2012
Umbulelo kuTitshala wam wesikolo SangeCawa.
Juni 2012


ulutsha

Umbulelo kuTitshala Wam WeSikolo SangeCawa

Iklasi yam. YeSikolo SangeCawa ayisoloko inentlonipho enzulu ezolileyo. Ndiyathanda ukumamela izifundo rhoqo ngeveki, kodwa ngamanye amaxesha kuba ngathi abanye abaseklasini yam abathandi. Kaninzi bayancokolisana okanye badlale imidlalo kwizixhobo zabo zombane ngelixa utitshala wethu ezama ukusifundisa. Kabuhlungu, Ngamanye amaxesha Ndizifumama ndiyinxenye yengxaki.

Ngenye iveki sasiqatsele kunesiqhelo, kwaye ekupheleni kweklasi, utitshala wethu walila ngokuba kwakungekho namnye omamela isifundo sakhe. Ukuphuma kwethu eklasini, ndaba nosizi ngaye.

KwiCawa elandelayo utitshala wethu wasicacisela ukuba wathandaza kakhulu kulo veki, ekhangela inkhokhelo, kwaye yafika engqondweni yakhe ukuba kufanele asibonise ifilim yaseCawa. Wawudlala loo mboniso bhanya—bhanya, owawu ngobomi bukaYesu Krestu kwaye nemimangaliso Ayenzayo.

Xa Ndandicinga ngaloo mboniso ngaloo njikalanga, Ndava into eyahlukileyo. Ngokukhawuleza Ndaqaphela ukuba Ndandisiva uMoya, kakhulu kunangaphambili. Ngoko nangoko Ndagqiba ukuba Ndifuna ukwenza inguquko ezithile ebomini bam Ndifane noMsindisi, kwaye Ndaqaphela ukuba la mava ase Sikolweni sangeCawa ngalaa mini abomeleza kakhulu ubungqina bam. Ndinombulelo kakhulu ngotitshala wam weeSikolo sam sangeCawa kwaye nangayo yonke into ayenzela iklasi yethu rhoqo ngeveki.

Shicilela