2011
Akekho Apha, Kodwa UVukile
Epreli 2011


Umyalezo wesiMongameli Sokuqala, Epreli 2011

Akekho Apha, Kodwa UVukile

Namhlanje ziintsalela ezishiyekileyo eKhaphenahum, eso sixeko singasemlanjeni, isizikithi zobufundisi booMsindisi baseGalili. Apha Washumayela endlwini yesikhukhungu, wafundisa ngaselwandle, kwaye waphilisa emakhayeni.

Ekuqaleni kwentshumayelo Yakhe, uYesu wathatha umbhalo ka Izaya: “UMoya weNkosi uThixo uphezu kwam; ngokuba INkosi indimisile ukuba ndishumayele indaba ezimnandi kwabathobekileyo; undithumele ukuba ndibophe abaneentliziyo ezaphukileyo, ndisasaze inkululeko emabanjweni, kwaye nasekuvulekeni kwejele kwabo ababanjiweyo” (Izaya 61:1; bona no Luka 4:18)—isaziso esicacileyo secebo lezulu sokusindisa oonyana namantombazana kaThixo.

Kodwa intshumayelo ka Yesu eGalili yayisisiqalo nje. Unyana woMntu wayesoloko ethanda ukuya kwinduli ebizwa ukuba yiGolgotha

Ebanjiwe eGadini eGetsemane emva kweSidlo Sasebuku Sokugqibela, elahlwe ngaBalandeli Bakhe, eticelwe, walingwa, kwaye wahlazwa, uYesu wagxadazela ngaphantsi komnqamlezo Wakhe wabhekisa eKhalvari. Waqhubekeka ephuma ekunqobeni waya ekungcatshweni, waya entshutshisweni, kwaye nasekufeni emnqamlezweni.

Emazwini eculo “Isixeko EsiNgcwele”:

Umboniso watshintshwa. …

Intsasa yayibanda kwaye inengqele,

Xa kwakunyuka isithunzi somnqamlezo

Endulini eyodwa.1

UBawo wethu waseZulwini wasinika uNyana Wakhe. UMntakwethu Omdala kuthi wanikela ngobomi Bakhe.

Ekugqibeleni iNkosi yayinokujika ibuyele umva. Kodwa akazange. Wadlula ngaphantsi kwazo zonke izinto ukuze Asindise zonke izinto: uluntu, umhlaba, bonke ubomi obakhe basemhlabeni.

Akukho mazwi ebuKrestwini anentsingiselo endichukumisayo njengala athethwa yingelosi kuMariya wase Magdaleni olilayo kunye nomnye uMariya xa babesondela engcwabeni beyokuhoya umzimba weNkosi yabo: “Kutheni nikhangela abaphilayo kwabafileyo? Akekho Apha, Kodwa UVukile” (Luka 24:5–6).

Ngenxa yesisaziso, abo abakhe baphila kwaye bafa, nabo abaphilayo, abayokufa ngenye imini, kwaye nabo abasezakuzalwa kwaye babhubhe basindisiwe.

Ngenxa yokunqoba kukaKrestu ukufa, siyakuvuka ekufeni. Oku kukukhululwa komphefumlo. UPawulosi wabhala:

“Kukho … imizimba yanaphakade, nemizimba yomhlaba: kodwa uzuko lwanaphakade lumanyene, kwaye uzuko lomhlaba yenye intlobo.

“Kukho uzuko lwelanga, olunye uzuko lwelwenyanga, kwaye olunye lwelwenkwenkwezi: kodwa uzuko lwenye inkwenkwezi lwahlukile kwenye.

“Ke ngoko lunjalo lovuko kwabafileyo.” (1 Abase Korinte 15:40–42).

Luzuko lwanaphakade esilifunayo. Kusebukhweni bukaThixo esilangazelela ukuhlala khona. Lusapho lwanaphakade esifuna ukuba ngamalungu alo.

Ngalowo owasikhulula ekufeni okungapheliyo, Ndiyangqina Ungutitshala wenyaniso—kodwa Ungaphezulu kwetitshala. Ungumzekelo wobomi obugqibeleleyo—kodwa Ungaphezulu komzekelo. Ungugqirha omkhulu—kodwa Ungaphezulu kogqirha. UnguMsindisi wenene wehlabathi, Unyana kaThixo, INkosi yoXolo, INgcwele yase Sirayeli. ewe kanye INkosi evukileyo ekufeni, owasazisa, “Ndingowokuqala nowokugqibela; Ndingulo uphilayo, Ndingulo wabulawayo; NdinguMthetheleleli wenu kuBawo” (Imfundiso neMinqophiso 110:4).

“Oh, lumnandi uvuyo lesisivakaliso: ‘Ndiyayazi ukuba UMkhululi wam uYaphila!’”2

Ngoku Ndiyangqina.

Izikhumbuzo

  1. Frederick E. Weatherly, “Isixeko EsiNgcwele” (1892).

  2. “I Know That My Redeemer Lives,” Hymns, no. 36.

Ukufundisa ngaloMyalezo

Ootitshala abalungileyo bakhuthaza umanyano phakathi kwabo babafundisayo. Njengokuba abantu besabelana ngemivakalelo yabo kwaye bamamelane ngokulinganayo, abonwabeli umoya wendawo omhle qha kwindawo abafundela kuyo kodwa bayamanyana ngakumbi.(bona Teaching, No Greater Call [1999], 63). Umanyano luyakukhula phakathi kwabo obafundisayo njengokuba usabelana ngobungqina bakho beNtlawulo kaYesu Krestu noVuko Lwakhe ngentlonipho. Okukumanyana kunganceda amasapho ukuba alandele ingcebiso kaMongameli Monson yokuba “ngamasapho anaphakade. ”

Shicilela