2010–2019
Kwilifu kunye noKukhanya kweLanga, Nkosi, Hlala nam!
INkomfa Yajikelele EyeDwarha 2019


Kwilifu kunye noKukhanya kweLanga, Nkosi, Hlala nam!

Ndiyangqina ukuba “kwilifu kunye nokukhanya kwelanga” iNkosi iya kuhlala nathi, ukuze “iimbandezelo zethu [zingaginywa] kuvuyo lukaKrestu.”

Enye yeengoma zethu esizithandayo ivakalisa isibongozo esithi “kwilifu kunye nokukhanya kwelanga, Nkosi, hlala nam!”1 Ndakhe ndabakwinqwelo–moya njengoko yayisondela kwisaqhwithi esikhulu. Ndijonge ngaphandle kwefestile, ndabona ingubo exineneyo yamafu ezantsi kwethu. Imitha yelanga xa itshona ibonakale emafini, iwenza ukuba akhanye ngokuqaqamba okukhulu. Kungekudala, inqwelo-moya yehla phakathi kwamafu anzima, saza ngequbuliso sagutyungelwa bubumnyama obukhulu obasimfamekisa ngokupheleleyo ekukhanyeni okungamandla esasikubonile kwimizuzwana nje engaphambili.2

Umfanekiso
Imitha yelanga xa litshona
Umfanekiso
Amafu amnyama

Amafu amnyama asenokubumbeka ebomini bethu, anokusimfamekisa ekukhanyeni kukaThixo kwaye asenze sithandabuze ukuba oko kukhanya kusekhona na kuthi. Amanye aloo mafu kukudakumba, ukukhathazeka, kunye nezinye iintlobo zembandezelo yengqondo kunye neemvakalelo. Anokuyigqwetha indlela esizibona ngayo thina, nabanye, nkqu kwanoThixo. Achaphazela abantu basetyhini kunye namadoda bayo yonke iminyaka kuzo zonke iinkalo zehlabathi.

Ngokunjalo okwenzakalisayo lilifu lokuthandabuza elinokuchaphazela abanye abangakhange bafumane le mingeni. Njengalo naliphi na ilungu lomzimba, ingqondo ixhomekeke kwizigulo, kumothuko kunye nokungalingani kwamachiza. Xa iingqondo zethu zibandezeleka, kufanelekile ukufuna uncedo kuThixo, kwabo basingqongileyo, nakwiingcali zonyango kunye nezengqondo.

“Wonke umntu—indoda nomfazi—udalwe ngokomfanekiselo kaThixo. Omnye ngamnye uyintandane engunyana okanye eyintombi ngokwasemoyeni yabazali basezulwini, kwaye … umntu ngamnye unemvelo yobuThixo kunye nolwazelelo.”3 Njengabazali bethu baseZulwini noMsindisi wethu, sinomzimba wenyama4 kunye namava emizwa.5

Boodade bam abathandekayo, kuyinto eqhelekileyo ukuziva unosizi okanye ukhathazekile kanye ngexesha. Usizi kunye nokukhathazeka ziimvakalelo zomntu zendalo.6 Nangona kunjalo, ukuba sihlala sinosizi kwaye ukuba iintlungu zethu zithintela amandla ethu okuva uthando lukaBawo wethu waseZulwini kunye noNyana waKhe kunye nempembelelo yoMoya oyiNgcwele, emva koko sinokubandezeleka kudakumbo, nakunxunguphalo, okanye nakwenye imeko yeemvakalelo.

Intombi yam yakhe yabhala: “Kwakukho ixesha … [apho] ndandibuhlungu kakhulu ngalo lonke ixesha. Ndandihlala ndicinga ukuba usizi yinto oba neentloni ngayo, kwaye luphawu lobuthathaka. Ndaye ndagcina usizi lwam kum. … Ndaziva ndingento yanto kwaphela.”7

Umhlobo uyichaze ngale ndlela: “Ukususela ebuntwaneni bam, bendisoloko ndijamelana nedabi lokuziva ndingenathemba, ubumnyama, isizungu, noloyiko kwaye ndiziva ngathi ndonakele okanye ndinesiphene. Ndenze yonke into ukuyifihla intlungu yam kwaye ndingaze ndinike umbono wokuba andiyonto ngaphandle kokukhula kwaye ndomelele.”8

Bahlobo bam abathandekayo, inokwenzeka nakubani na wethu—ngakumbi xa, njengamakholwa kwicebo lolonwabo, sizibeka umthwalo ongengomsebenzi kuthi ngokucinga ukuba kufuneka sigqibelele ngoku. Iingcinga ezinjalo zinokuba nzima. Ukufezekisa ingqibelelo yinkqubo eya kwenzeka kubomi bethu basemhlabeni nangaphaya—nangobabalo lukaYesu Krestu kuphela.9

Ngokuchaseneyo, xa sizityand’ igila kwimingeni yethu yeemvakalelo, sivuma ukuba asifezekanga, sinika abanye imvume yokuba babelane nabo ngemizabalazo yabo. Sisonke siyaqonda ukuba likho ithemba kwaye akufuneki sive ubunzima sodwa.10

Umfanekiso
Ithemba lokuBuya kweSibini

Njengabafundi bakaYesu Krestu, senze umnqophiso noThixo ukuba “sikulungele ukuthwalisana imithwalo” kwaye “silile nabo balililayo.”11 Oku kunokubandakanya ukwaziswa malunga nezigulo zokuvakalelwa, ukufumana izixhobo ezinokunceda ukujongana nale mizabalazo, kwaye ekugqibeleni ukuzizisa thina kunye nabanye kuKrestu, onguMphilisi oyiNtloko.12 Nokuba asazi ukuba sinxibelelana njani nezinto abanye abajamelana nazo, ukuqinisekisa ukuba intlungu yabo iyinyani inokuba linyathelo lokuqala lokufumana ukuqonda nokuphilisa.13

Ngamanye amaxesha, unobangela woxinzelelo okanye unxunguphalo unokuchongwa, ngelixa ngamanye amaxesha kunokuba nzima ukuqonda.14 Iingqondo zethu zisenokubandezeleka ngenxa yoxinzelelo15 okanye ukudinwa okumangalisayo,16 ezinokuthi ngamanye amaxesha ziphuculwe ngokulungiswa kwindlela otya ngayo, nolala ngayo kunye nozilolonga ngayo. Ngamanye amaxesha, unyango okanye amayeza phantsi kwesikhokelo seengcali eziqeqeshiweyo zisenokufuneka.

Ukunganyangwa kwengqondo okanye ukugula ngokwemvakalelo kunokukhokelela ekwandeni kokuzahlula, ukungaqondani, ubudlelwane obuqhekekileyo, ukuzenzakalisa, kunye nokuzibulala. Ndiyayazi le nto, njengoko notata wam wasweleka ngokuzibulala kwiminyaka emininzi eyadlulayo. Ukubhubha kwakhe kwakothusa kwaye kwabangela iintlungu kusapho lwam kunye nam. Kundithathe iminyaka ukuba ndisebenze kwintlungu yam endikuyo, kwaye kutshanje apho ndiye ndafunda ukuthetha ngokuzibulala ngeendlela ezifanelekileyo kunceda ukukuthintela kunokuba ndikukhuthaze.17 Ngoku ndixoxe ngokuphandle ngokusweleka kukatata nabantwana bam kwaye ndangqina impiliso enokuthi uMsindisi ayinike kumacala omabini esigqubuthelo.18

Okulusizi kukuba, uninzi lwabantu abanengxaki yokudakumba okunzulu bayazikhwebula kude kwabanye ooNgcwele kuba beziva ukuba abalingani kwimbumbulu ethile yentelekelelo. Singabanceda bazi kwaye bazive ukuba ngokwenene bangabethu. Kubalulekile ukuqaphela ukuba ukudakumba akusosiphumo sobuthathaka, kwaye ayisosiphumo sesono.19 Kukhula “emfihlakalweni kodwa iyancipha kuvelwano.”20 Sisonke, sinako ukugqobhoza kumafu okuzahlula kunye nokubekwa ibala ukuze umthwalo weentloni uphakanyiswe kwaye imimangaliso yokuphiliswa ibenokwenzeka.

Ngexesha lobulungiseleli baKhe basemhlabeni, uYesu Krestu waphilisa abagulayo nabaxhwalekileyo, kodwa umntu ngamnye kwafuneka asebenzise ukholo kuYe kwaye enze into yokufumana ukuphiliswa kwaKhe. Abanye bahamba imigama emide, abanye belula izandla zabo ukuze bachukumise ingubo yaKhe, kwaye abanye kwakufuneka basiwe kuYe ukuze baphiliswe.21 Xa kuziwa ekuphilisweni, ingaba asimdingi Yena na ngokungazenzisiyo? “Asingabangqibi sonke na?”22

Masilandeleni indlela yoMsindisi kwaye sonyuse imfesane yethu, sinciphise ukutyekela kwethu ekugwebeni, siyeke ukuba ngabahloli bomoya wabanye. Ukumamela ngothando sesinye sezona zipho zinkulu esinokunikela ngazo, kwaye singakwazi ukunceda ukuthwala okanye ukuphakamisa amafu anzima awafuthamisela abo sibathandayo nabahlobo23 ukuze, ngothando lwethu, baphinde bave uMoya oyiNgcwele kwaye baqonde ukukhanya okuphuma kuYesu Krestu.

Ukuba uhlala ujikelezwe “yinkungu yobumnyama,”24 jika uye kuBawo waseZulwini. Akukho nto ekhe yenzeka kuwe enokutshintsha inyani engunaphakade yokuba ungumntwana waKhe kwaye Yena uyakuthanda.25 Khumbula ukuba uKrestu nguMsindisi noMhlawuleli wakho, kwaye uThixo unguYihlo. Bayaqonda. Yiba nomfanekiso waBo bekufutshane nawe, bemamele kwaye benika inkxaso.26 “[Baya] kukuthuthuzela kwiimbandezelo zakho.”27 Yenza konke onako, kwaye uthembele kubabalo oluhlawulelayo lweNkosi.

Imizabalazo yakho ayikuchazi, kodwa inako ukucokisisa wena.28 Ngenxa “yoviko enyameni,”29 unokwazi ukuba novelwano ngakumbi kwabanye. Njengoko ukhokelwa nguMoya oyiNgcwele, yabelana ngebali lakho ukuze “uncede ababuthathaka, uphakamise izandla eziwileyo, uze womeleze amadolo ahexayo.”30

Kwabo bethu ngoku basokola okanye baxhasa umntu osokolayo, masizimisele ukulandela imiyalelo kaThixo ukuze sibenokusoloko sinawo uMoya waKhe ukunye nathi.31 Masenze “izinto ezincinane nezingenamsebenzi”32 oko kuya kusinika amandla okomoya. Njengoko uMongameli Russell M. Nelson watsho, “Akukho nto ivula amazulu ngokufana nokudityaniswa kobunyulu obunyukayo, ukuthobela ngokuthe ngqo, ukufuna ngokunyanisekileyo, ukuzondla imihla ngemihla ngamazwi kaKrestu kwiNcwadi kaMormoni, kunye nexesha omane uzibophelela kwimisebenzi yasetempileni nakwimbali yosapho.”33

Umfanekiso
UMsindisi ephilisa

Masikhumbule sonke ukuba uMsindisi wethu, uYesu Krestu, “[uthabathele] kuye ubuthathaka [bethu], ukuze izibilini zakhe zizaliswe yimfesane, ngokwasenyameni, ukuze azi … nendlela yokusinceda [thina] ngokobuthathaka [bethu].”34 Weza “ukuza kubopha abantliziyo zaphukileyo, … ukuthuthuzela bonke abanesijwili; … ukubanika isihombo esikhundleni sothuthu, ioli yemihlali esikhundleni sesijwili, ingubo yendumiso esikhundleni somoya odambayo.”35

Umfanekiso
UkuBuya kwesiSibini

Ndiyangqina kuwe ukuba “kwilifu kunye nokukhanya kwelanga” iNkosi iya kuhlala nathi, “iimbandezelo zethu [zingaginywa] kuvuyo lukaKrestu,”36 kwaye “kungobabalo ukuba sisindiswe, emva kwako konke esinokuthi sikwenze.”37 Ndiyangqina ukuba uYesu Krestu uya kubuyela emhlabeni “enokuphilisa emaphikweni akhe.”38 Ekugqibeleni, Yena uya “kuzisula zonke iinyembezi emehlweni [ethu]; kwaye akusayi kubakho … sijwili.”39 Kubo bonke abaya “kuza kuKrestu, bagqibelele kuye,”40 “aliyi kuba satshona ilanga; … kuba iNkosi iya kuba sisikhanyiso esingunaphakade [kuthi], zizaliseke iimini zesijwili [sethu].”41 Egameni likaYesu Krestu, amen.

Izikhumbuzo

  1. “Abide with Me!” Hymns, no. 166.

  2. Xa sasiphezulu ngaphezu kwamafu, sasingenakububona ngamehlo ubumnyama obabulele nje umganyana okufutshane ngaphantsi kwethu, kwaye xa sasigutyungelwe bubumnyama ngaphantsi, kwakunzima ukuba nomfanekiso-ngqondweni wokukhanya kwelanga elikhazimla nje umganyana okufutshane ngaphezulu kwethu.

  3. Usapho: ISibhengezo kwiHlabathi,” Liyahona, Canzibe. 2017, 145.

  4. “Umoya nomzimba zingumphefumlo womntu” (IMfundiso neMinqophiso 88:15). “Umzimba wakho uyitempile yomoya wakho. Kwaye ukuba uwusebenzisa njani umzimba wakho uchaphazela umoya wakho” (Russell M. Nelson, “Decisions for Eternity,” Liyahona, Nkanga 2013, 107).

  5. Bona, umzekelo, Isaya 65:19; Luka 7:13; 3 Nifayi 17:6–7; Moses 7:28. Ukufunda ukubona nokuxabisa iimvakalelo zethu kunokusinceda sizisebenzise ngendlela eyakhayo ukuze sifane noMsindisi wethu, uYesu Krestu.

  6. Bona “Sadness and Depression,” kidshealth.org/en/kids/depression.html.

  7. Hermana Elena Aburto blog, hermanaelenaaburto.blogspot.com/2015/08. Uye wabhala:

    “Eso silingo sandinika ithuba lokuba ndisebenzise ukholo lwam kwicebo losindiso. Kuba ndandisazi ukuba uBawo wam waseZulwini wayendithanda, kwaye Yena wayenecebo nje ngam, kwaye noKrestu wayeyiqonda kakuhle le nto ndandidlula kuyo.”

    “UThixo akakuhlazi xa usilela kwisakhono. Uyakuvuyela ukukunceda uphucuke kwaye uguquke. Akalindelanga ukuba ulungise yonke into ngaxeshanye. Akunyanzelekanga ukuba wenze lento wedwa” (iwillhealthee.blogspot.com/2018/09).

  8. Imbalelwano yobuntu. Uye wabhala wathi: “Impembelelo yokuthomalalisa ephilisayo yeNtlawulelo yoMsindisi wam iye yaba yeyona nto ingumthombo woxolo nekhusi kulo lonke uhambo lwam. Xa ndiziva ndindodwa emzabalazweni wam, ndiyakhunjuzwa ukuba Yena sele eve amava endijongene nawo ngenxa yam. … Kukho ithemba elininzi ekwazini ukuba umzimba wam wekamva ogqibeleleyo, novusiweyo awuzukuhlaselwa sesi sifo [sembandezelo] sasemhlabeni.”

  9. Bona Russell M. Nelson, “Perfection Pending,” Ensign, Nkanga 1995, 86–88; Jeffrey R. Holland, “Be Ye Therefore Perfect—Eventually,” Liyahona, Nkanga 2017, 40–42; J. Devn Cornish, “Am I Good Enough? Will I Make It?Liyahona, Nkanga 2016, 32–34; Cecil O. Samuelson, “What Does It Mean to Be Perfect?New Era, Mqungu 2006, 10–13.

  10. Kubalulekile ukuba sithethe ngale micimbi nabantwana bethu, neentsapho kunye nabahlobo emakhayeni ethu, emasebeni nasekuhlaleni.

  11. Mozaya 18:8–9.

  12. Bona Russell M. Nelson, “Jesus Christ—the Master Healer,” Liahona, Nov. 2005, 85–88; Carole M. Stephens, “The Master Healer,” Liyahona, Nkanga 2016, 9–12.

  13. Ukwazi indlela yokuqonda imiqondiso kunye neempawu kuthi nakwabanye kunokuba luncedo. Sinokufunda ukubona iindlela ezingalunganga okanye ezingaphilanga zokucinga kunye nendlela yokuzitshintsha ngeezichanekileyo nezisempilweni.

  14. Ukudakumba kunokubangelwa ziinguqu zobomi ezintle—ezinjengokuzalwa komntwana okanye umsebenzi omtsha—kwaye kunokwenzeka xa izinto zilungile ebomini bomntu.

  15. Bona “Understanding Stress,” Adjusting to Missionary Life (2013), 5–10.

  16. Bona Jeffrey R. Holland, “Like a Broken Vessel,” Liyahona, Nkanga 2013, 40.

  17. Bona Dale G. Renlund, “Understanding Suicide” (video), ChurchofJesusChrist.org; “Talking about Suicide” (video), ChurchofJesusChrist.org; Kenishi Shimokawa, “Understanding Suicide: Warning Signs and Prevention,Liyahona, Dwarha 2016, 35–39.

  18. “Ukuqala kokuphiliswa kufuna ukholo olufana nolomntwana kwinto engenakuguqulwa yokokuba uBawo oseZulwini uyakuthanda kwaye unikezele ngendlela yokuphilisa. UNyana waKhe oyiNtanda, uYesu Krestu, wancama ubomi baKhe ukuze abonelele ngoko kuphilisa. Kodwa akukho sisombululo somlingo, akukho mafutha okuthambisa alula okunyanga, kwaye akukho ndlela ilula eya elunyangweni olupheleleyo. Unyango lufuna ukholo olunzulu kuYesu Krestu nasemandleni aKhe angapheliyo okunyanga” (Richard G. Scott, “To Heal the Shattering Consequences of Abuse,” Liyahona, Canzibe 2008, 42). Xa kukho ingxaki, utyekelo lwethu kukuyilungisa. Nangona kunjalo, akukho mfuneko yokuba sizilungiselele thina okanye abanye. Akunyanzelekanga ukuba sizenzele yonke into. Ngaphezulu kwesihlandlo esinye ebomini bam, ndiye ndafuna iincutshe zokundinceda ndijongane namaxesha anzima.

  19. Bona Yohane 9:1–7.

  20. Jane Clayson Johnson, Silent Souls Weeping (2018), 197.

  21. Bona Mateyu 9:2–7, 20–22; 14:35–36; Marko 1:40–42; 2:3–5; 3 Nifayi 17:6–7.

  22. Mozaya 4:19; bona kwakhona Jeffrey R. Holland, “Are We Not All Beggars?Liyahona, Nkanga. 2014, 40–42.

  23. Bona AbaseRoma 2:19; 13:12; bona kwakhona Jeffrey R. Holland, “Come unto Me” (Brigham Young University devotional, Mar. 2, 1997), speeches.byu.edu.

  24. 1 Nifayi 8:23; bona kwakhona 1 Nifayi 12:4, 17; 3 Nifayi 8:22.

  25. Bona INdumiso 82:6; AabaseRoma 8:16–18; IMfundiso neMinqophiso 24:1; 76:24; Moses 1:1–39.

  26. Bona Adjusting to Missionary Life, 20; bona kwakhona Mika 7:8; Mateyu 4:16; Luka 1:78–79; Yohane 8:12.

  27. Yakobi 3:1; bona kwakhona Abase-Efese 5:8; AbaseKolose 1:10–14; Mozaya 24:13–14; Alma 38:5. Funda intsikelelo yakho kasolusapho okanye ucele intsikelelo yobubingeleli ukuze uve kwaye ukhumbule indlela uBawo waseZulwini akuthanda ngayo kwaye afuna ukusikelela ngayo.

  28. Bona 2 AbaseKorinte 4:16–18; IMfundiso neMinqophiso 121:7–8, 33; 122:5–9.

  29. 2 AbaseKorinte 12:7.

  30. IMfundiso neMinqophiso 81:5; bona kwakhona Isaya 35:3.

  31. Bona Moronayi 4:3; IMfundiso neMinqophiso 20:77.

  32. Alma 37:6.

  33. Russell M. Nelson, “Revelation for the Church, Revelation for Our Lives,” Liyahona, Canzibe 2018, 95.

  34. Alma 7:12; bona kwakhona Isaya 53:4; 2 Nifayi 9:21; Mozaya 14:4.

  35. Isaya 61:1–3; bona kwakhona Luka 4:18.

  36. Alma 31:38; bona kwakhona Alma 32:43; 33:23.

  37. 2 Nifayi 25:23.

  38. Malaki 4:2; 3 Nifayi 25:2.

  39. ISityhilelo 21:4.

  40. Moronayi 10:32.

  41. Isaya 60:20.

Shicilela