthandazela ezongeelosi zisihambele, yanga sonke singazama ukuba zingeelosi ngakumbi nathi—ngelizwi elinobubele, ngengalo enamandla, nangesibhengezo sokholo kunye “nomnqophiso esinqophisene ngawo [thina].”15 Mhlawumbi ngoko ke thina singaba zizithunywa ezithunyelwe nguThixo xa umntu, mhlawumbi umntwana wase-Primary, ekhala, “Ubumnyama … uloyiko … umlambo … ndendwa.” Kwesi isiphelo ndiyathandaza ngegama elingcwele likaYesu Krestu, amen.

Shicilela