Ithala Leencwadi
“Kwanaphezu Kwabakhonzazana Ndothulula uMoya Wam Ngaloo Mihla”


“Kwanaphezu Kwabakhonzazana Ndothulula uMoya Wam Ngaloo Mihla”

Siyazi ukuba siyaphumelela ukuba siphila ngendlela yokuba sikulungele, sifumane, kwaye siyakwazi ukulandela uMoya.

Kulo nyaka odlulileyo ndiye ndadibana namawakawaka wabafazi wabaNgcwele beMihla yokuGqibela emazweni amaninzi. Uluhlu lwemingeni aba dade bajongana nalo lude kwaye luyothusa. Kukho iingxaki zosapho, uvavanyo ngokwezoqoqosho, iintlekele, iingozi kunye nezigulo. Kukhona ukuphazamiseka okuninzi kwaye akukho xolo olwaneleyo kunye novuyo. Nangona imiyalezo yamaqonga osasazo echasene noku, akukho mntu usisityebi ngokwaneleyo, omhle ngokwaneleyo, okanye okrelekrele ngokwaneleyo ukuphepha amava obomi bomagadʼ ahlabayo.

Imibuzo ebuzwa ngoodade inzulu kwaye inengqondo. Bona bachaza ukungakhululeki ngekamva, usizi lwezinto ezilindelweyo ezingafezekiyo, ukungaqiniseki okuthile, kunye neemvakalelo ezinciphileyo zokuzixabisa. Zikwabonisa umnqweno onzulu wowenza oko kulungileyo.

Kuye kwakhula kum ubungqina obongamelayo bexabiso lweentombi zikaThixo. Okuninzi kuxhomekeke kubo. Kutyelelo lwam kunye noodade, ndaye ndaziva ukuba akuzange kubekho mfuneko inkulu yokholo olongezelelekileyo kunye nokulunga komntu ngamnye. Akuzange kubekho mfuneko enkulu yeentsapho ezomeleleyo kunye namakhaya. Akuzange kubekho okungakumbi okunokwenziwa ukunceda abanye abasweleyo. Ingaba umntu ukhulisa ukholo, womeleza iintsapho, kwaye anike uncedo kanjani?1 Ingaba umntu obhinqileyo kulo mhla wethu uzifumana njani iimpendulo kwimibuzo yakhe kwaye ame omelele engaguquki ngokuchasene nenkcaso emangalisayo kunye nobunzima?

ISityhilelo Somntu Ngamnye

Umfazi olungileyo uyazi ukuba akanalo ixesha elaneleyo, amandla, okanye ithuba lokukhathalela bonke abantu okanye enze zonke izinto ezifanelekileyo intliziyo yakhe enqwenela ukuzenza. Ubomi abuzolanga kubafazi abaninzi, kwaye usuku ngalunye lubonakala lufuna ukufezekiswa kwezigidigidi zezinto, obuninzi bazo bubalulekile. Umfazi olungileyo kufuneka ukuba alwisane nemiyalezo enomtsalane nekhohlisayo evela kwimithombo emininzi emxelela ukuba ufanelwe kukuthatha ixesha elingakumbi kude noxanduva lwakhe kwaye ufanelwe bubomi obulunge ngakumbi nenkululeko. Kodwa ngesityhilelo somntu ngamnye, unokubeka phambili ngokuchanekileyo kwaye abuhlole obu bomi ngokuzithemba.

Isakhono sokulungela, sokufumana, nokwenza intshukumo kwisityhilelo somntu ngamnye sesona sakhono sinye sibaluleke kakhulu esinokufunyanwa kobu bomi. Ukufanelekela uMoya weNkosi kuqala ngokunqwenela loo Moya kwaye kukubonisa inqanaba elithile lokufaneleka. Ukugcina imiyalelo, ukuguquka, kunye nokuhlaziya iminqophiso eyenzwa ebhaptizweni zikhokelelela kwintsikelelo yokusoloko sinoMoya weNkosi kunye nathi.2 Ukwenza kunye nokugcina iminqophiso yasetempileni kongeza ukomelela ngokomoya kunye namandla ebomini bomfazi. Iimpendulo ezininzi zemibuzo enzima zifunyanwa ngokufunda izibhalo ezingcwele ngenxa yokuba izibhalo ezingcwele ziluncedo kwisityhilelo. 3 Ingqiqo efumaneka ezibhalweni ezingcwele iyaqokeleleka exesheni elide, ngoko ke kubalulekile ukuchitha ixesha elithile kwizibhalo yonke imihla. Ukuthandaza mihla le kubalulekile nako ukuze noMoya weNkosi ube kunye nathi.4 Abo bafuna ngokunyanisekileyo uncedo ngomthandazo kunye nangokufunda izibhalo basoloko benephepha nosiba kufutshane nabo ukuba babhale imibuzo kwaye babhala iimvakalelo kunye neengcinga.

Isityhilelo sinokuza iyure ngeyure kunye nexesha ngexesha njengoko sisenza izinto ezilungileyo. Xa abafazi besondla ngendlela uKrestu wayesondla ngayo, amandla noxolo lunokuhla lukhokele xa kufuneka uncedo. Umzekelo, oomama banokuziva bencediswa nguMoya na xa bediniwe, abantwana abangxolayo bekhalela ukuba banakwe, kodwa uMoya ungaziqelelisa kude kubo ukuba banomsindo ebantwaneni. Ukuba kwiindawo ezilungileyo kusivumela ukuba sifumane isikhokelo. Kudinga umzamo obhadlileyo wokunciphisa iziphazamiso, kodwa ukuba noMoya wesityhilelo kwenza ukuba ibe nako ukuphumelela inkcaso kunye nokuzingisa elukholweni ngeentsuku ezinzima kunye nemisebenzi ebalulekileyo yesiqhelo. Isityhilelo somntu ngamnye sinika ukuqonda koko kumele kwenziwe mihla le ukukhulisa ukholo kunye nokulunga komntu, ukomeleza iintsapho namakhaya, kwakunye nokufuna abo badinga uncedo. Kuba isityhilelo somntu ngamnye singumnombo wamandla ahlaziyekayo rhoqo, kuyenzeka ukuba uzive uhlanjwe ngoncedo nkqu nakumaxesha anzima.

Sixelelwa ukuba sibeke ithemba lethu kuloo Moya usikhokelela “ekwenzeni ngobulungisa, sihambe ngokuthobekileyo, sigwebe ngobulungisa.”5 Siyaxelelwa kwakhona ukuba lo Moya uya kukhanyisela iingqondo zethu, uzalise imiphefumulo yethu ngovuyo, kwaye usincede sazi zonke izinto ekumele sizenze.6 Isityhilelo somntu ngamnye esithenjisiwe siza xa sisicelile, sisilungiselele, kwaye siya phambili ngokholo, sinetheba lokuba siya kuthululwa phezu kwethu.

UMbutho waManina-Ukufundisa, Ukukhuthaza, kunye Nokomeleza

Ekongezeni koku, iNkosi ngobulumko baYo ibonelele ngoMbutho wamaNina ukuba uncede iintombi zaYo kule mihla yokugqibela. Xa uMbutho waManina usebenza ngendlela enempembelelo, uphakamisela abafazi phezulu kwaye ubakhuphe kwihlabathi elineengxaki ubafake kwindlela yokuphila ebalungiselela intsikelelo yobomi banaphakade. Lo mbutho unayona nto ehamba phambili eluxanduva lokunceda oodade bakhulise ukholo kunye nokulunga komntu ngamnye, boomeleze iintsapho namakhaya, kwaye bafune baze bancede abanye abasweleyo. NgoMbutho waManina, oodade banokufumana iimpendulo kwimibuzo yabo kwaye basikelelwe ngamandla abo bonke oodade ahlanganisiweyo okomoya. UMbutho waManina uqinisekisa imo yokwenene neyanaphakade yeentombi zikaThixo. Kukuthenjwa okungcwele, ukukhanya okukhokelayo, kunye nenkqubo yokugadana efundisa kwaye iphembelele abafazi ukuba bomelele kwaye bangagungqi. Isaci sawo esithi, “Uthando Lwenene Aluze Lutshitshe,”7 lukhona kubo bonke abafazi abalungileyo.

Xa intombazana inyukela kuMbutho waManina okanye xa umfazi ebhaptizelwa eBandleni, uba yinxalenye yobudade obomeleza kulungiselelo lwakhe lobomi banaphakade. Ukungena kuMbutho waManina kuthetha ukuba umfazi unokuthenjwa kwaye kuthenjelwe kuye ukuba enze igalelo elibalulekileyo eBandleni. Yena yaqhubeka ukwenza inkqubela njengomntu ozimeleyo ngaphandle kokufumana ukunconywa okanye udumo oluninzi lwangaphandle.

Umongameli wesibini woMbutho waManina, uEliza R. Snow, watsho oku koodade: “Sifuna ukuba ngamanenekazi eneneni ngezenzo, hayi ngokwentetho yegama njengoko ihlabathi ligweba, kodwa sibe ngamaqabane afanele ooThixo nabo baNgcwele. Kwimo elungelelanisiweyo sinako ukuncedisana hayi ekwenzeni okuhle qha kodwa nasekuzihlaziyeni, kwaye nokuba bambalwa okanye baninzi abasondelayo ukuza kunceda ukutshutshisa lo msebenzi mkhulu, bona baya kuba ngabo abaya kuzalisa izikhundla ezibekekileyo eBukumkanini bukaThixo. … Abafazi kufuneka babe ngabafazi hayi iintsana ezifuna ukuphululwa kunye nokulungiswa ngalo lonke ixesha. Ndiyazi ukuba siyathanda ukuxatyiswa kodwa ukuba asifumani lonke uxabiso esicinga ukuba lusifanele, yintoni ebalulekileyo? Siyazi ukuba iNkosi ibeke uxanduva oluphezulu kuthi, kwaye akukho mnqweno iNkosi ewutyale ezintliziyweni zethu ngobulungisa kodwa uya kufezekiswa, kwaye eyona nto ilunge kakhulu esingazenzela thina kwaye senzelane kukuba sihlaziye kwaye sizityale kwinto yonke elungileyo kwaye nenika amandla ukuze silungele olo xanduva.”8

Ukulinganisa Impumelelo

Abafazi abalungileyo bahlala benomnqweno wokwazi ukuba bayaphumelela. Kwihlabathi apho imilinganiselo yempumelelo isoloko igqwethwa, kubalulekile ukufuna uxabiso kunye nesiqinisekiso kwimithombo efanelekileyo. Ukushwankathela uluhlu kwi-Preach My Gospel, siqhuba kakuhle xa siphuhlisa iimpawu zikaKrestu kwaye sizabalazela ukuthobela ivangeli yaKhe ngokuthe ngqo. Siqhuba kakuhle xa sifuna ukuziphucula nathi senze konke okusemandleni ethu. Senza kakuhle xa sikhulisa ukholo kunye nokulunga komntu ngamnye, nokomeleza iintsapho namakhaya, nokufuna kwaye nokunceda abanye abasweleyo. Siyazi ukuba siyaphumelela ukuba siphila ngendlela yokuba siwufanele, yokufumana, kunye neyokwazi ukulandela uMoya. Xa senze konke okusemandleni ethu, sisenokufumana izinto ezisiphoxayo, kodwa asiyi kuphoxeka kuthi thina buqu. Sinokuqiniseka ukuba iNkosi ikholisekile xa sisiva uMoya usebenza ngathi. 9 Uxolo, uvuyo, kunye nethemba ziyafumaneka kwabo balinganisela impumelelo ngokufanelekileyo.

Isityhilelo kwincwadi kaYoweli sithi kwimihla yokugqibela, oonyana neentombi zikaThixo ziya kuprofeta kwaye iNkosi iya kuthulula uMoya waYo phezu kwabakhonzi baYo nabakhonzazana baYo.10 UMongameli Spencer W. Kimball watsho esi siprofeto xa esithi:

“Uninzi lokukhula okukhulu oluza eBandleni ngemihla yokugqibela luya kuza ngenxa yoninzi lwabafazi abalungileyo ehlabathini (abo kuhlala kukho imeko yokomoya enjalo ngaphakathi kwabo) baya kutsaleleka eBandleni ngamanani amakhulu. Oku kuya kwenzeka kufike kwinqanaba apho abafazi beBandla babonakalisa ukulunga kunye nokucaca ebomini babo kunye nakwinqanaba apho abafazi beBandla babonwa behlukile-ngeendlela zokonwaba-kubafazi behlabathi. …

“Ngoko ke iya kuba ngabo bafazi abangumzekelo beBandla abaya kuba ngamandla abalulekileyo ekukhuleni kwamanani nangokukhula kwasemoyeni kweBandla ngemihla yokugibela.”11

Ndiyangqina ukuba ivangeli kaYesu Krestu iyinyani. INkosi ixhomekeka kwiintombi zaYo ukuba zenze indima yazo ekomelezeni amakhaya eZiyon kwakunye nasekwakheni ubukumkani baYo emhlabeni. Njengoko bekhangela kwaye belungele isityhilelo somntu ngamnye, iNkosi iya kuthulula uMoya waYo kubakhonzazana bayo kwezi ntsuku zokugqibela. Egameni likaYesu Krestu, amen.

Shicilela