UMyalezo waBaNdwendweli Makhaya, Julayi 2012
Ukubonakalisa Ukuba NgaBalandeli Abangabafundi ngoThando kwaye nangeNkonzo
Funda lo myalezo ngomthandazo, kwaye ngokufanelekileyo uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze oodade bakho kwaye wenze Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho.
Kubomi Bakhe Bonke Basemhlabeni, uYesu Krestu wabonakalisa uthando Lwabanye ngokubashumayeza. Wathi, “Ngako oku wonke umntu uyayazi ukuba ningabalandeli bam, ukuba niyathandana” (Yohane 13:35). Wawubeka umzekelo kwate ufuna ukuba “siphilise abo abamele [yethu] impiliso” (Mozaya 4:16). Ubiza abalandeli Bakhe ukuba basebenze kunye Naye entshumayelweni yobufundisi Bakhe, ebanika ithuba lokukhonza abanye kwaye nelokuba bafane Naye ngaphezulu.1
Inkonzo yethu njengabandwendweli makhaya iyakufana ncam nentshumayelo yobufundisi bukaMsindisi xa sibonakalisa uthando lwethu lwabo sibafundisayo ngokubandwendwela xa sisenza oku kulandelayo:2
-
Khumbula amagama abo kwakunye namagama amalungu osapho lwabo ukuze uziqhelanise kunye nabo.
-
Bathande ngaphandle kokubagweba.
-
Bajonge kwaye bomeleze ukholo lwabo “ngamunye ngamunye,” njengoko kwenziwa nguMsindisi (3 Nifayi 11:15).
-
Yakha ubuhlobo obunyanisekileyo kunye nabo kwaye ubandwendwele emakhayeni wabo nakwezinye iindawo.
-
Khathalela oodade omnye nomye. Khumbula iimini zokuzalwa, zokuthwesa izidanga, zemitshato, zokuphehlelelwa, okanye amanye amaxesha eziganeko ezinentsingiselo kuye.
-
Nxulumanani namalungu amatsha nalawo angasayikhuthalelanga icawa.
-
Fikelelekani kwabo babodwa banomvandedwa abaswele intuthuzelo.
Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele
Kuphuma Embalini Yethu
Itestamente Entsha inamaxesha nembaliso yabafazi, abanamagama kwaye nabanganamama, abasebenzisa ukholo kuYesu Krestu. … Aba bafazi baya baba ngabalandeli abayimizekelo. … [Ba]hamba kunye noyesu kwaye Nabapostile Bakhe AbaLishumi Elinesibini. Banikela ngomxhesho wabo ukuncedisa kwintshumayelo yobufundisi bakhe. Emva kokufa nokuvuka Kwakhe [ba]qhubeka baba ngabafundi abathembekile”3
UPawulosi wabhala ngomfazi ogama linguFibi, “owayengumkhonzi wecawa” (AmaRoma 16:1). Wacela abantu ukuba “bamncedise kuwo nawuphina umsebenzi awayefuna uncedo kuwo: ngokuba wayengumphilisi wabaninzi” (AmaRoma 16:2). “Intlobo yenkonzo eyayinikwa nguFibhi kwaye namanye amabhinqa eTestamente eNtsha isaqhubekeka nanamhlanje namalungu oMbutho wooDade—iinkokheli, abandwendweli makhaya, oomama, kwaye nabanye—basebenza njengabaphilisi okanye abancedi, babaninzi.”4
© 2012 yi Intellectual Reserve, Inc. Onke amalungelo agciniwe. Ishicilelwe eUSA. Isivumelo sesiNgesi: 6/11. Isivumelo Sokuguqula: 6/11. Inguqulelo ka Visiting Teaching Message, July 2012. Xhosa. 10367 774