“UJane Elizabeth Manning James,”Izihloko zeMbali yeBandla
“UJane Elizabeth Manning James”
UJane Elizabeth Manning James
UJane Elizabeth Manning James (malunga no–1822–1908) wayengomnye wabantwana abahlanu ubuncinane ababezalwa sisibini samaAfrika aseMelika eConnecticut ngexesha apho uninzi lwabantu abantsundu eMelika babengamakhoboka.1 Njengomntu obesele eqabukile, waye wazimanya neNew Canaan Congregational Church ngo–1841, kodwa emva kweenyanga ezi–18, kubusika buka–1842–43,, yena namalungu aliqela wosapho lwakhe baye babhaptizwa kwiBandla likaYesu Krestu labaNgcwele beMihla yokuGqibela. UJane kunye nabanye kusapho lwakhe baye banqwenela ukuzimanya nabaNgcwele eNauvoo, ngoko ke baye basuka eConnecticut besingise eNew York, beceba ukuhamba ngeenqanawe nangezikhephe zomjelokazi. Kodwa, zange bavunyelwe ukuba bakhwele enqanaweni ngenxa yohlanga lwabo, ngoko ke kwanyanzeleka ukuba bahambe iimayile ezi–800 ezazisele. EPeoria, Illinois, abasemagunyeni ekuhlaleni babuza abakwaMannings kuba babengathi ngamakhoboka awayeqhweshile kwaye bafuna amaphepha abonisa isimo sabo senkululeko ukuba babe ngabakhululekileyo. Ubuhlanga yayingumgiba awayeza kuqhubisana nawo ubomi bakhe bonke uJane.
Xa wayeseNauvoo, uJane wakha ubuhlobo ngokukhawuleza noJoseph kunye no-Emma Smith. Wayehlala nabo kwaye esebenza emzini wabo. Kwelinye ixesha, u–Emma wamema uJane ukuba amkelwe njengomntwana kusapho lakwaSmith ngentsikelelo yotywino.2 UJane wala, engaqondi esi senzo sitsha, singaqhelekanga, kodwa yena wayekholelwa ngokuqinileyo kwindima kaJoseph yobuprofeti. “Ndandimazi uMprofeti uJoseph,” waye wangqina kamva. “Yena wayeyindoda esulungekileyo endakhe ndayibona emhlabeni. … Ndandiqinisekile ukuba yena wayengumprofeti kuba ndandikwazi oko.”3
Ngeencoko awayenazo noJoseph kunye nonina, uLucy Mack Smith, uJane wafunda ngakumbi malunga neNcwadi kaMormoni kwakunye nangenguqulelo yayo kwaye wazuza ukuqonda kunye nentlonipho yemimiselo yasetempileni.
UJane waye watshata no–Isaac James, owayengoguqukileyo ontsundu owayekhululekile ephuma eNew Jersey. Bona, kunye nonyana kaJane uSylvester, baye bahamba eNauvoo basingisa kwelasentshona kunye nabaNgcwele. KweyeSilimela saloonyaka, unyana kaJane no–Isaac, uSilas waye wazalwa. Kunyaka olandelayo, usapho lwawela amathafa, lwafika kwiNtlambo iSalt Lake kwixesha lasekwindla kunyaka ka–1847. U–Isaac noJane balizwa ngabanye abantwana abathandathu, kodwa babini qha abaye baphila ixesha elide ukwegqitha uJane. Njengabanye abahlali kwiNtlambo iSalt Lake, uJane no–Isaac basebenza nzima besebenzela usapho lwabo. U–Isaac wayesebenza njengomsebenzi kwaye engumqhubi wokwexesha elithile wamahashe kaBrigham Young, kwaye uJane wayeluka ilaphu, esenza iimpahla, kwaye ehlamba neempahla, ngokufanayo noko wayekwenza eNauvoo.
Iingxabano emtshatweni zaye zakhokelela u-Isaac noJane kuqhawulo-mtshato ngo–1870. Emveni koko, uJane wabanomtshato omfutshane weminyaka emibini nowayesakuba likhoboka, uFrank Perkins, kodwa kamsinyane wabuyela kubomi bokuba ngumzali nomakhulu oyedwa. Imfuno yemali kunye nokufa kwabantwana abathathu kwabangela uJane ukuba abuyele emsebenzini. Wayesenza kwaye ethengisa isepha, xeshikweni ababini koonyana bakhe babeqeshwe njengabasebenzi. Ngo–1890, emva kweminyaka e–20 yokuba kude, u–Isaac wabuyela kwisiXeko saseSalt Lake, wavuselela ubulungu bakhe beBandla, kwaye wakha ubudlelwane bokuba ngabahlobo noJane. Xa wayesweleka emva konyaka, inkonzo yomngcwabo yayibanjelwe kwikhaya lakhe.
Kubo bonke ubunzima ebomini bakhe, uJane wahlala ezinikele elukholweni lwakhe kwiimfundiso zevangeli kwaye ebuxabisile nobulungu bakhe eBandleni. Wanikela ekwakhiweni kwetempile kwaye wathatha inxaxheba nakuMbutho woNcedo nakwiYoung Ladies’ Retrenchment Society.4 UJane wabanobutyebi bamava wezipho zoMoya, eziquka imibono, amaphupha, ukuphiliswa ngokholo, kwakunye nokuthetha ngeelwimi. “Ukholo lwam kwiVangeli kaYesu Krestu,” yena wabhala kamva ebomini bakhe, “luseluqilima nanamhlanje, hayi, kusenokwenzeka ukuba luqine ngaphezulu ukogqitha leyo yalamhla ndandiqala ukubhaptizwa ngawo.”5
Phakathi ko–1884 kunye no–1904, wayeqhagamshelana neenkokheli zeBandla ngamathuba—uJohn Taylor, uWilford Woodruff, Zina D. H. Young, kunye noJoseph F. Smith—kwaye wayefuna imvume yokuba afumane isipho sakhe sasetempileni nokuba atywinwe.6 Ngelaxesha, amadoda nabafazi abantsundu angabaNgcwele beMihla yokuGqibela babengavumelekanga ukuba bathathe inxaxheba kwimimiselo emininzi yasetempileni. Ngo–1888, umongameli wengqokelela yamasebe u–Angus M. Cannon waye wagunyazisa uJane ukuba enze ubhatizelo lwezalamane zakhe ezingasekhoyo.7 Ekugqibeleni iinkokheli zeBandla zaye zamvumela ukuba atywinwele kusapho lukaJoseph Smith njengesicaka ngo–1894, isiganeko eso esasisesahlukileyo. Nangona wayengazange asifumane isipho sasetempileni okanye utywino losapho ngexesha lobomi bakhe, le mimiselo waye wayenzelwa ngo–1979.8
Waye wasweleka kwekaTshazimpuzi 16, 1908, eneminyaka engama–95, ehleli engoNgcwele weMihla yokuGqibela onyanisekileyo. I Deseret News yabika oku, “Bambalwa abantu ababephawulelwa ngakumbi ngokholo nokunyaniseka kunoJane Manning James, kwaye nangona wayengothobekileyo emhlabeni wayebabala abahlobo nabo wayebazi ngamakhulu.”9