Umyalezo wabaNdwendweli Makhaya, Okhthobha 2012
Ukuhlonipha Iminqophiso
Funda lo myalezo, kwaye ngokufanelekileyo, uxoxe ngawo kunye noodade obandwendwelayo. Sebenzisa lemibuzo ukukunceda womeleze odade bakho kwaye nokukwenza Umbutho wooMama usebenze kwindawo yawo ebomini bakho.
Ukufundisa ngokundwendwela amakhanya umboniso wokuba ngumfundi kwaye indlela yokuhlonipha iminqophiso ngokuba luncedo kwaye nokomeleza omnye nomye. Umnqophiso ungcwele kwaye isathembiso esingapheliyo ngaphakathi kukaThixo kanye nabantwana bakhe. “Xa sizazi ukuba singabantwana beeminqophiso, siyazazi ukuba singobani kwaye siyayazi into uThixo ayifunayo kuthi,” kutsho iGosa uRussell M. Nelson weQumrhu yabaPostile abalishumi nambili. “Imiyalelo Yakhe ibhalwe ezintliziyweni zethu. nguThixo wethu kwaye singabantwana bakhe.”1
NjengabaNdwendweli makhaya singomeleza abosibandwendwelayo ngokugcina iminqophiso yabo engcwele. Ngokwenza njalo, siyabanceda ukuba balungiselele iintsikelele zobomi banaphakade. “Omnye nomye udade kulecawa wenze iminqophiso neNkosi kwaye unomsebenzi oxabisekile wezulu wokunceda ukusindisa imiphefumulo, wokukhokhela abafazi basemhlabeni, nokomeleza amakhaya aseZayoni, kwaye bakhe ikumkani likaThixo,”2 kwatsho iGosa uM. Russel Ballard weQumrhu labaPostile abalishumi Elinesibini.
Xa sigcina kwaye senza iminqophiso, sibayizixhobo ezandleni zikaThixo. Sizokwazi ukuthetha ngenkolo yethu kwaye someleze omnye nomnye kwinkolo ulwini kwakunye noYesu Krestu.
Kuvela kwiZibhalo eziNgcwele
1 Nifayi 14:14; Mozaya 5:5–7; 18:8–13; iMfundiso neMinqophiso 42:78; 84:106
Kuphuma Embalini Yethu
Itempile “yindawo yombulelo kubobonke abangcwele” iNkosi yatshilela uMprofethi uYosefa Smith ngo1833. Kuyi “ndawo yokufundiswa kubobonke ababiziwe ebufundisini kubizo lwabo oluninsi kwakunye nase ma-ofisini; ukuba baqonde kakuhle ubufundisi babo, ngolwazi, ngemigaqo, kwakunye nezimfundiso, kuzozonke izinto zekumkani likaThixo emhlabeni” (Imfundiso neMinqophiso 97:13–14).
Odade beNtlanganiso Yomama eNavu, e-Illinois, ekuqaleni konyaka u1840 babencedana ukulungiselela imimiselo yasetempelini. Kwimimiselo ephezulu yobubingeleli abaNgcwele Bezinsuku Zokugqibela abayithola etempelini yaseNavu, “amandla kathixo [wa] bonakala” (D&C 84:20) “Xa abaNgcwele begcina iminqophiso, lamandla omeleza kwaye aqinisa abo bajongene nobunzima kwimini kwakunye neminyaka ezayo ngaphambili.”3
Ecaweni namhlanje, oomama nootata abathembekileyo emhlabeni gabalala bancedisa etempelini kwaye baqhubekeka ukuthola ukomelezwa ngezinsikelelo ezitholakala kwiminqophiso yasetempelini kuphela.
© 2012 yi Intellectual Reserve, Inc. Ikhampani Onke amalungelo agciniwe. Kubhalwe eUSA. Isivumelo sesiNgesi: 6/11 Isivumelo Sokuguqula: 6/11. Inguqulelo ka Visiting Teaching Message, October 2012. Xhosa. 10370 774
Yintoni Endinokukwazi Ukuyenza?
-
Indomeleza njani iminqophiso yam?
-
Ndibanceda njani oodade bam ukuba bagcine iminqophiso yabo?