2012
Ukukhonza eTempileni
Agasti 2012


ulutsha

Ukukhonza eTempileni

Xa Ndandibamba iminyaka eyi17 ubudala, Ndaqala ngokucinga nzulu ngekamva lam, kwaye Ndathandaza kuBawo waseZulwini ngoko Ndinokwenza ukulungiselela ukuba ukuya kubufundisi beminyaka emibini epheleleyo kwaye nangokwamkela uBubingeleli buka Melkhizidek. Ndava kum ngaphakathi ukuba kufuneka Ndiye etempileni kakhulu ngokuba yindlu yeNkosi kwaye yindawo apho eNdandinokuziva Ndisondele kuBawo wam waseZulwini.

Ke ngoko ndazibekela umsebenzi ngenjongo yokuwugqiba ukuba ndiphehlelelwe kayi 1,000 enyakeni. Ngenyaniso Ndava ngaphakathi kum imfuno yokuzibekela lo msebenzi ngenjongo yokuwufeza; Ndazila okusiwa emlonyeni ukuze Ndiyazi ukuba yintoni Emandiyenze. UBawo wethu waseZulwini wandiphendula, kwaye Ndaqala ndaya kwiTempile (yase) iTampico Mexico rhoqo ngeMigqibelo.

Emva kokuba Ndibhaptizwe kayi 500, Ndazibekela umsebenzi wokwenza uphando lwembali yezinyanya zam, kwaye Ndandithanda ukuphanda ngabo kakhulu kwade kwaca’ba Andikwazi kulala ngenxa yokuba Ndandikhangela amagama. Ndafumana amagama ayi – 50 kwaye nezizukulwana ezisibhozo zembali yosapho lwam; Ndancedisa ukwenza umsebenzi wasetempileni wabo bonke.

Ndigqibe ndibhaptizwe kangaphaya kwe1,300, kwaye ndaphumelela ndazigqiba izifundo zolutsha iseminari, ndafumana uBubingeleli buka Melkhizedek, kwaye ngoku ndikwinkonzo yobufundisi beminyaka emibini epheleleyo, into eyayiyenye yeenjongo zam ezinkulu endandifuna ukuzigqiba ebomini bam.

Shicilela