2010–2019
Isityhilelo seBandla, Isityhilelo Sobomi Bethu
Tshazimpunzi 2018


Isityhilelo seBandla, Isityhilelo Sobomi Bethu

Kwiintsuku ezizayo, akusayi kunokwenzeka ukuphila ngokomoya ngaphandle koMoya oyiNgcwele okhokelayo, onomkhombandlela, othuthuzelayo, kwakunye nonempembelelo eqhubekayo.

Ibe lilungelo elizukileyo ukubhiyozela iPasika nani ngayo le Cawa yenkomfa jikelele! Akukhonto ibinokufaneleka ukwedlula ukukhumbula esona siganeko sibalulekileyo kulo eli hlabathi kunokuthi sikhonze oyena mntu ubalukekileyo okhe wahamba kweli hlabathi. Kulo eli, iBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela, sikhonza Yena owaqala unikelo olungenasiphelo lweNtlawulelo kuMyezo waseGetsemane. Wakhetha ukubandazelekela izono nobuthathaka bomnye nomnye wethu, mbandezelo leyo ithe ibangele ukuba Yena “ophe kwiintunja zonke.” 1 Wabethelelwa kumnqamlezo waseKhalvari2 kwaye wavuka kumhla wesithathu engowokuqala umntu kwabakaBawo wethu oseZulwini abantwana. Ndiyamthanda kwaye ndiyangqina ukuba Uyaphila! Ikwa nguYe okhokela kwaye akhombindlela kwiBandla laKhe.

Ngaphandle kweyoMkhululi intlawulelo engenasiphelo, akukho namnye wethu ebenokuba nethemba lokubuyela kuBawo wethu oseZulwini. Ngaphandle kovuko lwakhe Yena, ukufa bekuya kuba sisiphelo. Intlawulelo yoMsindisi wethu yenze ubomi obungunaphakade bubenokwenzeka kwaye ukuphila ungafi kube yinyani kuthi sonke.

Kungenxa yomsebenzi waKhe ogqithisileyo kunye noxolo Yena alunika abalandeli baKhe oluthe umkam, uWendy, kunye nam seva inthuthuzelo ngokuhlwa kweyoMqungu 2, 2018, xa savuswa ngumnxeba usazisa ukuba uMongameli uThomas S. Monson unyathele ngaphesheya kwekhuselo.

Umfanekiso
UMongameli Russell M. Nelson kunye noMongameli Thomas S. Monson

Indlela esimkhumbula ngayo uMongameli Monson! Sibunika iwonga ubomi kunye nelifa lakhe. Emkhulu ngokomoya, ushiye uphawu olungasukiyo kubo bonke abamaziyo nakulo iBandla ebelithanda.

Ngomhla weCawa, kweyoMqungu 14, 2018, kwigumbi eliphezulu eTempileni iSalt Lake, uBongameli bokuQala basekwa kwakhona ngelula kodwa engcwele indlela esekwe yiNkosi. Kwaze, kweyayizolo indibano enesidima, amalungu eBandla kwihlabathi jikelele enyuse izandla zawo ukungqina isigqibo esithathwe ngaphambili ngabaPostile. Ngokuzithoba ndinombulelo ngenkxaso exhasayo yenu.

Kwaye ndinombulelo kwabo endime kumagxa abo. Ibeyinyhweba yam ukukhonza kwiQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini iminyaka engama-34 kunye nokwazana ngobuqu abali-10 babo abali-16 abadlulayo aBongameli beBandla. Ndifunde lukhulu komnye nomnye wabo.

Ndikwatyala lukhulu kookhokho bam. Bonke bosibhozo ookhokho bam baguqukela kweliBandla eEurope. Kuye ngamnye wale miphefumlo inobukroti yanikela konke ukuze ize eZiyon. Ngexesha lesizukulwana esilandelayo, nangona kunjalo, abazange bonke ookhokho bam bahlale bezinikele ngelohlobo. Ngenxa yoku, andizange ndakhuliswa kwikhaya eligxile kwivangeli.

Umfanekiso
Abazali bakaMongameli Nelson
Umfanekiso
UMongameli Nelson esemncinane nosapho lwakhe

Bendibanonophele abazali bam. Babe lihlabathi kum kwaye bandifundisa izifundo ezibalulekileyo. Andinokubabulela ngokwaneleyo ngobomi bolonwabo ekhayeni abathe babenzela mna nabantwana basekhaya. Nangona kunjalo, nkqu ndiseyinkwenkwana, ndandisazi ukuba kukhona endiphoswa kuko. Ngenye imini ndatsibela kwisithuthi-sesitalato ndaze ndaya kwivenkile yeencwadi zeliBandla ndiyokukhangela incwadi engeliBandla. Ndandithanda ukufunda ngevangeli.

Njengoko ndandisaqonda ngeLizwi Lobulumko, ndandifuna abazali bam bawuphile loo mthetho. Ngoko ke, ngenye imini ngokuya mna ndiselula, ndaya kwigumbi elingaphantsi ndaza ndagibisela kumgangatho wezitena zonke iibhotile zotywala! Ndandilindele ukuba utata andohlwaye, kodwa zange athethe nazwi.

Njengokuba ndiye ndikhula kwaye ndiqalisa ukubuqonda ubuhle obukhulu becebo likaBawo wethu oseZulwini, ndandidla ngokuzixelela, “Andisafuni futhi esinye isipho seKrisimesi! Ndifuna nje ukutywinwa kubazali bam.” Eso siganeko ndandisilangazelela asenzekanga kwade kwabe abazali bam bagqitha kuma-80, saze sandula senzeka. Andikwazi ukuvakalisa ngokupheleleyo uvuyo endathi ndaluva ngaloo mini,3 kwaye usuku ngalunye ndiyaluva olo vuyo lokutywinwa kwabo kunye nokutywinelwa kubo.

Umfanekiso
URussell kunye noDantzel Nelson

Ngo-1945, xa ndandikwisikolo sezonyango, ndatshata noDantzel White kwiTempile yaseSalt Lake. Mna kunye naye sasikelelwa ngeentombi ezintle ezisithoba kunye nonyana omnye oxabisekileyo. Namhlanje usapho lwethu oluqhubekekayo ukukhula lolunye lolona lonwabo lukhulu ebomini bam.

Umfanekiso
UMongameli kunye noDade uNelson kunye neentombi zabo.
Umfanekiso
UMongameli uNelson kunye nonyana wakhe.

Ngo-2005, emva kweminyaka emalunga nama-60 sitshatile, isithandwa sam uDantzel sabizelwa ngokungalindelekanga ekhaya. Okwethutyana, usizi lwam lwaluphantse ndingakwazi ukushukuma. Kodwa umyalezo wePasika kunye nesithembiso sovuko wandixhasa.

Umfanekiso
UWendy noRussell Nelson

Yaza iNkosi yazisa uWendy Watson ecaleni kwam. Satywinelwa kwiTempile yaseSalt Lake ngoTshazimpunzi 6, 2006. Indlela endimthanda ngayo! Ulibhinqa elibalaseleyo—uyintsikelelo enkulu kum, kusapho lwethu, nakwiBandla liphela.

Enye nenye kwezi ntsikelelo ize ngenxa yokufuna kunye nokuthobela impembelelo yoMoya oyiNgcwele. Wathi uMongameli uLorenzo Snow, “Eli lilungelo elizukileyo labo bonke abaNgcwele beMihla yokuGqibela … kuba lilungelo lethu ukuba neembonakalo zoMoya yonke imihla yobomi bethu.”4

Enye yezinto uMoya aziphindaphinde ukuzigxininisa engqondweni yam kusukela kubizo lwam njengoMongameli weBandla yindlela iNkosi ithanda ngayo ukutyhila ingqondo nentando yaYo. Inyhweba yokufumana isityhilelo yenye yezona zipho zikhulu zikaThixo kubantwana baKhe.

Ngokubonakaliswa nguMoya oyiNgcwele, iNkosi iya kusinceda kuyo yonke imisebenzi yethu elungileyo. Ndikhumbula kwigumbi loqhaqho, ndema phezu kwesigulana—ndingaqinisekanga ukuba ndingalwenza njani uqhaqho olungakhange lwenzeke—kwaye ndinamava woMoya oyiNgcwele uveza umzobo weloqhaqho kwingqondo yam.5

Ukomeleza isicelo sam kuWendy, ndathi kuye, “Ndiyazi malunga nesityhilelo kunye nendlela yokusifumana.” Ngembeko yakhe—kwaye, njengoko ndiyendafunda, eqhele ukwenza—wasifuna kwaye wasifumana esakhe isityhilelo malunga nathi, esamnika isibindi sokuvuma.

Njengelungu leQumrhu labaPostile Abalishumi Elinambini, bendisithandazela yonke imihla isityhilelo kwaye ndibulele kwiNkosi rhoqo xa yayithe yathetha ngentliziyo nengqondo yam.

Khawufan ʻucinge ummangaliso wayo! Nokuba yintoni na ubizo lwethu eBandleni, singathandaza kuBawo wethu waseZulwini kwaye sifumane isikhokelo kunye nolwalathiso, silumkiswe malunga neengozi kunye nokuphazamiseka, kwaye sikwazi ukwenza izinto esingakwaziyo ukuzenza ngokokwethu. Ukuba siyawufumana ngokwenyani uMoya oyiNgcwele kwaye sifunde ukuqaphela nokuqonda iimpembelelo zaWo, siya kukhokhelwa kwimiba emikhulu nemincinane.

Kutshanje ndandijamelene nomsebenzi omkhulu wokukhetha abacebisi ababini, ndiye ndabuza ukuba ndingakhetha njani nje amabini kumadoda alishumi elinesibini endiwathandayo nendiwahloniphayo.

Kuba ndiyazi ukuba impembelelo elungileyo isekwe kulwazi oluhle, ngomthandazo ndadibana nompostile ngamnye,6 Ndizilungiselele kwigumbi labucala etempileni ndafunisa ngentando yeNkosi. Ndiyangqina ukuba iNkosi indiyalele ukuba ndikhethe uMongameli Dallin H. Oaks kunye noMongameli Henry B. Eyring ukuba basebenze njengabacebisi bam kwi-Ofisi yoBongameli bokuQala.

Kwangokunjalo, ndiyangqina ukuba iNkosi yaphefumlela ubizo lukaMdala Gerrit W. Gong kunye noMdala Ulisses Soares ukuba bamiselwe njengabaPostile baYo. Mna kunye nathi siyabamkela kobu buzalwana bukhethekileyo benkonzo.

Xa sihlangana njengeBhunga loBongameli bokuQala kunye neQumrhu labaliShumi Elinambini, amagumbi ethu endibano aba ngamagumbi esityhilelo. UMoya ngokuqinisekileyo ukhona. Njengoko sijijisana nemicimbi enzima, kwenzeka inkqubo eyonwabisayo njengoko uMpostile ngamnye echaza ngokukhululekileyo iingcinga zakhe kunye noluvo lwakhe. Nangona sisenokwahluka kumbono wethu wokuqala, uthando esiluvayo omnye komnye luhlala luhleli. Umanyano lwethu lusinceda ukuba siyiqonde intando yeNkosi ngeBandla laYo.

Kwiintlanganiso zethu, isininzi zange salawula. Simamela ngomthandazo omnye komnye kwaye sincokola sodwa de simanyane. Ke xa sele sifikelele kwisivumelwano esipheleleyo, impembelelo yokudityaniswa koMoya oyiNgcwele ubangela iimvakelelo emqolo! Siva into eyayisaziwa nguMprofeti uJoseph Smith xa wayefundisa, “Ngokumanyana ngezimvo sinokufumana amandla kuThixo.7 Akukho lungu laBongameli boKuqala okanye leQumrhu labaliShumi Elinambini elinokuze lishiye izigqibo zeBandla leNkosi ukuba lizise esalo isigwebo!

Bazalwane noodade, singaba ngamadoda namabhinqa njani—abakhonzi abanjengoKrestu—INkosi efuna ukuba sibengabo thina? Singazifumana njani iimpendulo kwimibuzo esisiphazamisi kuthi? Ukuba amava kaJoseph Smith okudlula kwihlathi elingcwele asifundisa nantoni na, kukuba amazulu avulekile kwaye uThixo uyathetha nabantwana baKhe.

Umprofeti uJoseph Smith wasibekela umzekelo esimele siwulandele ekusombululeni imibuzo yethu. Siqhutywa sisithembiso sikaYakobi sokuba, ukuba siswele ubulumko, sinokucela kuThixo.8inkwenkwe uJoseph yathabathela umbuzo wayo ngqo kuBawo oseZulwini. Wakhangela isityhilelo sobuqu, kwaye ukufuna kwakhe kwavula eli thuba losasazo lwevangeli lokugqibela.

Ngendlela efanayo, ingaba ukufuna kwakho kuya kukuvulela ntoni? Bobuphi ubulumko obusweleyo? Yintoni oyiva iyimfuno engxamisekileyo yokwazi okanye yokuqonda? Landela umzekelo womprofeti uJoseph. Fumana indawo ezolileyo onokuya kuyo rhoqo. Zithobe phambi koThixo. Phalaza imbilini yakho kuBawo oseZulwini. Yiya kuYe ukuze ufumane iimpendulo kunye nentuthuzelo.

Thandaza egameni likaYesu Krestu malunga neenkxalabo zakho, uloyiko lwakho, ubuthathaka bakho—ewe, kunye neminqweno yentliziyo yakho. Kwaye umamele! Bhala iingcinga eziza engqondweni yakho. Shicilela iimvakalelo zakho kwaye ulandele ngezenzo ocelwe ukuba uzenze. Njengoko uyiphindaphinda le nkqubo imihla ngemihla, inyanga nenyanga, unyaka nonyaka, uya “kukhulela kumgaqo wesityhilelo.”9

Ingaba uThixo ngokwenene ufuna ukuthetha nawe? Ewe! “Njengoko umntu enokolulela ingalo yakhe encinane ngaphambili enqanda umlambo iMissouri endleleni ubuyele umva … njengoko kunqandwa uSomandla ekuthululeleni phantsi ulwazi luvela ezulwini phezu kweentloko zabaNgcwele beMihla yokuGqibela.”10

Akunyanzelekanga ube uyazibuza ukuba yeyiphi inyani.11 Akunyanzelekanga ube uyazibuza ukuba ungathemba bani ngokukhuselekileyo. Ngesityhilelo sobuqu, ungazifumanela obakho ubungqina bokuba iNcwadi kaMormoni ililizwi likaThixo, okokuba uJoseph Smith ungumprofeti, kwaye okokuba eli liBandla leNkosi. Kungakhathaliseki okokuba bathini abanye okanye benzani, akekho umntu onokuthabatha ubungqina obenzelwe entliziyweni nasengqondweni yakho ngokuyiyo inyani.

Ndiyanibongoza ukuba nilule ngaphaya kobukho bakho bokomoya bokufumana isityhilelo sobuqu, kuba iNkosi ithembise ukuba “ukuba [uyakufuna], uya kufumana isityhilelo esityhilelwayo, ulwazi kulwazi, ukuze wazi iimfihlakalo kunye nezinto zoxolo— into ezisa uvuyo, ibubomi obungonaphakade.”12

Kwowu, kuninzi ngenene oku uBawo oseZulwini afuna ukuba ukwazi. Njengoko uMdala uNeal A. Maxwell wafundisa, “Kwabo banamehlo okubona neendlebe zokuva, kucacile ukuba uYise noNyana banizekela ngeemfihlelo zommandla wonke! ”13

Akukho nto ivula amazulu ngokufana nokudityaniswa kobunyulu obunyukayo, ukuthobela ngokuthe ngqo, ukufuna ngokunyanisekileyo, isidlo semihla ngemihla samazwi kaKrestu kwiNcwadi kaMormoni,14 kunye nexesha omane uzibophelela kwimisebenzi yetempile nakwimbali yosapho.

Ukuqinisekisa, angakhona amaxesha apho unokuziva ngathi amazulu avalekile. Kodwa ndiyathembisa ukuba njengokuba uqhubeka uthobela, uvakalisa umbulelo ngazo zonke iintsikelelo ozinikwe yiNkosi, kwaye njengokuba unyamezelela imbeko yexesha leNkosi, uya kunikwa ulwazi kunye nokuqonda okufunayo. Zonke iintsikelelo iNkosi enazo ngawe—nkqu imimangaliso—iya kulandela. Kuko oko isityhilelo sobuqu singakwenzela kona wena.

Mna ndinethemba ngekamva. Liya kuzaliswa ngamathuba okuba omnye nomnye wethu enze inkqubela, enze igalelo, kwaye ahambise ivangeli kuwo wonke umhlaba. Kodwa kwakhona andizithathi lula ezoo ntsuku ezizayo. Siphila kwihlabathi elintsonkothileyo nelisoloko linembambano ekhulayo. Ukufumaneka rhoqo kwamaqonga onxibelelwano kunye nomjikelo weendaba weyure ezingama-24 usinyanzela ngemiyalezo engapheliyo. Ukuba siza kuba nalo naliphi na ithemba lokuhluza phakathi kwezininzi izandi zamazwi kunye neenkolelo zamadoda ahlasela inyani, kufuneka sifunde ukufumana isityhilelo.

UMsindisi wethu kunye noMhlanguli wethu, uYesu Krestu, uya kwenza eminye imisebenzi yaKhe ebalaseleyo phakathi kwangoku na xa athe Yena wabuya kwakhona. Siza kubona imiqondiso engummangaliso yokuba uThixo uYise kunye noNyana wakhe, uYesu Krestu, bongamela eli Bandla ngobungangamsha kunye nozuko. Kodwa kwiintsuku ezizayo, ayizukwenzeka ukuba uphile ngokomoya ngaphandle kokukhokelwa, ukwalathiswa, ukuthuthuzelwa kunye nokuphembelelwa rhoqo nguMoya oyiNgcwele.

Bazalwane bam noodade endibathandayo, ndiyanibongoza ukuba nikhulise amandla enu omoya okufumana isityhilelo. Vumela le Cawe yePasika ibe ngumzuzu ochazayo ebomini bakho. Khetha ukuwenza umsebenzi wokomoya odingekayo ukuze wonwabele isipho soMoya oyiNgcwele kwaye uve ilizwi loMoya rhoqo kwaye ngokucacileyo.

Kunye noMoronayi, ndiyanibongoza ngayo le Sabatha yePasika ukuba“nize kuKrestu kwaye nifumane zonke izipho ezilungileyo,”15 niqala ngesipho soMoya oyiNgcwele, sipho eso esinako kwaye esiza kuguqula ubomi bakho.

Singabalandeli bakaYesu Krestu. Eyona nyani ibalulekileyo uMoya oyiNgcwele ayakuthi ayingqine kuwe ngokwenene yeyokuba uYesu unguye uKrestu, uNyana woThixo ophilayo. Uyaphila! UnguMthetheleli wethu kuye uBawo, uMzekeliso wethu, kwakunye noMhlanguli wethu. Ngale ntsasa yeCawa yePasika, sikhumbula idini laKhe lokuhlawulela, ukuVuka kwaKhe kokwenene, kunye nobuthixo baKhe.

Eli liBandla laKhe, libuyiswe ngoMprofeti uJoseph Smith. Ndiyangqina, ngemvakaliso yothando lwam komnye nomnye wenu, ngegama elingcwele likaYesu Krestu, amen.

Shicilela